Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 5

Esona Sipho Sikhulu Sivela KuThixo Kukuhlawulelwa Kwezono Zethu

Esona Sipho Sikhulu Sivela KuThixo Kukuhlawulelwa Kwezono Zethu

1, 2. (a) Sisipho esinjani oye usixabise? (b) Kutheni ukusifela kukaYesu kusesona sipho sibalulekileyo?

SESIPHI esona sipho usithandayo wakha wasifumana? Akunyanzelekanga ukuba isipho sibize imali eninzi ukuze usithande. Xa sikonwabisa okanye siyile nto kanye uyidingayo, uye usixabise nyhani.

2 Kuzo zonke izipho esakha saziphiwa nguThixo, kukho esona sibaluleke ukogqitha ezinye. Eso sipho uThixo wasinika abantu. UYehova wathumela uNyana wakhe uYesu Kristu ukuze siphile ngonaphakade. Kwesi sahluko, siza kufunda ngaloo nto. (Funda uMateyu 20:28.) UYehova wabonisa ukuba usithanda nyhani ngokuthumela uNyana wakhe ukuba azokusifela.

KUTHENI KUFUNEKA SIHLAWULELWE?

3. Kutheni sisifa?

3 UYehova wathumela uNyana wakhe ukuba asihlawulele ukuze asikhulule esonweni nasekufeni. (Efese 1:7) Ukuze siqonde ukuba kutheni sidinga ukuhlawulelwa, kufuneka siqale siqonde into eyenzeka kudala kwigadi yase-Eden. Abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, bona. Ngenxa yaloo nto, bafa. Nathi ke siyafa kuba sifumene isono kuAdam noEva.​—Funda iSihlomelo 9.

4. Ngubani uAdam, ibe babunjani ubomi bakhe?

4 Xa uYehova wadala umntu wokuqala uAdam, wamnika into exabisekileyo, ubomi obufezekileyo. Wayenengqondo nomzimba ofezekileyo. Wayengazukugula, engazukwaluphala, futhi engazukufa. UYehova wayenguTata kuAdam kuba wayemdale ngokwakhe. (Luka 3:38) UYehova wayesoloko encokola naye. Wachazela uAdam izinto awayezilindele kuye, waza wamnika nomsebenzi omnandi.​—Genesis 1:28-30; 2:16, 17.

5. Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi uAdam wayedalwe “ngokomfanekiso kaThixo”?

5 UAdam wadalwa “ngokomfanekiso kaThixo.” (Genesis 1:27) UYehova wamnika iimpawu ezifana nezakhe, njengothando, ubulumko, ubulungisa namandla. Wayengadalwanga wafana nomatshini ochazelwa yonke into omele uyenze. Wanikwa inkululeko yokuzikhethela. UThixo wamdala ngohlobo lokuba akwazi ukuzikhethela into elungileyo nengalunganga. Ukuba uAdam wayekhethe ukumthobela uThixo, wayeza kuphila ngonaphakade eParadesi.

6. Walahlekelwa yintoni uAdam xa wakhetha ukungamthobeli uThixo? Loo nto yasifaka kweyiphi ingxaki?

6 Xa uAdam wakhetha ukungamthobeli uThixo waza wagwetyelwa ukufa, walahlekelwa yinto exabiseke kakhulu. Walahlekelwa bubuhlobo noYehova, ubomi bakhe obufezekileyo, neParadesi. (Genesis 3:17-19) UAdam noEva baphelelwa lithemba lokuphila ngonaphakade kuba bakhetha ukungamthobeli uThixo. Ngenxa yento eyenziwa nguAdam, “isono sangena ngomntu omnye ehlabathini, nokufa kwangena ngenxa yesono, kwaza ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu ngenxa yokuba bonke babenesono.” (Roma 5:12) Xa wonayo, ‘wathengisa’ yena nathi ukuba sibe ngamakhoboka esono nokufa. (Roma 7:14) Ngaba thina sinalo ithemba lobomi obungunaphakade? Ewe sinalo, kuba uYehova uye walungiselela ukuba zihlawulelwe izono zethu.

7, 8. Ngokuqhelekileyo, kuhlawulwa njani?

7 Ngokuqhelekileyo, kuhlawulwa njani? Okokuqala kubhatalwa imali ukuze kukhululwe umntu okanye kubuyiselwe into. Okwesibini, imali okanye into ekuhlawulwa ngayo imele ilingane ngexabiso nale nto ihlawulelwayo.

8 Akekho umntu onesono owayenokukwazi ukubhatala umonakalo omkhulu owenziwa nguAdam xa wonayo waza wasizisela ukufa. Kodwa uYehova wenza indlela yokusikhulula esonweni nasekufeni. Makhe sifunde ngokuba ukuhlawulelwa kwezono zethu kwenzeka njani, ibe kungasinceda njani.

UYEHOVA UZIHLAWULELE NJANI IZONO ZETHU?

9. Ubomi obalahlwa nguAdam babuza kuhlawulelwa njani?

9 Akukho nomnye kuthi owayenokukwazi ukuhlawulela ubomi obufezekileyo obalahlwa nguAdam. Ngoba? Ngenxa yokuba sonke sinesono, kwakufuneka kuhlawulwe ngobomi obufezekileyo. (INdumiso 49:7, 8) Yiloo nto uYesu wazinikelayo kuba wayenobomi obufezekileyo obabulingana nobomi ‘obalahlwa’ nguAdam. (1 Timoti 2:6) Kaloku kwakufuneka ubomi obulingana twatse nobomi obabulahlwe nguAdam.

10. UYehova wenza ntoni ukuze kuhlawulelwe izono zethu?

10 UYehova wenza ntoni ukuze kuhlawulelwe izono zethu? Wathumela uNyana wakhe amthandayo emhlabeni. Lo Nyana nguYesu, ibe xa uThixo wayedala waqala ngaye. (1 Yohane 4:9, 10) UYesu wavuma ukushiya uTata wakhe nekhaya lakhe lasezulwini. (Filipi 2:7) UYehova wathatha ubomi bukaYesu ezulwini waza wabufaka kwisibeleko sikaMariya emhlabeni, waza uYesu wazalwa engumntu ongenasono.—Luka 1:35.

UYehova wanikela ngoNyana wakhe ukuze ahlawulele izono zethu

11. Kwenzeka njani ukuba umntu omnye ahlawulele bonke abantu?

11 Xa uAdam engazange athobele uYehova, walahlekelwa bubomi obufezekileyo. Nabantwana bakhe bonke zange bafezeke. Ukhona umntu owayenokubahlawulela abantwana baka-Adam? Ewe ukhona. (Funda kwabaseRoma 5:19.) UYesu ongazange wona, wabahlawulela ngobomi bakhe obufezekileyo. (1 Korinte 15:45) Ubomi bakhe babunokubahlangula bonke abantwana baka-Adam ekufeni.​—1 Korinte 15:21, 22.

12. Kwakutheni ukuze uYesu kufuneke anyamezele iintlungu?

12 IBhayibhile isichazela kakuhle indlela uYesu awaba sezintlungwini ngayo ngaphambi kokuba afe. Wakatswa kanobomi, wabethelelwa kwisibonda sokungcungcutheka, de wayokufa eqaqanjelwa enjalo. (Yohane 19:1, 16-18, 30) Kwakutheni ukuze uYesu kufuneke anyamezele zonke ezi ntlungu? Kaloku uSathana wayeme ngelithi akukho mntu uza kuhlala ethembekile kuThixo xa esehlelwa zizinto ezibuhlungu kakhulu. UYesu wabonisa ukuba umntu ofezekileyo angathembeka kuThixo nokuba angasezintlungwini ezingakanani. Umele ukuba wavuya nyhani uYehova xa ebona uYesu ethembekile!​—IMizekeliso 27:11; funda iSihlomelo 15.

13. Zahlawulelwa njani izono zethu?

13 Zahlawulelwa njani izono zethu? UYesu wahlawula ngobomi bakhe kuYehova. Ngomhla we-14, kwinyanga yamaYuda enguNisan, ngonyaka ka-33, uYehova wavumela iintshaba zikaYesu zimbulale. (Hebhere 10:10) Emva kweentsuku ezintathu, uYehova wamvusa enomzimba ongumoya. Emva kwexesha elithile, uYesu wenyukela ezulwini ebuyela kuTata wakhe, waza wanikela ngexabiso lobomi bakhe obufezekileyo ukuze ahlawulele izono zabantu. (Hebhere 9:24) Ekubeni sihlawulelwe ngoku sinokukhululeka esonweni nasekufeni.​—Funda kwabaseRoma 3:23, 24.

UKUSIFELA KUKUYESU KUSINCEDA NJANI?

14, 15. Simele senze ntoni ukuze izono zethu zixolelwe?

14 Esi sipho sikaThixo sele sisinceda nangoku. Makhe sithethe ngendlela esisinceda ngayo ngoku nakwixesha elizayo.

15 Izono zethu ziyaxolelwa. Akusoloko kulula ukwenza izinto ezilungileyo. Sikhe siphazame, ngamanye amaxesha sithethe okanye senze into engalunganga. (Kolose 1:13, 14) Simele senze ntoni ukuze sixolelwe? Simele sizisole ngento esiyenzileyo, sizithobe kuYehova, simcele asixolele. Emva koko, sinokuqiniseka ukuba izono zethu zixolelwe.​—1 Yohane 1:8, 9.

16. Simele senze ntoni ukuze singakhathazwa sisazela?

16 Asizukukhathazwa sisazela. Xa isazela sethu sisikhathaza ngenxa yento engalunganga esiyenzileyo, siye sizive sinetyala, mhlawumbi siphelelwe lithemba, sicinge ukuba akukho yethu. Kodwa asifanele sinikezele. Ukuba siyamcenga uYehova, sicele uxolo, uza kusimamela aze asixolele. (Hebhere 9:13, 14) UYehova ufuna sithethe naye ngazo zonke iingxaki zethu, simchazele nezinto ezenza kube nzima ukuba simthobele. (Hebhere 4:14-16) Loo nto iza kwenza sibe nesazela ezikhululekileyo phambi koThixo.

17. Zeziphi iintsikelelo esinokuzifumana ngenxa yokusifela kukaYesu?

17 Sinethemba lokuphila ngonaphakade. “Umvuzo ohlawulwa sisono kukufa, kodwa isipho esivela kuThixo bubomi obungunaphakade ngoKristu uYesu iNkosi yethu.” (Roma 6:23) Sinokuphila ngonaphakade size singaze sigule, ngenxa yokuba uYesu wasifela. (ISityhilelo 21:3, 4) Kodwa simele senze ntoni ukuze sisikelelwe ngale ndlela?

BONISA UKUBA UYAYIXABISA INTO UYEHOVA AWASENZELA YONA

18. Sazi njani ukuba uYehova uyasithanda?

18 Uye uzive njani xa umntu ekupha isipho esihle? Ukuhlawulelwa kwezono zethu sesona sipho sixabiseke kunazo zonke, ibe simele simbulele uYehova ngaso. UYohane 3:16 uthi “uThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo.” Nyhani ke, uYehova usithanda kakhulu, ude wasincamela uNyana wakhe amthandayo, uYesu. Siyayazi noYesu uyasithanda kuba wavuma ukusifela. (Yohane 15:13) Esi sipho simele sikwenze uqiniseke ukuba uYehova noYesu bayakuthanda.​—Galati 2:20.

Okukhona sifunda ngoYehova, kokukhona siza kuye simthanda size sibe ngabahlobo bakhe

19, 20. (a) Unokuba ngumhlobo kaYehova njani? (b) Unokubonisa njani ukuba uyayixabisa into uYehova asenzele yona?

19 Unokuba ngumhlobo kaThixo njani ngoku, ekubeni ufundile ngendlela akuthanda ngayo? Kunzima ukuthanda umntu ongamaziyo. Kodwa uYohane 17:3 uthi ‘unokumazi kakuhle’ uYehova. Okukhona uye umazi kokukhona uza kuye umthanda, ufune ukwenza izinto eziza kumvuyisa uze ube ngumhlobo wakhe. Ngoko ungayeki ukufunda iBhayibhile kuba ikufundisa ngoYehova.​—1 Yohane 5:3.

20 Yixabise into yokuhlawulelwa kwezono zethu. IBhayibhile ithi “lowo uzikholelwayo izinto azifundisayo uNyana kaThixo aze azenze, uza kufumana ubomi obungunaphakade.” (Yohane 3:36) Ukuba siyazikholelwa izinto esizifundiswa nguYesu, simele sizenze. (Yohane 13:15) Asimele sitsho nje ngomlomo ukuba siyakholwa kuYesu. Ukuba sikuxabisa nyhani ukusifela kukaYesu, masenze izinto ezibonisa ukuba sinokholo. UYakobi 2:26 uthi: “Ukholo olungenamisebenzi lufile.”

21, 22. (a) Kutheni simele sibekho kwiSikhumbuzo Sokufa KukaKristu qho ngonyaka? (b) Siza kuthetha ngantoni kwiSahluko 6 no-7?

21 Yibakho kwiSikhumbuzo Sokufa KukaKristu. Ngale mini wayeza kubulawa ngayo uYesu, ngokuhlwa, wafundisa ukuba kwenziwe iSikhumbuzo sokufa kwakhe. Qho ngonyaka siyasenza esi Sikhumbuzo, sikwabizwa ngokuba siSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. (1 Korinte 11:20; Mateyu 26:26-28) UYesu ufuna sihlale sikhumbula ukuba wanikela ngobomi bakhe obufezekileyo ukuze ahlawulele izono zethu. Wathi: “Hlalani nisenza le nto, niyenzela ukundikhumbula.” (Funda uLuka 22:19.) Xa usibakho kwesi Sikhumbuzo, ubonisa ukuba uyakuxabisa ukusifela kukaYesu, nendlela uYehova noYesu abasithanda ngayo.​—Funda iSihlomelo 16.

22 Ukuhlawulelwa kwezono zethu sesona sipho sixabisekileyo. (2 Korinte 9:14, 15) Esi sipho siza kunceda neemiliyoni zabantu eziswelekileyo. Siza kuthetha ngendlela eza kwenzeka ngayo le nto kwiSahluko  6 no-7.