Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 18

Ngaba Ndimele Ndizinikele KuThixo Ndize Ndibhaptizwe?

Ngaba Ndimele Ndizinikele KuThixo Ndize Ndibhaptizwe?

1. Ngowuphi umbuzo onokuzibuza wona emva kokufunda le ncwadi?

ZININZI izinto ezifundiswa yiBhayibhile oye wazifunda kule ncwadi, njengethemba lobomi obungunaphakade esibuthenjiswe nguThixo, ukuba abantu abaswelekileyo bayaphi nangethemba lokuvuswa kwabantu abaswelekileyo. (INtshumayeli 9:5; Luka 23:43; Yohane 5:28, 29; ISityhilelo 21:3, 4) Kusenokwenzeka ukuba sele usiya kwiintlanganiso zamaNgqina KaYehova, ibe uyabona ukuba akhonza uThixo ngendlela ayifunayo. (Yohane 13:35) Kusenokwenzeka ukuba usondele kuYehova kunakuqala, ibe uzixelele nokuba ufuna ukumkhonza. Ngoko usenokuzibuza, ‘Ndimele ndenze ntoni ngoku ukuze ndikhonze uThixo?’

2. Kwakutheni ukuze indoda engumTiyopiya ifune ukubhaptizwa?

2 Indoda engumTiyopiya eyayiphila ngexesha likaYesu yabuza into efanayo. Emva kwexesha uYesu evusiwe, umfundi kaYesu uFilipu, washumayela kule ndoda. UFilipu wayenza yaqonda ukuba uYesu nguMesiya. Le ndoda ingumTiyopiya yazithanda kakhulu izinto eyazifundayo yaza ngoko nangoko yathi: “Jonga! Nanga amanzi, ndinqandwa yintoni ndingabhaptizwa?”​—IZenzo 8:26-36.

3. (a) Wathini uYesu kubalandeli bakhe? (b) Umele abhaptizwe njani umntu?

3 IBhayibhile ifundisa ukuba xa ufuna ukukhonza uYehova umele ubhaptizwe. UYesu wathi kubalandeli bakhe: ‘Benzeni abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptize.’ (Mateyu 28:19) UYesu waba ngumzekelo ngokuthi abhaptizwe naye. Akazange afefwe nje ngamanzi entloko, kodwa watshoniswa wonke emanzini. (Mateyu 3:16) Nanamhlanje, xa umKristu ebhaptizwa umele atshoniswe wonke emanzini.

4. Yintoni abayibonayo abanye abantu xa ubhaptizwa?

4 Xa ubhaptizwa, abanye abantu baye babone ukuba ukufuna nyhani ukuba ngumhlobo kaThixo, ibe ufuna ukumkhonza. (INdumiso 40:7, 8) Ngoko usenokuzibuza, ‘Ndimele ndenze ntoni ukuze ndibhaptizwe?’

KUFUNEKA UBE NOLWAZI NOKHOLO

5. (a) Yintoni omele uyenze kuqala ngaphambi kokuba ubhaptizwe? (b) Kutheni kubalulekile ukuya qho kwiintlanganiso?

5 Umele umazi kakuhle uYehova noYesu ngaphambi kokuba ubhaptizwe. Sele uyiqalile le nto ngokufunda iBhayibhile. (Funda uYohane 17:3.) Kodwa ikhona nenye into ekufuneka uyenze. IBhayibhile ithi umele ‘ukwazi ngendlela echanileyo’ ukuthanda kukaYehova. (Kolose 1:9) Iintlanganiso zamaNgqina KaYehova ziza kukunceda usondele kuYehova. Leyo yenye yezinto eyenza kubaluleke ukuya qho kwiintlanganiso.​—Hebhere 10:24, 25.

Ngaphambi kokuba ubhaptizwe, umele ufunde iBhayibhile

6. Umele uyazi kangakanani iBhayibhile ngaphambi kokuba ubhaptizwe?

6 UYehova akalindelanga ukuba wazi yonke into eseBhayibhileni ngaphambi kokuba ubhaptizwe. Akazange alindele ukuba indoda engumTiyopiya yazi yonke into ngaphambi kokuba ibhaptizwe. (IZenzo 8:30, 31) Asoze siyeke ukufunda ngoThixo. (INtshumayeli 3:11) Kodwa ukuze ubhaptizwe, kufuneka uzazi ezona zinto ziphambili zifundiswa yiBhayibhile.​—Hebhere 5:12.

7. Kukuncede njani ukufunda iBhayibhile?

7 IBhayibhile ithi: “Asinakumvuyisa uThixo ngaphandle kokholo.” (Hebhere 11:6) Ngoko umele ube nokholo ngaphambi kokuba ubhaptizwe. IBhayibhile isibonisa ukuba abanye abantu ababehlala kwisixeko saseKorinte baziva izinto ezazifundiswa nguYesu, ibe ngenxa yaloo nto, “baba ngamakholwa baza babhaptizwa.” (IZenzo 18:8) Nawe ke, ukufunda iBhayibhile kukuncede wanokholo kwizithembiso zikaThixo nakumandla edini likaYesu, elinokusisindisa esonweni nasekufeni.​—Yoshuwa 23:14; IZenzo 4:12; 2 Timoti 3:16, 17.

BAXELELE ABANTU NGEZINTO OZIFUNDA EBHAYIBHILENI

8. Yintoni eza kukwenza uxelele abantu ngezinto ozifundileyo?

8 Njengokuba ufunda izinto ezininzi eBhayibhileni, uze ubone nendlela ekunceda ngayo, ukholo lwakho luza kuqina. Uza kufuna ukuxelela abantu ngezinto ozifundayo. (Yeremiya 20:9; 2 Korinte 4:13) Kodwa ngoobani oza kubaxelela?

Ukholo lumele lukwenze uxelele abanye abantu ngezinto ozikholelwayo

9, 10. (a) Ngoobani onokubaxelela ngezinto ozifundileyo? (b) Yintoni omele uyenze xa ufuna ukushumayela nebandla?

9 Usenokufuna ukuxelela abantu bakowenu, abahlobo bakho, abamelwane okanye abantu osebenza nabo ngezinto ozifundayo. Yinto entle leyo, kodwa kufuneka ube nobubele xa usenza le nto uze ubonise ukuba uyabathanda. Ekugqibeleni, uza kukwazi ukuqalisa ukushumayela nebandla. Xa ubona ukuba ungakwazi ukushumayela nalo, unokuxelela iNgqina elikufundisa iBhayibhile ukuba ufuna ukushumayela nebandla. Xa elo Ngqina libona ukuba sele ukulungele, ibe uyazenza izinto ezifundiswa yiBhayibhile, niza kudibana nabadala ababini bebandla lenu.

10 Kuza kwenzeka ntoni kwintlanganiso eniza kuba nayo nabadala? Baza kuthetha nawe ukuze babone ukuba uyaziqonda na ezona zinto ziphambili zifundiswa yiBhayibhile, uyayithobela na into ethethwa yiBhayibhile ebomini bakho nokuba uyakufuna nyhani na ukuba liNgqina LikaYehova. Khumbula ukuba abadala bakhathalela bonke abantu abasebandleni, kuquka nawe, ngoko ungoyiki ukuthetha nabo. (IZenzo 20:28; 1 Petros 5:2, 3) Emva kwale ntlanganiso, abadala baza kukuxelela ukuba ungakwazi na ukuqalisa ukushumayela nebandla.

11. Kutheni kubalulekile ukutshintsha izinto ebomini bakho ngaphambi kokuba ushumayele nebandla?

11 Abadala basenokukuxelela ukuba kusekho nezinye izinto ekusafuneka uzitshintshile ebomini bakho ngaphambi kokuba uqalise ukushumayela nebandla. Kutheni kubalulekile ukutshintsha ezo zinto? Kuba xa sithetha nabanye abantu ngoThixo, simela uYehova ibe kufuneka siphile ngendlela eza kumzukisa.​—1 Korinte 6:9, 10; Galati 5:19-21.

UMELE UGUQUKE UZE UJIKE

12. Kutheni bonke abantu bemele baguquke?

12 Kukho nenye into omele uyenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe. Umpostile uPetros wathi: “Guqukani ke ngoko, nijike, ukuze zicinywe izono zenu.” (IZenzo 3:19) Kuthetha ukuthini ukuguquka? Kuthetha ukuzisola ngento engafanelekanga esiyenzileyo. Ngokomzekelo, ukuba ubuziphethe kakubi ngokwesondo, umele uguquke. Phofu nokuba ubuzama ukwenza izinto ezifanelekileyo ubomi bakho bonke, kuza kufuneka uguquke kuba sonke siyona ibe simele sicele uThixo asixolele.​—Roma 3:23; 5:12.

13. Kuthetha ukuthini ‘ukujika’?

13 Ngaba umele uphelele nje ekuzisoleni ngento oyenzileyo? Hayi. UPetros wathi umele ‘ujike.’ Le nto ithetha ukuba umele wohlukane nendlela engafanelekanga obuziphethe ngayo uze wenze izinto ezifanelekileyo. Masenze umzekelo. Masithi uya endaweni ongazange uye kuyo. Uthi usahamba njalo uqaphele ukuba uhambe ngendlela engeyiyo. Ubunokuthini? Ngokuqinisekileyo ubuza kuma, ujike, uze emva koko uhambe ngendlela efanelekileyo. Kunjalo ke nokufunda iBhayibhile, usenokuqaphela ukuba kukho izinto ebomini bakho ekuza kufuneka uzitshintshe. Ngoko yiba ngumntu okwaziyo ‘ukujika,’ loo nto ithetha ukuthi, ukuzitshintsha izinto ekufuneka uzitshintshile uze uqalise ukwenza ezilungileyo.

ZINIKELE KUTHIXO

Ngaba umthembisile uYehova ukuba uza kumkhonza?

14. Uzinikela njani kuYehova?

14 Enye into ebalulekileyo omele uyenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe kukuzinikela kuYehova. Xa uzinikela kuYehova, uthandaza kuye uze umthembise ukuba uza kukhonza yena yedwa, ibe eyona nto iza kubaluleka kakhulu kuwe kukwenza ukuthanda kwakhe.​—Duteronomi 6:15.

15, 16. Yintoni eyenza umntu azinikele kuThixo?

15 Ukuthembisa uYehova ukuba uza kukhonza yena yedwa kufana nokuthembisa umntu omthandayo ukuba uza kuhlala naye ubomi bakho bonke. Masithi kukho umfana nentombi ibe bayathandana. Njengoko lo mfana esiya eyazi le ntombi uye eyithanda aze afune ukuyitshata. Nakuba isisigqibo esibalulekileyo esi, lo mfana akayiboni ingumthwalo kuba uyayithanda le ntombi.

16 Njengoko ufunda ngoYehova, uye umthande uze uzame kangangoko unako ukumkhonza. Le nto iza kukwenza uthandaze kuye uze umthembise ukuba uza kumkhonza. IBhayibhile ithi nabani na ofuna ukulandela uYesu umele ‘azincame.’ (Marko 8:34) Kuthetha ukuthini ukuzincama? Kuthetha ukuba nguYehova oyena mntu uza kumthobela ebomini bakho. Izinto ezifunwa nguYehova zezona zinto zibalulekileyo kunezifunwa nguwe.​—Funda eyoku-1 kaPetros 4:2.

UNGABI NEXHALA LOKUBA UZA KUMPHOXA UYEHOVA

17. Kutheni abanye abantu bengazinikeli kuYehova?

17 Abanye abantu abazinikeli kuYehova, kuba benexhala lokuba abazukukwazi ukuyenza into abamthembise yona yokuhlala bemkhonza. Abafuni ukumphoxa uYehova, okanye bacinga ukuba xa bengazinikelanga kuye uYehova akazukuthi banetyala ngezinto abazenzayo.

18. Yintoni eza kukunceda ungabi nexhala lokuba uza kumphoxa uYehova?

18 Indlela omthanda ngayo uYehova iza kukunceda ungabi nexhala lokuba uza kumphoxa. Uza kwenza konke onokukwenza ukuze uyenze into omthembise yona kuba umthanda. (INtshumayeli 5:4; Kolose 1:10) Awuzukucinga ukuba kunzima kakhulu ukwenza izinto ezifunwa nguYehova. Umpostile uYohane wathi: “Ukuthanda uThixo kuthetha ukuba sithobele imithetho yakhe; ibe ayikho nzima imithetho yakhe.”​—1 Yohane 5:3

19. Kutheni ungamele woyike ukuzinikela kuYehova?

19 Akunyanzelekanga ukuba ube ngumntu ongenasono ukuze uzinikele kuYehova. Akalindelanga ukuba senze izinto ezingapha kwamandla ethu. (INdumiso 103:14) Uza kukunceda wenze izinto ezifanelekileyo. (Isaya 41:10) Mthembe ngentliziyo yakho yonke uYehova, ibe uza “kuyenza iphumelele indlela yakho.”​—IMizekeliso 3:5, 6.

UKUBONISA UKUBA UZINIKELE NGOKUBHAPTIZWA

20. Emva kokuba wenze isigqibo sokuba uza kuzinikela kuThixo, yintoni omele uyenze?

20 Ngaba ucinga ukuba sele ukulungele ukuzinikela kuYehova? Emva kokuba uzinikele kuYehova, sowukulungele ukwenza into elandelayo. Umele ubhaptizwe.

21, 22. Unokulubonisa njani phambi kwabantu ukholo lwakho?

21 Xelela umnxibelelanisi wequmrhu labadala ukuba uzinikele kuYehova, ibe ufuna ukubhaptizwa. Yena uza kucela abadala abaza kuthetha nawe ngezinto eziphambili ezifundiswa yiBhayibhile. Ukuba bayabona ukuba sele ukulungele, baza kukuxelela ukuba unokubhaptizwa kwindibano yamaNgqina KaYehova elandelayo. Kuloo ndibano, kuza kubakho intetho echazayo ukuba kuthetha ukuthini ukubhaptizwa. Emva koko, umzalwana onikela intetho uza kubuza abo baza kubhaptizwa imibuzo emibini nelula. Xa uphendula loo mibuzo, uza kulubonisa phambi kwabantu ukholo lwakho nokuzimisela kwakho ukukhonza uYehova.—Roma 10:10.

22 Emva koko, uza kubhaptizwa. Uza kutshoniswa wonke emanzini. Xa ubhaptizwa, ubonisa bonke abantu ukuba uzinikele kuYehova ibe ngoku uliNgqina LikaYehova.

KUTHETHA UKUTHINI UKUBHAPTIZWA KWAKHO?

23. Kuthetha ukuthini ukubhaptizwa “egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele”?

23 UYesu wathi abafundi bakhe baza kubhaptizwa “egameni likaTata neloNyana nelomoya oyingcwele.” (Funda uMateyu 28:19.) Ithetha ukuthini loo nto? Ithetha ukuba uyaliqonda igunya likaYehova nendima kaYesu, kunye nendlela uThixo awusebenzisa ngayo umoya oyingcwele ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe.​—INdumiso 83:18; Mateyu 28:18; Galati 5:22, 23; 2 Petros 1:21.

Xa ubhaptizwa, ubonisa ukuba ufuna ukwenza izinto ezifunwa nguThixo

24, 25. (a) Kuthetha ukuthini ukubhaptizwa kwakho? (b) Siza kuthetha ngantoni kwisahluko sokugqibela?

24 Ukubhaptizwa kwakho kumela into ebaluleke kakhulu. Xa utshoniswe emanzini, loo nto ithetha ukuba uye wafa kwindlela obukade uphila ngayo okanye uye waziyeka izinto owawukade uzenza. Xa uphuma emanzini, ubonisa ukuba uza kuqalisa ukuphilela ukwenza izinto ezithandwa nguThixo. Loo nto ithetha ukuba ukususela ngexesha obhaptizwa ngalo, uza kukhonza uYehova. Ungalibali ke ukuba awuzinikelanga emntwini, kwintlangano, okanye kumsebenzi owenzayo. Uzinikele kuYehova.

25 Xa uzinikele kuYehova uza kusondela kakhulu kuye. (INdumiso 25:14) Loo nto ayithethi ukuba umntu uza kusindiswa nje kuba ebhaptiziwe. Umpostile uPawulos wathi: “Hlalani nisebenzela ukusindiswa nisoyika yaye ningcangcazela.” (Filipi 2:12) Ukubhaptizwa kusisiqalo nje. Unokuhlala njani usondele kuYehova? Isahluko sokugqibela sale ncwadi siza kuwuphendula lo mbuzo.