Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 15

Ukukhonza UThixo Ngendlela Ayifunayo

Ukukhonza UThixo Ngendlela Ayifunayo

1. Ngubani omele asixelele eyona ndlela ifanelekileyo yokukhonza uThixo?

IINKONZO ezininzi zithi zifundisa inyani ngoThixo. Kodwa ayonyani leyo, kuba iinkonzo zifundisa izinto ezahluke kakhulu kwindlela uThixo ayiyo nendlela esimele simkhonze ngayo. Sinokuyazi njani eyona ndlela ifanelekileyo yokukhonza uThixo? NguYehova qha onokusixelela indlela esimele simkhonze ngayo.

2. Unokuyazi njani indlela efanelekileyo yokukhonza uThixo?

2 UYehova usinike iBhayibhile ukuze siyazi eyona ndlela ifanelekileyo yokumkhonza. Ngoko funda iBhayibhile, ibe uYehova uza kwenza zikuncede izinto ozifundayo kuba ukukhathalele.​—Isaya 48:17.

3. UThixo ufuna senze ntoni?

3 Abanye abantu bathi uThixo wamkela zonke iinkonzo, kodwa uYesu akazange asifundise loo nto. Wathi: “Ayingabo bonke abathi kum, ‘Nkosi, Nkosi,’ abaza kungena eBukumkanini bamazulu, kodwa kuza kungena kuphela lowo wenza ukuthanda kukaTata.” Ngoko kubalulekile ukuba sifunde ukuba kuyintoni ukuthanda kukaThixo size sikwenze. Ibaluleke kakhulu le nto kuba uYesu wafanisa abantu abangamthobeliyo uThixo ‘nezaphuli-mthetho.’​—Mateyu 7:21-23.

4. Wathini uYesu ngokwenza ukuthanda kukaThixo?

4 UYesu wasilumkisa wathi ukuba sifuna ukwenza izinto ezifunwa nguThixo siza kuba neengxaki. Wathi: “Ngenani ngegeyithi encinci, kuba inkulu igeyithi, ivulekile nendlela eya entshabalalweni, yaye baninzi abantu abangena ngayo. Kodwa incinci igeyithi, incinci nendlela eya ebomini, yaye bambalwa abayifumanayo.” (Mateyu 7:13, 14) Indlela encinci, okanye indlela efanelekileyo yokukhonza uThixo isa kubomi obungunaphakade. Yona indlela evulekileyo, okanye indlela engafanelekanga yokukhonza uThixo isa ekufeni. Kodwa uYehova akafuni kufe mntu. Unika wonke umntu ithuba lokufunda ngaye.​—2 Petros 3:9.

SINOKUMKHONZA NJANI UTHIXO NGENDLELA AYIFUNAYO?

5. Unokubabona njani abantu abakhonza uThixo ngendlela ayifunayo?

5 UYesu wathi sinokubabona abantu abakhonza uThixo ngendlela ayifunayo. Le nto siyenza ngokujongisisa izinto abazikholelwayo nezinto abazenzayo. Wathi: “Niza kubabona ngeziqhamo zabo.” Waphinda wathi: “Imithi emihle ivelisa iziqhamo ezihle.” (Mateyu 7:16, 17) Le nto ayithethi ukuba abantu abakhonza uThixo abazenzi iimpazamo. Kodwa abakhonzi bakaThixo basoloko bezama ukwenza izinto ezifanelekileyo. Ngoku siza kufunda ngento eza kusinceda sikwazi ukubona abantu abakhonza uThixo ngendlela ayifunayo.

6, 7. Kutheni ukukhonza uThixo ngendlela ayifunayo kuthathwe eBhayibhileni? Umzekelo kaYesu usifundisa ntoni?

6 Indlela esimkhonza ngayo uThixo imele ithathwe eBhayibhileni. IBhayibhile ithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo ibe sinceda ekufundiseni, ekululekeni, ekulungiseni izinto, nasekusiqeqesheni ukuba senze izinto ezilungileyo, ukuze umntu kaThixo awulungele aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Timoti 3:16, 17) Umpostile uPawulos wabhalela amaKristu wathi: “Xa nalamkelayo ilizwi likaThixo, enaliva kuthi, anizange nilamkele njengento ethethwa ngabantu, kodwa nalithatha njengelizwi likaThixo.” (1 Tesalonika 2:13) Ukukhonza uThixo ngendlela ayifunayo kuthathwe kwiLizwi lakhe, iBhayibhile. Akuthathwanga kwizinto ezicingwa ngabantu, izithethe okanye kuyo nantoni na enye into.

7 Yonke into uYesu awayeyifundisa wayeyithatha kwiLizwi LikaThixo. (Funda uYohane 17:17.) Wayemane ecaphula iZibhalo . (Mateyu 4:4, 7, 10) Abakhonzi bakaThixo abathembekileyo benza izinto njengoYesu, ibe yonke into abayifundisayo bayithatha eBhayibhileni.

8. Yintoni uYesu awayifundisayo ngokukhonza uYehova?

8 Simele sikhonze uYehova yedwa. INdumiso 83:18 ithi: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” UYesu wayefuna abantu bazi ukuba ngubani kanye kanye uThixo wenene, waza wabafundisa igama likaThixo. (Funda uYohane 17:6.) UYesu wathi: “Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela, ukhonze yena yedwa.” (Mateyu 4:10) Ngoko, thina bakhonzi bakaThixo senza izinto njengoYesu. Sikhonza uYehova yedwa, siyalisebenzisa igama lakhe, ibe siyabafundisa nabanye abantu igama likaThixo nezinto aza kusenzela zona.

9, 10. Sibonisa njani ukuba siyathandana?

9 Simele sibathande nyhani abantu. UYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandane. (Funda uYohane 13:35.) Nokuba sisuka phi, izithethe zethu azifani, sizizityebi okanye siyasokola, indlela esithandana ngayo imele isenze simanyane njengabazalwana noodade. (Kolose 3:14) Ngoko asiyi emfazweni size sibulale abantu. IBhayibhile ithi: “Nantsi indlela ababonakala ngayo abantwana bakaThixo nabantwana bakaMtyholi: Nabani na ongaqhubeki esenza ubulungisa akaphumi kuThixo, kuyafana ke nangalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.” Iphinda ithi: ‘Simele sithandane; singabi njengoKayin, owafuza uMtyholi, wabulala umntakwabo.’​—1 Yohane 3:10-12; 4:20, 21.

10 Sisebenzisa ixesha lethu, amandla ethu nezinto esinazo ukuze sincede size sikhuthaze abanye. (Hebhere 10:24, 25) ‘Sibenzela izinto ezintle bonke abantu.’​—Galati 6:10.

11. Kutheni simamkele uYesu ukuba uyindlela esisa kuThixo?

11 Simele simthobele uYesu kuba uyindlela esisa kuThixo. IBhayibhile ithi: “Akakho omnye umntu onokusindisa, kuba alikho elinye igama elikhethiweyo phantsi kwezulu abanokusindiswa ngalo abantu.” (IZenzo 4:12) KwiSahlulo 5 sale ncwadi, sifundile ukuba uYehova wathumela uYesu ukuba anikele ngobomi bakhe ukuze ahlawulele abantu abathobelayo. (Mateyu 20:28) UYehova ukhethe uYesu ukuba alawule njengoKumkani apha emhlabeni. Yiloo nto iBhayibhile isixelela ukuba simele simthobele uYesu ukuba sifuna ukuphila ngonaphakade.​—Funda uYohane 3:36.

12. Kutheni singafuni ukuba nento esidibanisa neepolitiki?

12 Asimele sibe nento esidibanisa neepolitiki. UYesu akazange abe nento emdibanisa neepolitiki. Xa wayexoxa ityala, wathi kumlawuli ongumRoma uPilato: “UBukumkani bam ayibubo obeli hlabathi.” (Funda uYohane 18:36.) Nathi njengoYesu, sithembekile kuBukumkani BukaThixo basezulwini, ibe ngenxa yaloo nto, nokuba sihlala phi akukho nto isidibanisa neepolitiki. Kodwa ke, iBhayibhile ithi simele sithobele “abasemagunyeni,” loo nto ithetha, urhulumente. (Roma 13:1) Siyayithobela imithetho yelizwe esihlala kulo. Kodwa xa umthetho ungqubana nomthetho kaThixo, senza njengabapostile, abathi: “NguThixo umlawuli esimele simthobele kunabantu.”​—IZenzo 5:29; Marko 12:17.

13. Yintoni esiyishumayelayo ngoBukumkani BukaThixo?

13 Sikholelwa ukuba buBukumkani BukaThixo qha obuza kulungisa iingxaki esinazo. UYesu wathi ‘iindaba zilungileyo ezingoBukumkani’ ziza kushunyayelwa emhlabeni wonke. (Funda uMateyu 24:14.) Akakho urhulumente onokusenzela izinto esiza kuzenzelwa buBukumkani BukaThixo. (INdumiso 146:3) UYesu wasifundisa ukuba sithandazele uBukumkani BukaThixo xa wathi: “Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho, njengasezulwini.” (Mateyu 6:10) IBhayibhile isixelela ukuba uBukumkani BukaThixo buza kubatshabalalisa bonke oorhulumente babantu buze “bona buhlale bukho ngonaphakade.”​—Daniyeli 2:44.

14. Ngoobani ocinga ukuba bakhonza uThixo ngendlela ayifunayo?

14 Emva kokufunda ezi zinto, khawuzibuze: ‘Ngoobani abafundisa izinto eziseBhayibhileni? Ngoobani abaxelela abantu igama likaThixo? Ngoobani abathandana nyhani nabakholelwa ukuba uYesu uthunywe nguThixo ukuze asisindise? Ngoobani abangenanto yokwenza neepolitiki? Ngoobani abafundisa ukuba buBukumkani BukaThixo bodwa obuza kulungisa iingxaki esinazo?’ NgamaNgqina KaYehova qha.​—Isaya 43:10-12.

UZA KWENZA NTONI?

15. Yintoni esimele siyenze ukuba sifuna uThixo ayamkele indlela esimkhonza ngayo?

15 Asimele siphelele nje ekukholelweni ukuba uThixo ukhona. Kwaneedemon ziyakholwa ukuba uThixo ukhona, kodwa azimthobeli. (Yakobi 2:19) Ukuba sifuna uThixo ayamkele indlela esimkhonza ngayo, asimele sikholelwe nje ukuba ukhona kodwa simele sizenze izinto azithethayo.

16. Kutheni simele siziphephe iinkonzo zobuxoki?

16 Ukuze uThixo ayamkele indlela esimkhonza ngayo simele siziphephe iinkonzo zobuxoki. Umprofeti uIsaya wathi: “Phumani kuyo, hlalani nicocekile.” (Isaya 52:11; 2 Korinte 6:17) Yiloo nto simele siphephe nantoni na enento yokwenza neenkonzo zobuxoki.

17, 18. Yintoni “iBhabhiloni Enkulu,” ibe kutheni simele sikhawuleze siphume kuyo?

17 Ziintoni iinkonzo zobuxoki? Yiyo nayiphi na inkonzo esifundisa ukuba sikhonze uThixo ngendlela engadibaniyo neLizwi lakhe. IBhayibhile ithi zonke iinkonzo zobuxoki ‘yiBhabhiloni Enkulu.’ (ISityhilelo 17:5) Ngoba? Emva koMkhukula womhla kaNowa, izinto ezininzi ezibubuxoki zaqalisa ukufundiswa kwisixeko saseBhabhiloni. Ezo zinto zazifundiswa zasasazeka emhlabeni wonke. Ngokomzekelo, abantu ababehlala eBhabhiloni babekhonza amaqela amathathu oothixo. Nanamhlanje, iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba uThixo uneziqu ezithathu, kodwa iBhayibhile iyenza icace into yokuba mnye qha uThixo wenene, nguYehova ibe uYesu nguNyana wakhe. (Yohane 17:3) Enye into ababeyikholelwa abantu ababehlala eBhabhiloni kukuba kukho into eqhubeka iphila xa umntu eswelekile, ibe kusenokwenzeka nokuba loo nto ingcungcutheke esihogweni. Ayonyani leyo.​—Funda iSihlomelo 14, 17, no-18.

18 UThixo wachaza ukuba sele ziza kutshatyalaliswa iinkonzo zobuxoki. (ISityhilelo 18:8) Ngaba uyayibona indlela ekubaluleke ngayo ukuba ukhawuleze uyishiye inkonzo yobuxoki? UYehova uThixo ufuna wenze loo nto ngaphambi kokuba ushiywe lixesha.​—ISityhilelo 18:4.

Xa ukhonza uYehova nabantu bakhe, uza kuba ngomnye wabantu abakwintsapho esehlabathini lonke

19. Xa usenza isigqibo sokukhonza uYehova, uza kukukhathalela njani?

19 Xa usenza isigqibo sokushiya inkonzo yobuxoki uze ukhonze uYehova, abanye abantu bakowenu okanye abahlobo bakho basenokungasiqondi kakuhle isigqibo sakho baze bakusokolise. Kodwa uYehova akasoze akulahle. Uza kuba kwintsapho yabantu abaninzi ekhoyo ehlabathini lonke, enabantu abathandanayo, ibe uza kuba nethemba lokuphila ngonaphakade kwihlabathi elitsha likaThixo. (Marko 10:28-30) Mhlawumbi abanye abahlobo okanye abantu bakowenu abangayifuniyo into yokuba ukhonze uYehova baza kufuna ukufunda iBhayibhile emva kwexesha.

20. Kutheni kubalulekile ukukhonza uThixo ngendlela ayifunayo?

20 UThixo sele eza kuziphelisa zonke izinto ezimbi ezenzekayo, ibe uBukumkani bakhe buza kulawula umhlaba wonke. (2 Petros 3:9, 13) Kuza kuba mnandi nyhani ngelo xesha! Wonke umntu uza kukhonza uYehova kakuhle. Ngoko kubalulekile ukuba wenze into ngoku uze ukhonze uThixo ngendlela ayifunayo.