Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 17

Umthandazo, Isipho Esisiphiwe NguThixo

Umthandazo, Isipho Esisiphiwe NguThixo

“The Maker of heaven and earth” wants to hear our prayers.​—Psalm 115:15

1, 2. Kutheni ucinga ukuba umthandazo sisipho esixabisekileyo, ibe kutheni kufuneka sazi into efundiswa yiBhayibhile ngomthandazo?

UMHLABA mncinci kakhulu kuneenkwenkwezi ezisesibhakabhakeni. Xa uYehova ejonga umhlaba, bonke abantu bazo zonke iintlanga banjengethontsi lamanzi e-emeleni. (INdumiso 115:15; Isaya 40:15) Nakuba sibambalwa ngolo hlobo, iNdumiso 145:18, 19 ithi: “UYehova usondele kubo bonke abo bakhalela kuye, bonke abo bakhalela kuye benyanisekile. Ubenzela yonke into abayifunayo abo bamoyikayo; uyabeva xa bekhalela uncedo, abasindise.” Yinyhweba enkulu leyo! UYehova, uMdali onamandla, ufuna ukusondela kuthi, ibe ufuna ukumamela nemithandazo yethu. Umthandazo uyinyhweba, isipho esixabisekileyo esisinikwe nguYehova.

2 Kodwa uYehova usimamela xa sithetha naye ngendlela ayithandayo. Sinokuyenza njani loo nto? Makhe sive ukuba iBhayibhile ithini ngomthandazo.

KUTHENI KUFUNEKA SITHANDAZE KUYEHOVA?

3. Kutheni kufuneka uthandaze kuYehova?

3 UYehova ufuna uthandaze okanye uthethe naye. Siyazi njani loo nto? Khawufunde kwabaseFilipi 4:6, 7Khawuyicinge le nto ithethwa apha. UMdali wayo yonke indalo unomdla kuwe ibe ufuna umxelele indlela oziva ngayo neengxaki zakho.

4. Ukuthandaza qho kunokubuqinisa njani ubuhlobo bakho noYehova?

4 Ukuthandaza kusinceda sibe ngabahlobo abasondeleyo bakaYehova. Ubuhlobo babantu buyaqina xa besoloko bencokola ngezinto abazicingayo, izinto ezibaxhalabisayo nendlela abaziva ngayo. Kwenzeka loo nto naxa uthandaza kuYehova. EBhayibhileni, ukuxelele izinto azicingayo, indlela aziva ngayo nezinto aseza kuzenza. Unokuthetha naye qho uze umxelele indlela oziva ngayo. Ukuba wenza loo nto, ubuhlobo bakho naye buza kuqina.​—Yakobi 4:8.

SIMELE SENZE NTONI UKUZE UTHIXO ASIMAMELE?

5. Sazi njani ukuba uYehova akamameli yonke imithandazo?

5 Ngaba uYehova umamela yonke imithandazo? Hayi. Ngexesha lomprofeti uIsaya, uYehova wathi kumaSirayeli: “Nangona nithandaza kaninzi, andinimamelanga. Izandla zenu zigcwele ligazi.” (Isaya 1:15) Ngoko ukuba asilumkanga, sinokwenza izinto azicaphukelayo uYehova, ize loo nto imenze angayimameli imithandazo yethu.

6. Kutheni kubalulekile ukuba nokholo? Unokubonakala njani ukuba unokholo?

6 Ukuba sifuna uYehova ayimamele imithandazo yethu, kufuneka sibe nokholo kuye. (Marko 11:24) Umpostile uPawulos wathi: “Asinakumvuyisa uThixo ngaphandle kokholo, kuba umntu osondela kuThixo umele akholelwe ukuba ukho ibe ungumvuzi wabo bamfuna ngokuzimisela.” (Hebhere 11:6) Kodwa akwanelanga ukuthi nje sinokholo. Kufuneka sibonakale ukuba sinokholo ngokuthobela uYehova yonke imihla.​—Funda uYakobi 2:26.

7. (a) Kutheni kufuneka sizithobe size simhloniphe uYehova xa sithandaza? (b) Sinokuthandaza njani ngokusuka entliziyweni?

7 Kufuneka sizithobe size simhloniphe uYehova xa sithandaza. Ngoba? Besiza kumhlonipha ukumkani okanye umongameli ukuba besinokuthetha naye. UYehova nguThixo uSomandla, ngoko simele simhloniphe size sizithobe kakhulu kuye xa sithetha naye. (Genesis 17:1; INdumiso 138:6) Kufuneka sithandaze ngokusuka entliziyweni, singaphindaphindi nje amagama.​—Mateyu 6:7, 8.

8. Xa kukho into esiyithandazelayo, yintoni enye into ekufuneka siyenze?

8 Enye into, xa kukho into esiyithandazelayo, kufuneka senze yonke into esinokuyenza ukuze siyifumane. Ngokomzekelo, ukuba sithandazela izinto esizidingayo kubomi bethu, asinakusong’ izandla size silindele ukuba uYehova asinike yonke into nangona sikwazi ukuyisebenzela. Simele sisebenze nzima size sithathe nowuphi na umsebenzi esinokuwenza. (Mateyu 6:11; 2 Tesalonika 3:10) Okanye ukuba sicela uYehova ukuba asincede siyeke ukwenza into erongo, simele sihambele kude kuyo nantoni na enokusenza siyenze loo nto. (Kolose 3:5) Ngoku makhe sithethe ngemibuzo abadla ngokuyibuza abantu ngomthandazo.

IMIBUZO EDLA NGOKUBUZWA

9. Kufuneka sithandaze kubani? UYohane 14:6 usifundisa ntoni ngokuthandaza?

9 Sifanele sithandaze kubani? UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathandaze ‘kuTata wethu osemazulwini.’ (Mateyu 6:9) Waphinda wathi: “Ndim indlela nenyaniso nobomi. Akukho mntu uya kuTata engayi ngam.” (Yohane 14:6) Ngoko simele sithandaze kuYehova kuphela, egameni likaYesu. Kutheth’ ukuthini ukuthandaza egameni likaYesu? Ukuze uYehova ayamkele imithandazo yethu, kufuneka sibonise ukuba siyasihlonipha isikhundla sikaYesu. Njengokuba besifundile, uYesu weza emhlabeni ukuze asisindise esonweni nasekufeni. (Yohane 3:16; Roma 5:12) UYehova ukwamenze uMbingeleli Omkhulu noMgwebi uYesu.​—Yohane 5:22; Hebhere 6:20.

Unokuthandaza nanini na

10. Ikhona indlela esimele sime okanye sihlale ngayo xa sithandaza? Cacisa.

10 Ikhona indlela esimele sime okanye sihlale ngayo xa sithandaza? Hayi, uYehova akathi masiguqe, sihlale okanye sime xa sithandaza. IBhayibhile ibonisa ukuba sinokuthetha noYehova nangayiphi na indlela ebonisa ukuba siyamhlonipha. (1 Kronike 17:16; Nehemiya 8:6; Daniyeli 6:10; Marko 11:25) Eyona nto ibalulekileyo kuYehova, ayondlela esima okanye esihlala ngayo xa sithandaza. Kodwa kukuba simhloniphe xa sithetha naye size sithethe ngokusuka entliziyweni. Sisenokuthetha naye ngokuvakalayo okanye sithandazele ngaphakathi, nokuba siphi ibe naninina. Xa sithandaza kuYehova, sinokumthemba ukuba uza kusiva nokuba abanye abantu abasiva.​—Nehemiya 2:1-6.

11. Zeziphi ezinye izinto esinokuzithandazela?

11 Sinokuthandazela ntoni? Sinokuthandazela nantoni na eyamkelekileyo kuYehova. IBhayibhile ithi: “Uyasiva xa sicela nantoni na evumelana nokuthanda kwakhe.” (1 Yohane 5:14) Singazithandazela nezinto zethu? Ewe. Ukuthandaza kuYehova kufuneka kube njengokuncokola nomhlobo esivana kakhulu naye. Sinokumxelela nantoni na esengqondweni okanye entliziyweni yethu. (INdumiso 62:8) Sinokucela ukuba asinike umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede senze izinto azifunayo. (Luka 11:13) Sisenokumcela ukuba asinike ubulumko ukuze sikwazi ukuzenza kakuhle izigqibo, ibe sisenokucela ukuba asinike amandla okunyamezela izinto ezinzima. (Yakobi 1:5) Kufuneka simcele ukuba asixolele izono zethu. (Efese 1:3, 7) Kufuneka sithandazele nabanye abantu, njengeentsapho zethu nabazalwana noodade abasebandleni.​—IZenzo 12:5; Kolose 4:12.

12. Yintoni eyona nto imele ibaluleke xa sithandaza?

12 Yintoni eyona nto imele ibaluleke xa sithandaza? NguYehova nokuba kwenziwe ukuthanda kwakhe. Kufuneka simbulele ngokusuka entliziyweni ngazo zonke izinto asenzele zona. (1 Kronike 29:10-13) Le nto siyazi kuba xa uYesu wayesemhlabeni wafundisa abafundi bakhe ukuthandaza. (Funda uMateyu 6:9-13.) Wathi kufuneka baqale bathandazele ukuba igama likaThixo lingcwaliswe, okanye liphathwe njengelingcwele. Emva koko, wabonisa ukuba kufuneka sithandazele ukuba uBukumkani BukaThixo bufike nokuba ukuthanda kukaYehova kwenziwe emhlabeni wonke. Emva kokuba sithandazele ezi zinto zibalulekileyo, uYesu wathi singathandazela izinto esizidingayo. Ukuba siqala ngoYehova nokuthanda kwakhe xa sithandaza, sibonisa eyona nto ibalulekileyo kuthi.

13. Kufuneka ibe mide kangakanani imithandazo yethu?

13 Kufuneka ibe mide kangakanani imithandazo yethu? IBhayibhile ayichazi. Imithandazo yethu isenokuba mifutshane okanye ibe mide. Kuxhomekeka kwimeko yethu. Ngokomzekelo, sisenokwenza umthandazo omfutshane ngaphambi kokuba sitye kodwa senze omde xa sibulela uYehova okanye simxelela izinto ezisixhalabisayo. (1 Samuweli 1:12, 15) Asifuni kwenza imithandazo emide kuba nje sifuna ukunconywa ngabanye, njengokuba abanye babesenza ngexesha likaYesu. (Luka 20:46, 47) UYehova akayithandi imithandazo enjalo. Eyona nto ayifunayo kukuba sithandaze ngokusuka entliziyweni.

14. Kufuneka sithandaze kangaphi, ibe le nto isifundisa ntoni ngoYehova?

14 Kufuneka sithandaze kangaphi? UYehova uthi masithethe naye qho. IBhayibhile ithi ‘masingayeki ukuthandaza,’ ibe ‘masihlale sithandaza.’ (Mateyu 26:41; Roma 12:12; 1 Tesalonika 5:17) UYehova usoloko ekulungele ukusimamela. Sinokumbulela yonke imihla ngokusithanda kwakhe nangobubele bakhe. Sinokumcela nokuba asibonise indlela, asinike amandla ibe asithuthuzele. Ukuba sisixabisa nyhani isipho sikaYehova sokuthandaza, siza kusoloko sifuna ukuthetha naye xa kuvela ithuba.

15. Kutheni kufuneka sithi “amen” xa sigqiba ukuthandaza?

15 Kutheni kufuneka sithi “amen” xa sigqiba ukuthandaza? Igama elithi “amen” lithetha ukuba “ngokuqinisekileyo” okanye “makube njalo.” Yindlela esibonisa ngayo ukuba siyitsho nyhani le nto besiyithandazela ibe umthandazo wethu usuka entliziyweni. (INdumiso 41:13) IBhayibhile isifundisa ukuba kufuneka sithi “amen” naxa kuthandaza omnye umntu, noba sitsho ngaphakathi okanye ngokuvakalayo, ukuze sibonise ukuba siyavumelana nale nto ebeyithetha.​—1 Kronike 16:36; 1 Korinte 14:16.

UTHIXO UYIPHENDULA NJANI IMITHANDAZO YETHU?

16. Ngaba uYehova uyayiphendula nyhani imithandazo yethu? Cacisa

16 Ngaba uYehova uyayiphendula nyhani imithandazo yethu? Ewe, uyayiphendula. IBhayibhile ithi “umamela imithandazo” ize ithi uza ‘kukuphendula.’ (INdumiso 65:2; Isaya 30:19) UYehova uyayiva aze ayiphendule imithandazo esuka entliziyweni yabantu abaninzi, ibe uyiphendula ngeendlela ezahlukahlukeneyo.

17. UYehova uzisebenzisa njani iingelosi kunye nabakhonzi bakhe abasemhlabeni ukuze aphendule imithandazo yethu?

17 UYehova usebenzisa iingelosi nabakhonzi bakhe abasemhlabeni ukuze aphendule imithandazo yethu. (Hebhere 1:13, 14) Mininzi imizekelo yabantu abathandazayo befuna ukuncedwa baqonde iBhayibhile baza bathi besandokuthandaza bafikelwa liNgqina LikaYehova. IBhayibhile ibonisa ukuba iingelosi ziyancedisa kumsebenzi wokuxelela abantu ‘iindaba ezilungileyo’ emhlabeni wonke. (Funda iSityhilelo 14:6.) Nabaninzi kuthi baye bathandaza kuYehova becela abancede kwingxaki abanayo okanye kwinto abayidingayo baza bancedwa ngomnye umzalwana okanye udade.​—IMizekeliso 12:25; Yakobi 2:16.

UYehova usenokuyiphendula imithandazo yethu ngokwenza amanye amaKristu ukuba asincede

18. UYehova uwusebenzisa njani umoya wakhe oyingcwele neBhayibhile ukuze aphendule imithandazo yethu?

18 UYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze aphendule imithandazo yethu. Xa sithandazela ukuba asincede sinyamezele ingxaki, usenokusebenzisa umoya wakhe ukuze asibonise into esinokuyenza okanye asinike amandla. (2 Korinte 4:7) Usebenzisa neBhayibhile ukuze aphendule imithandazo yethu aze asincede senze izigqibo ezizizo. Xa sifunda iBhayibhile, sisenokufumana izibhalo ezinokusinceda. Usenokwenza omnye umntu ophendula ezintlanganisweni ukuba athethe into esidinga ukuyiva okanye umdala ebandleni asixelele enye into ayifunde eBhayibhileni.​—Galati 6:1.

19. Kutheni kusenokuba ngathi uYehova akayiphenduli imithandazo yethu?

19 Ngamanye amaxesha usenokuzibuza ukuba, ‘Kutheni uYehova engekayiphenduli imithandazo yam?’ Khumbula kaloku ukuba, uyayazi ukuba makayiphendule nini yaye njani imithandazo yethu. Uyayazi into esiyidingayo. Kusenokufuneka ukuba siqhubeke sithandaza ukuze simbonise ukuba siyifuna nyhani le nto siyithandazelayo ibe simthembile. (Luka 11:5-10) Ngamanye amaxesha uYehova uyiphendula ngendlela esingayilindelanga imithandazo yethu. Ngokomzekelo, sisenokuthandazela ingxaki esinayo enzima, kodwa endaweni yokuba ayisuse loo ngxaki, asinike amandla okuyinyamezela.​—Funda kwabaseFilipi 4:13.

20. Kutheni kufuneka sithandaze qho kuYehova?

20 Kuyinyhweba enkulu ukuthandaza kuYehova! Sinokuqiniseka ukuba uza kusimamela. (INdumiso 145:18) Enye into kukuba, xa sithandaza qho kuYehova ngokusuka entliziyweni, buza kuqina nobuhlobo bethu naye.