Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ufuna Siphile Njani UThixo?

Ufuna Siphile Njani UThixo?

XA UFUNDA iphephandaba, ubukele i-TV okanye umamele irediyo, uva izinto ezininzi ngolwaphulo-mthetho, iimfazwe nobugrogrisi. Mhlawumbi nawe unezakho iingxaki njengokugula okanye ukuswelekelwa ngumntu omthandayo.

Khawuzibuze:

  • Ngaba nguThixo ofuna kwenzeke ezi zinto kum nakwintsapho yam?

  • Yintoni enokundinceda ndimelane neengxaki zam?

  • Luya kuze lube khona lona uxolo?

IBhayibhile iyayiphendula le mibuzo.

IBHAYIBHILE IFUNDISA UKUBA UTHIXO UZA KWENZA EZI ZINTO EMHLABENI.

IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE ZIZA KUKUNCEDA

Kusenokuba lula ukuthi izinto ekuthethwe ngazo ekuqaleni kule ncwadi asoze zenzeke. Kodwa uThixo uthembisa ukuba sele eza kuzenza ibe iBhayibhile iyasichazela ukuba uza kuzenza njani.

IBhayibhile ayisichazeli nje izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Isichazela nezinto ezisinceda sonwabe ngoku. Khawucinge ngezinto ezikwenza ungonwabi. Isenokuba ziingxaki zemali, ezentsapho, ukugula okanye ukuswelekelwa. IBhayibhile ingakunceda umelane nezi ngxaki ize ikuphendulele nale mibuzo:

Ukufunda kwakho le ncwadi kubonisa ukuba uyafuna ukuyazi into efundiswa yiBhayibhile, ibe iza kukunceda. Iziqendu zayo zinemibuzo eza kukunceda uyazi bhetele iBhayibhile. Abantu abaninzi bayakuthanda ukufunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova, siyathemba nawe uza kukuthanda. Kwanga uThixo angakusikelela njengoko ufunda izinto ezifundiswa yiBhayibhile.