Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 8

Yintoni UBukumkani BukaThixo?

Yintoni UBukumkani BukaThixo?

1. Ngowuphi umthandazo odumileyo esiza kuthetha ngawo?

ABANTU abaninzi bayawazi umthandazo odumileyo othi Bawo Wethu Osemazulwini okanye Umthandazo WeNkosi. UYesu wasebenzisa lo mthandazo ukuze afundisa abafundi bakhe ukuthandaza. Ziintoni awazithandazelayo? Kutheni lo mthandazo ubalulekile kuthi namhlanje?

2. Ziintoni izinto ezintathu uYesu awathi masizithandazele?

2 UYesu wathi: “Ngoko ke, nina nize nithandaze ngale ndlela: ‘Tata wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho [okanye lenziwe ngcwele]. Mabufike uBukumkani bakho. Makwenzeke nasemhlabeni ukuthanda kwakho, njengasezulwini.’” (Funda uMateyu 6:9-13.) Kwakutheni ukuze uYesu athi masithandazele ezi zinto zintathu?​—Funda iSihlomelo 20.

3. Yintoni ekufuneka siyazi ngoBukumkani BukaThixo?

3 Sifundile ukuba igama likaThixo nguYehova. Sivile nokuba uThixo ufuna umhlaba okanye abantu babe njani. Kodwa wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi: “Mabufike uBukumkani bakho”? Siza kuva ukuba yintoni uBukumkani BukaThixo, buza kwenza ntoni, ibe buza kulenza njani libe ngcwele igama likaThixo.

YINTONI UBUKUMKANI BUKATHIXO?

4. Yintoni uBukumkani BukaThixo, ibe ngubani uKumkani wabo?

4 UYehova wenze urhulumente wasezulwini waza wakhetha uYesu ukuba abe nguKumkani wakhe. IBhayibhile ithi lo rhulumente buBukumkani bukaThixo. UYesu “nguKumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.” (1 Timoti 6:15) Akakho umlawuli ongumntu onokwenza izinto ezintle ngaphezu kwakhe, ibe unamandla ngaphezu kwabo bonke abalawuli abangabantu bedibene.

5. Uza kulawula ephi urhulumente kaThixo? Uza kulawula ntoni?

5 UYesu wabuyela ezulwini emva kweentsuku eziyi-40 evusiwe. Ekugqibeleni uYehova wamenza uKumkani woBukumkani. (IZenzo 2:33) Urhulumente kaThixo uza kulawula umhlaba usezulwini. (ISityhilelo 11:15) Yiloo nto iBhayibhile isithi uBukumkani BukaThixo ‘buBukumkani basemazulwini.’​—2 Timoti 4:18.

6, 7. Yintoni eyenza uYesu abogqithe abanye ookumkani?

6 IBhayibhile ithi uYesu ubogqitha bonke ookumkani abangabantu kuba “nguye kuphela ongenakufa.” (1 Timoti 6:16) Ekugqibeleni bonke ookumkani abangabantu bayafa, kodwa uYesu yena soze afe. Zonke izinto ezintle asenzele zona ziza kuhlala zikho.

7 Isiprofeto seBhayibhile sithi uYesu nguKumkani ongakhethiyo nonobubele: “Umoya kaYehova uza kuhlala phezu kwakhe, umoya wobulumko nowokuqonda, umoya wokucebisa nowamandla, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. Uza kuvuyiswa kukoyika uYehova. Akazukugweba ngenxa nje yento ayibonayo, engazukohlwaya ngenxa nje yento ayive ngeendlebe. Uza kumgweba ngobulungisa ongenanto.” (Isaya 11:2-4) Ufuna abe njalo ukumkani wakho, andithi?

8. Sazi njani ukuba uYesu akazukulawula yedwa?

8 Kukho abantu abakhethwe nguThixo abaza kulawula noYesu ezulwini. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wathi kuTimoti: “Ukuba siyaqhubeka sinyamezela siza kuba ngookumkani kunye naye.” (2 Timoti 2:12) Bangaphi abantu abaza kulawula noYesu?

9. Bangaphi abantu abaza kulawula noYesu? Waqala nini uThixo ukubakhetha?

9 Njengokuba besifundile kwiSahluko 7, umpostile uYohane wabona umbono kaYesu enguKumkani ezulwini kunye nabanye ookumkani abayi-144 000. Ngoobani abakule 144 000? UYohane uthi, ‘banegama [likaYesu] negama likaTata wakhe emabunzini abo.’ Aze aphinde athi: “Bahlala beyilandela iMvana [enguKristu] nokuba iya phi. Bathengwa ebantwini.” (Funda iSityhilelo 14:1, 4.) Le 144 000 ngamaKristu athembekileyo akhethwe nguThixo ukuba abe “ngookumkani phezu komhlaba” kunye noYesu. Xa esifa, avuselwa ezulwini. (ISityhilelo 5:10) UYehova waqala ngexesha labapostile ukukhetha amaKristu athembekileyo aza kuba ngookumkani abayi-144 000.

10. Ukukhetha kukaYehova uYesu kunye ne-144 000 ukuba balawule kubonisa njani ukuba uyabathanda abantu?

10 UYehova usikhathalele kakhulu kuba wade wakhetha abantu ukuba balawule noYesu. UYesu uza kusilawula kakuhle kuba uyasiqonda. Uyayazi ukuba kunjani ukuba ngumntu nokuba neengxaki. UPawulos wathi uYesu, “uyavelana nobuthathaka bethu,” kwaye naye “wavavanywa ngazo zonke iindlela njengathi.” (Hebhere 4:15; 5:8) Nabo bayi-144 000 bayayazi ukuba kunjani ukuba ngumntu. Nabo babenesono kwaye begula. Ngoko sinokuqiniseka ukuba uYesu kunye nabo bayi-144 000 baza kuyiqonda indlela esiziva ngayo kunye neengxaki esinazo.

BUZA KWENZA NTONI UBUKUMKANI BUKATHIXO?

11. Ngaba ukuthanda kukaThixo kwakusenziwa ngumntu wonke ezulwini?

11 UYesu wathi abalandeli bakhe mabathandazele ukuba ukuthanda kukaThixo kwenzeke nasemhlabeni njengasezulwini. Kodwa kwakukhe akwenziwa ngumntu wonke ukuthanda kukaThixo ezulwini. Sifundile kwiSahluko 3 ukuba uSathana uMtyholi wamjikela uYehova. Emva kokuba emjikele, uYehova wamvumela yena needemon zakhe ukuba bahlale ezulwini kangangexeshana. KwiSahluko 10, siza kufunda nezinye izinto ngoSathana needemon zakhe.

12. Zeziphi izinto ezimbini ekuthethwa ngazo kwiSityhilelo 12:10?

12 IBhayibhile ithi emva nje kokuba uYesu enziwe uKumkani woBukumkani BukaThixo wayeza kulwa imfazwe noSathana. (Funda iSityhilelo 12:7-10.) Ivesi 10 ithetha ngezinto ezimbini ezibalulekileyo ezenzekayo. UYesu Kristu uKumkani woBukumkani BukaThixo uqalisa ukulawula, aze uSathana agxothwe ezulwini aphoselwe emhlabeni. Njengokuba siza kufunda, ezi zinto sezenzekile.

13. Kwenzeka ntoni ezulwini emva kokuba uSathana egxothiwe?

13 IBhayibhile isixelela indlela ezavuya ngayo iingelosi ezithembekileyo emva kokuba uSathana needemon zakhe begxothiwe ezulwini. Ithi: “Vuyani nina mazulu nani nihlala kuwo!” (ISityhilelo 12:12) Ngoku iingelosi ziseluxolweni ibe zimanyene kuba wonke umntu ezulwini wenza ukuthanda kukaThixo.

Oko uSathana needemon zakhe bagxothwa ezulwini ziye zaninzi izinto ezibuhlungu emhlabeni. Ezi zinto zibuhlungu seziza kuphela

14. Ziintoni ezenzekayo emhlabeni ngenxa yokuba uSathana egxothiwe ezulwini?

14 Ubomi emhlabeni bahluke kakhulu kobasezulwini. Kwenzeka izinto ezibuhlungu ebantwini “kuba uMtyholi uhlile” ibe ‘unomsindo omkhulu kuba uyazi ukuba ixesha analo lifutshane.’ (ISityhilelo 12:12) USathana uyavutha ngumsindo. Ugxothiwe ezulwini ibe uyayazi ukuba sele eza kutshatyalaliswa. Wenza konke okusemandleni akhe ukuba abantu babe neengxaki nezinto ezibuhlungu.

15. Yintoni efunwa nguThixo?

15 Ayikatshintshi into eyayifunwa nguThixo xa wayedala umhlaba. Usafuna ube yiparadesi uze uhlalwe ngabantu abangenasono ngonaphakade. (INdumiso 37:29) Buza kuyenza njani loo nto uBukumkani BukaThixo?

16, 17. UDaniyeli 2:44 usixelela ntoni ngoBukumkani BukaThixo?

16 Isiprofeto esikuDaniyeli 2:44 sithi: “Ngemihla yabo kumkani uThixo wezulu uza kumisa ubukumkani obungasoze butshatyalaliswe. Obu bukumkani abuzukudluliselwa kubo nabaphi na abanye abantu. Buza kubutyumza bubuphelise bonke obunye ubukumkani, buze bona buhlale bukho ngonaphakade.” Sisifundisa ntoni esi siprofeto ngoBukumkani BukaThixo?

17 Okokuqala, sisixelela ukuba uBukumkani BukaThixo buza kuqalisa ukulawula “ngemihla yabo kumkani.” Le nto ithetha ukuba baza kube besekhona oorhulumente emhlabeni xa uBukumkani buqalisa ukulawula. Okwesibini, sisixelela ukuba uBukumkani BukaThixo buza kulawula ngonaphakade, ibe soze kuphinde kulawule omnye urhulumente. Okwesithathu, kuza kubakho umlo phakathi koBukumkani BukaThixo noorhulumente behlabathi. UBukumkani BukaThixo buza kuwina kuze kulawule bona bodwa emhlabeni wonke, baze abantu balawulwe ngoyena rhulumente ubodlula bonke.

18. Lithini igama lemfazwe yokugqibela eza kuba phakathi koBukumkani BukaThixo noorhulumente beli hlabathi?

18 Kuza kwenzeka ntoni ngaphambi nje kokuba oorhulumente balwe imfazwe noBukumkani BukaThixo? Ngaphambi kwemfazwe yokugqibela, ebizwa ngokuba yimfazwe yeArmagedon, iidemon ziza kuqhatha ‘ookumkani bomhlaba wonke ukuze abaqokelelele kwimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.’ Oorhulumente babantu baza kulwa noBukumkani BukaThixo.​—ISityhilelo 16:14, 16; funda iSihlomelo 10.

19, 20. Kutheni sifuna uBukumkani BukaThixo bulawule apha emhlabeni?

19 Kutheni sibudinga uBukumkani BukaThixo? Okokuqala, sinesono, ngenxa yaloo nto siyagula size sife. Kodwa iBhayibhile ithi xa kulawula uBukumkani BukaThixo soze siphinde sife. UYohane 3:16 ude athi: “UThixo walithanda kakhulu ihlabathi kangangokuba wanikela ngoNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, ukuze wonke umntu ozikholelwayo izinto azifundisayo aze azenze, angatshabalali, kodwa afumane ubomi obungunaphakade.”

20 Isizathu sesibini sokuba sidinge uBukumkani BukaThixo kukuba siphila phakathi kwabantu abenza izinto ezimbi. Abaninzi bayaxoka, bayaqhatha ibe baziphethe kakubi. Asinakubayekisa ukwenza ezo zinto, kodwa nguThixo oza kubayekisa. Abantu abaqhubeka besenza izinto ezimbi baza kutshatyalaliswa ngeArmagedon. (Funda iNdumiso 37:10.) Isizathu sesithathu sokuba sidinge uBukumkani BukaThixo kukuba oorhulumente babantu abanamandla okuphelisa iingxaki zabantu, bakhohlakele okanye baqhatha abantu. Abanamdla wokunceda abantu ukuba bathobele uThixo. IBhayibhile ithi xa “umntu elawulwa ngomnye, uyenzakala.”​—INtshumayeli 8:9.

21. UBukumkani buza kuqinisekisa njani ukuba ukuthanda kukaThixo kuyenziwa emhlabeni?

21 Emva kweArmagedon, uBukumkani BukaThixo buza kuqinisekisa ukuba ukuthanda kwakhe kuyenziwa emhlabeni. Ngokomzekelo, buza kususa uSathana needemon zakhe. (ISityhilelo 20:1-3) Ekugqibeleni, akukho mntu uza kugula okanye asweleke. Ngenxa yokuba uYesu wabafela, bonke abantu abathembekileyo baza kuphila ngonaphakade eParadesi. (ISityhilelo 22:1-3) UBukumkani buza kungcwalisa igama likaThixo. Ithetha ntoni loo nto? Ithetha ukuba xa urhulumente kaThixo elawula emhlabeni, bonke abantu baza kuzukisa igama likaYehova, akukho mntu uza kwenza okanye athethe into eza kungcolisa igama lakhe.​—Funda iSihlomelo 21.

UQALE NINI UYESU UKUBA NGUKUMKANI?

22. Sazi njani ukuba uYesu akazange abe nguKumkani xa wayesemhlabeni, ibe akazange akhawuleze abe nguye emva kokuba evusiwe?

22 UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba mabathandaze bathi: “Mabufike uBukumkani bakho.” Le nto yayibonisa ukuba urhulumente kaThixo wayeza kufika kwixesha elizayo. Kwakuza kufuneka uYehova aqale amenze lo rhulumente aze abeke uYesu abe nguKumkani. Ngaba uYesu wakhawuleza waba nguKumkani ukufika kwakhe ezulwini? Hayi, kwakuza kufuneka alinde. Emva kokuba uYesu evuselwe ezulwini, uPetros noPawulos bayenza yacaca le nto xa babecacisa indlela isiprofeto esikwiNdumiso 110:1 esibhekisela ngayo kuYesu. Kweso siprofeto, uYehova uthi: “Hlala ngasekunene kwam de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho.”​—IZenzo 2:32-35; Hebhere 10:12, 13

UBukumkani BukaThixo buza kuqinisekisa ukuba ukuthanda kwakhe kuyenziwa emhlabeni

23. (a) UYesu uqale nini ukulawula njengoKumkani worhulumente kaThixo? (b) Siza kufunda ntoni kwisahluko esilandelayo?

23 Waqalisa nini uYesu ukulawula? Waqala ngo-1914. Kangangeminyaka emininzi ngaphambi ko-1914, iqela lamaKristu athembekileyo laqonda ukuba ukuqala ngaloo nyaka kwakuza kwenzeka iziprofeto zeBhayibhile, ibe kwenzeka loo nto. Iimfazwe, indlala nezifo zanda, noYesu waqalisa ukulawula njengoKumkani. (INdumiso 110:2) Emva koko, uSathana wakhawuleza waphoselwa emhlabeni, ibe ngoku ixesha analo “lifutshane.” (ISityhilelo 12:12) Kwisahluko esilandelayo, siza kubona ubungqina bokuba siphila kwelo xesha. Siza kufunda nokuba uBukumkani BukaThixo sebuza kuqinisekisa ukuba ukuthanda kwakhe kuyenziwa emhlabeni.​—Funda iSihlomelo 22.