Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 24

Ungaze Ube Lisela!

Ungaze Ube Lisela!

NGABA ukho umntu owakha weba into yakho?— Waziva njani ngoko?— Nabani na owayibayo ulisela, yaye akukho mntu ulithandayo isela. Ucinga ukuba yintoni ebangela umntu abe lisela? Ngaba uzalwa elilo?—

Sisandul’ ukufunda ukuba abantu bazalwa benesono. Ngoko sonke asifezekanga. Kodwa akukho mntu uzalwa elisela. Kusenokubakho isela nakwintsapho elungileyo. Abazali balo, abantakwalo, noodade walo basenokuba banyanisekile. Kodwa ukunqwenela komntu imali noko anokukuthenga ngayo kusenokumenza abe lisela.

Ucinga ukuba ngubani owaba lisela lokuqala?— UMfundisi Omkhulu wayemazi loo mntu xa wayesezulwini. Elo sela laliyingelosi. Kodwa ekubeni uThixo wazenza zafezeka zonke iingelosi, yakwazi njani loo ngelosi ukuba lisela?— Kaloku, njengokuba sifundile kwiSahluko 8 sale ncwadi, yafuna into engeyoyayo. Ngaba usakhumbula ukuba yintoni leyo?—

Emva kokuba uThixo edale indoda nomfazi bokuqala, loo ngelosi yayifuna ukuba bayinqule. Yayingenalo ilungelo lokunqulwa ngabo. Olo nqulo yayilolukaThixo. Kodwa yaluba! Ngokwenza kwayo ukuba uAdam noEva bayinqule, loo ngelosi yaba lisela. Yaba nguSathana uMtyholi.

Yintoni ebangela ukuba umntu abe lisela?— Kukunqwenela into engeyoyakhe. Lo mnqweno unokuba namandla kangangokuba ungabangela nabantu abalungileyo benze izinto ezimbi. Maxa wambi abantu ababa ngamasela abaphindi baguquke baze benze izinto ezilungileyo. Omnye wabo wayengumpostile kaYesu. Igama lakhe lalinguYudas Skariyoti.

UYudas wayesazi ukuba kuphosakele ukuba, kuba wayefundiswe uMthetho kaThixo eseyinkwenkwana. Wayesazi ukuba uThixo wayekhe wathetha nabantu bakhe esezulwini wathi: “Uze ungebi.” (Eksodus 20:15) Ekukhuleni kwakhe uYudas, wadibana noMfundisi Omkhulu waza waba ngomnye wabafundi bakhe. Kamva, uYesu wada wamkhetha uYudas waba ngomnye wabapostile bakhe abali-12.

UYesu wayesoloko ehamba nabapostile bakhe. Babesitya kunye. Yaye yonke imali ababenayo babeyigcina ebhokisini. UYesu wayinika uYudas loo bhokisi ukuze ayigcine. Kakade ke, loo mali yayingeyiyo ekaYudas. Kodwa ngaba uyazi ukuba yintoni eyenziwa nguYudas ekuhambeni kwexesha?—

Kwakutheni ukuze ebe uYudas?

UYudas waqalisa ukuthatha imali kuloo bhokisi ngokungafanelekanga. Wayeyithatha xa kungekho mntu umbonayo, yaye wazama neendlela zokufumana engakumbi. Waqalisa ukucinga ngemali ngalo lonke ixesha. Makhe sibone ukuba lo mnqweno uphosakeleyo wakhokelela entwenini kwiintsuku nje ezimbalwa ngaphambi kokuba uMfundisi Omkhulu abulawe.

UMariya, udade bomhlobo kaYesu uLazaro, wathabatha ioli exabiseke kakhulu waza wayigalela ezinyaweni zikaYesu. Kodwa uYudas wakhalaza. Ngaba uyasazi isizathu soko?— Wathi kungenxa yokuba le oli yayimele ithengiswe ize imali inikwe amahlwempu. Kodwa eneneni wayefuna kubekho imali eninzi kuloo bhokisi aze ayibe.—Yohane 12:1-6.

UYesu wamxelela uYudas ukuba angamkhathazi uMariya, owayebonakalisa ububele. UYudas akazange akuthande oko wayekuxelelwa nguYesu, ngoko waya kubabingeleli abaziintloko, ababeziintshaba zikaYesu. Babefuna ukumbamba uYesu, kodwa babefuna ukukwenza ebusuku oko ukuze bangabonwa ngabantu.

UYudas wathi kwabo babingeleli: ‘Ndiza kunixelela indlela eninokumbamba ngayo uYesu, ukuba ningandinika imali. Niza kundinika malini?’

Ababingeleli baphendula bathi: ‘Siza kukunika amashumi amathathu amaqhosha esilivere.’​—Mateyu 26:14-16.

UYudas wayithatha loo mali. Oko kwakufana nokungathi wayethengise uMfundisi Omkhulu kuloo madoda! Ngaba unokuthelekelela nabani na esenza into embi ngolo hlobo?— Yiloo nto kanye eyenzekayo xa umntu esiba lisela aze ebe imali. Uthanda imali ngaphezu kokuthanda abanye abantu okanye uThixo.

Mhlawumbi unokuthi, ‘Andisayi kuze ndithande nantoni na ngaphezu koYehova uThixo.’ Kuhle ukuvakalelwa ngaloo ndlela. Xa uYesu wakhetha uYudas njengompostile, kusenokwenzeka ukuba naye uYudas wayevakalelwa ngaloo ndlela. Kusenokwenzeka ukuba abanye ababa ngamasela babevakalelwa ngaloo ndlela nabo. Makhe sithethe ngabanye babo.

Ziziphi izinto ezimbi uAkan noDavide abacinga ngazo?

Omnye wayengumkhonzi kaThixo ogama linguAkan, owayephila kudala ngaphambi kokuba azalwe uMfundisi Omkhulu. UAkan wabona isambatho esihle, isitena segolide, neengqekembe zesilivere. Yayingezozakhe. IBhayibhile ithi yayizezikaYehova kuba zazithatyathwe kwiintshaba zikaThixo. Kodwa uAkan wayezifuna ngamandla kangangokuba waziba.​—Yoshuwa 6:19; 7:11, 20-22.

Nanku omnye umzekelo. Kude kudala, uYehova wakhetha uDavide ukuba abe ngukumkani wabantu bakwaSirayeli. Ngeny’ imini, uDavide waqalisa ukujonga umfazi owayemhle uBhatshebha. Waqhubeka emjongile uBhatshebha waza wacinga ngokumthatha amenze umfazi wakhe. Kodwa ke, wayengumfazi kaUriya. Yintoni awayefanele ukuba uyenzile uDavide?—

UDavide wayefanele ayeke ukucinga ngokuthatha uBhatshebha. Kodwa akazange enjenjalo. Ngoko uDavide wamsa ekhayeni lakhe. Emva koko wenza iinzame zokuba u-Uriya abulawe. Kwakutheni ukuze uDavide enze ezi zinto zimbi kangaka?— Kungenxa yokuba wayefuna umfazi womnye umntu.​—2 Samuweli 11:2-27.

UAbhisalom wayelisela ngayiphi indlela?

Ngenxa yokuba uDavide waguquka, uYehova wamyeka waphila. Kodwa uDavide wajamelana neengxaki ezininzi. Unyana wakhe uAbhisalom wafuna ukuthabatha isikhundla sikaDavide abe ngukumkani. Ngoko xa abantu beze kubona uDavide, uAbhisalom wayebanga. IBhayibhile ithi: “UAbhisalom wamana eziba iintliziyo zamadoda akwaSirayeli.” Wabenza abantu bafuna yena njengokumkani endaweni kaDavide.​—2 Samuweli 15:1-12.

Ngaba wakha wanqwenela into kakhulu, njengokuba uAkan, uDavide noAbhisalom benzayo?— Ukuba loo nto yeyomnye umntu, ukuyithatha ngaphandle kwemvume kukuyiba. Ngaba usayikhumbula into eyayifunwa lisela lokuqala, uSathana?— Lalifuna abantu banqule lona kunoThixo. Ngoko uSathana wayesiba xa wenza ukuba uAdam noEva bathobele yena.

Ukuba into yeyakho, uba nelungelo lokugqiba ukuba ngubani omele ayisebenzise. Ngokomzekelo, usenokuya kudlala nabanye abantwana kwikhaya labo. Ngaba kulungile ukuthatha into yalapho uze nayo kowenu?— Akulunganga, ngaphandle kokuba utata okanye umama walapho uthe yithathe. Ukuba ugoduka nayo ungakhange uyicele, oko kukuba.

Yintoni enokukuhendela ukuba ube?— Kukufuna into engeyoyakho. Kwanokuba abanye abantu abakuboni xa uyithatha, ngubani okubonayo?— NguYehova uThixo. Yaye sifanele sikhumbule ukuba uThixo ukuthiyile ukuba. Ngoko ukuthanda kwakho uThixo nommelwane wakho kuya kukunceda ungabi lilo isela.

IBhayibhile itsho ngokucacileyo ukuba kuphosakele ukuba. Nceda ufunde uMarko 10:17-19; eyabaseRoma 13:9 neyabase-Efese 4:28.