Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 21

Ngaba Ikho Into Esifanele Siqhayise Ngayo?

Ngaba Ikho Into Esifanele Siqhayise Ngayo?

KUTHETHA ukuthini ukuqhayisa? Ngaba uyazi?— Makhe ndikwenzele umzekelo. Ngaba wakha wazama ukwenza into ongenabuchule bayo? Masithi ubuzama ukukhaba ibhola. Okanye ukudlala ugqaphu. Ngaba ukho umntu owathi, “Ha! Ha! Ha! Ndingakogqitha mna”?— Loo mntu ebeqhayisa.

Uvakalelwa njani xa abanye bekuphatha ngaloo ndlela? Ngaba uyakuthanda oko?— Ngoko, ucinga ukuba bavakalelwa njani abanye xa ubaqhayisela?— Ngaba kufanelekile ukuthi komnye umntu, “Ndibhetele kunawe”?— Ngaba uYehova uyabathanda abantu abaqhayisayo?—

UMfundisi Omkhulu wayebaqhelile abantu abazicingela bhetele kunabanye. Babeqhayisa baze babajongele phantsi abanye abantu. Ngoko ngenye imini uYesu wababalisela ibali ebonisa indlela ekuphosakele ngayo ukuqhayisa. Makhe siliphulaphule.

Eli bali lithetha ngomFarisi nomqokeleli werhafu. Kaloku, abaFarisi babengabafundisi bonqulo, ababesoloko bezenza ngathi balungile okanye bangcwele kunabanye abantu. UYesu usibalisela ngomFarisi owaya kuthandaza etempileni kaThixo eYerusalem.

Kwakutheni ukuze uThixo akholiswe ngumqokeleli werhafu kodwa angakholiswa ngumFarisi?

UYesu uchaza ukuba kwafika nomqokeleli werhafu naye eze kuthandaza apho etempileni. Abantu abaninzi babengabathandi abaqokeleli berhafu. Babevakalelwa kukuba abaqokeleli berhafu bayabaqhatha. Yaye enyanisweni abaqokeleli berhafu abaninzi babengathembekanga.

Bakuba belapho etempileni, umFarisi wathandaza kuThixo wathi: ‘Owu Thixo, ndiyabulela kuwe kuba ndingenguye umoni njengabanye abantu. Andibaqhathi abanye abantu yaye andenzi zinto zimbi. Andifani nalaa mqokeleli werhafu. Mna ndililungisa. Ndizila ukutya kabini ngeveki ukuze ndibe nexesha elininzi lokucinga ngawe. Yaye ndinikela etempileni izishumi zazo zonke izinto endizifumanayo.’ Ngokwenene lo mFarisi wayezicingela bhetele kunabanye.— Kaloku wada wakuxelela noThixo oko.

Kodwa yena umqokeleli werhafu wayengenjalo. Wayengafuni nokuwaphakamisela ezulwini amehlo akhe xa ethandaza. Wayemi mgama ejongis’ intloko ezantsi. Wayezisola gqitha ngezono zakhe, yaye ezibetha isifuba ngenxa yentlungu. Akazange axelele uThixo ngobulungisa bakhe. Kunoko wathandaza wathi: “Owu Thixo, yiba nobabalo kum mna moni.”

Ucinga ukuba yiyiphi kuloo madoda mabini eyamkholisayo uThixo? Ngaba ngumFarisi, lowo wayecinga ukuba ulunge gqitha? Okanye nguloo mqokeleli werhafu wayezisola ngezono zakhe?—

UYesu wathi ngumqokeleli werhafu owakholisa uThixo. Ngoba? UYesu wathi: ‘Ngenxa yokuba wonke umntu ozenza bhetele kunabanye uya kuthotywa. Kodwa lowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.’—Luka 18:9-14.

Sisiphi isifundo esasifundiswa nguYesu ngelo bali?— Wayefundisa ukuba kuphosakele ukuzicingela bhetele kunabanye. Sisenokuthi asizicingeli bhetele, kodwa indlela esenza ngayo, inokubonisa ukuba sicinga ukuba sinjalo. Ngaba wakha wazenza bhetele?— Cinga ngompostile uPetros.

Xa uYesu wayexelela abapostile bakhe ukuba bonke babeza kumshiya xa ebanjwa, uPetros waqhayisa esithi: ‘Nokuba bonke abanye bangakushiya, mna andinakuze ndikushiye!’ Kodwa uPetros wayephazama. Wayezithembe gqitha. Wamshiya uYesu. Noko ke waphinda wabuya, njengoko siza kufunda kwiSahluko 30 sale ncwadi.​—Mateyu 26:31-33.

Makhe sicinge ngomzekelo wanamhlanje. Masithi kwiklasi yenu esikolweni nibuzwa imibuzo ethile. Ubuya kuthini ukuba uyakwazi ukuyiphendula yonke loo mibuzo, babe bona abanye abantwana bengakwazi? Kakade ke, ubuya kuvuya xa uzazi ezo mpendulo. Kodwa ngaba bekuya kufaneleka ukuzithelekisa nabo bangazaziyo?— Ngaba kulungile ukuzenza bhetele ngokwenza abanye bajongelwe phantsi?—

Oku koko kanye kwakusenziwa nguloo mFarisi. Waqhayisa esithi ubhetele kunomqokeleli werhafu. Kodwa uMfundisi Omkhulu wathi loo mFarisi wayengachananga. Kuyinyaniso ukuba omnye umntu unokuba nento akwazi ukuyenza bhetele kunomnye. Kodwa oko akuthethi ukuba ubhetele ngokwenene.

Ngaba ukwazi ngaphezu komnye umntu kukwenza ube bhetele kunaye?

Ngoko ukuba sinolwazi olungaphezu kolomnye umntu, ngaba simele siqhayise?— Khawucinge nje ngako oko. Ngaba sayenza ngokwethu ingqondo yethu?— Akunjalo, nguThixo osinike ingqondo. Yaye uninzi lwezinto esizaziyo, sizifunde kwabanye. Mhlawumbi ezinye sizifunde encwadini. Okanye kusenokwenzeka ukuba sizive kwabanye abantu. Kwanokuba sizicingele ngokwethu ezinye izinto, siyifumene phi ingqondo yokuzicinga?— Ewe, siyifumene kuThixo.

Xa umntu esenza konke okusemandleni akhe, sifanele simncome. Mxelele ukuba uyayithanda into ayenzileyo. Mhlawumbi unokude umncedise ayenze bhetele. Leyo yinto onokuthanda ukuba abantu bayenze nakuwe, akunjalo?—

Kutheni kuphosakele nje ukuqhayisa xa sinamandla ngaphezu komnye umntu?

Abanye abantu banamandla kunabanye. Kuthekani ukuba unamandla ngaphezu komntakwenu okanye udade wenu? Ngaba umele uqhayise ngoko?— Hayi, akunjalo. Sincedwa kukutya ukuze sibe namandla. Yaye nguThixo osinika ilanga nemvula nazo zonke ezinye izinto ezenza ukutya kukhule, akunjalo?— Ngoko ke, sifanele sibulele uThixo ngokusenza sikhule size sibe namandla.​—IZenzo 14:16, 17.

Akukho namnye kuthi othanda ukuva umntu eqhayisa, andithi?— Masikhumbule amazwi kaYesu athi: “Kanye njengoko nifuna abantu benze kuni, yenzani ngendlela efanayo kubo.” Ukuba senjenjalo, asiyi kuze sifane nalaa mFarisi wayeqhayisa kwibali loMfundisi Omkhulu.—Luka 6:31.

Ngesinye isihlandlo kukho umntu owathi uYesu ulungile. Ngaba uMfundisi Omkhulu wathi, ‘Ewe, ndilungile’?— Hayi, akazange atsho. Kunoko, wathi: “Akukho bani ulungileyo, ngaphandle komnye, uThixo.” (Marko 10:18) Nangona uMfundisi Omkhulu wayefezekile, akazange aqhayise. Kunoko, lonke udumo walunika uYise, uYehova.

Ngoko, ngaba ukho umntu esinokuqhayisa ngaye?— Ewe, ukho. Sinokuqhayisa ngoMdali wethu, uYehova uThixo. Xa sibona ubuhle bokutshona kwelanga okanye ezinye izinto ezimangalisayo zendalo, sinokuthi komnye umntu, ‘NguThixo wethu omangalisayo, uYehova, ozenzileyo ezi zinto!’ Masisoloko sikulungele ukuthetha ngezinto ezimangalisayo azenzileyo uYehova kwanezo aza kuzenza kwixesha elizayo.

Iqhayisa ngantoni le nkwenkwe?

Funda oko kuthethwa ziZibhalo ngokuqhayisa, uze ufunde indlela esifanele sikuphephe ngayo ukuqhayisa: IMizekeliso 16:5, 18; uYeremiya 9:23, 24; eyoku-1 kwabaseKorinte 4:7 nese-13:4.