Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 5

“Lo NguNyana Wam”

“Lo NguNyana Wam”

XA ABANTWANA besenza izinto ezintle, abo babanyamekelayo bayavuya. Xa intombazana isenza into entle, uyise uye akuvuyele ukuxelela abanye athi: “Le yintombi yam.” Okanye xa inkwenkwe isenza izinto ezintle, uyise uye avuye athi: “Lo ngunyana wam.”

UYesu usoloko esenza izinto ezimkholisayo uYise. Ngoko uYise unebhongo ngaye. Ngaba uyakukhumbula oko wakwenzayo uYise ngenye imini xa uYesu wayekunye nabalandeli bakhe abathathu?— Ewe, uThixo wathetha esezulwini wathi kubo: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.”​—Mateyu 17:5.

UYesu usoloko ekuvuyela ukwenza izinto ezimkholisayo uYise. Ngaba uyasazi isizathu soko? Kungenxa yokuba umthanda ngokwenene uYise. Ukuba umntu wenza izinto kuba enyanzelekile, kuba nzima. Kodwa xa enomdla, kuba lula. Ngaba uyazi ukuba kuthetha ukuthini ukuba nomdla?— Kuthetha ukufuna ngokwenene ukwenza into.

Kwanangaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, wayenomdla wokwenza nantoni na uYise awayefuna ayenze. Oku kungenxa yokuba uyamthanda uYise, uYehova uThixo. UYesu wayehleli kamnandi ezulwini kunye noYise. Kodwa uThixo wayenomsebenzi okhethekileyo awayefuna ukuba uYesu awenze. Ukuze enze loo msebenzi, uYesu kwafuneka emke ezulwini. Kwafuneka ukuba azalwe njengosana emhlabeni. UYesu wayenomdla wokwenza oku kuba kwakufunwa nguYehova.

Ingelosi uGabriyeli yamxelela ntoni uMariya?

Ukuze uYesu azalwe njengosana emhlabeni, kwakufuneka abe nomama. Ngaba uyazi ukuba wayengubani?— Igama lakhe yayinguMariya. UYehova wathumela ingelosi yakhe uGabriyeli eyayisuka ezulwini ukuba ithethe noMariya. UGabriyeli wamxelela ukuba wayeza kuzala usana oluyinkwenkwe. Olo sana kwakuza kuthiwa nguYesu. Wayeza kuba ngubani uyise wolo sana?— Le ngelosi yathi uYise wosana wayeza kuba nguYehova uThixo. Kungenxa yoko le nto uYesu wayeza kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo.

Ucinga ukuba wavakalelwa njani uMariya ngoku?— Ngaba wathi, “Andifuni kuba ngumama kaYesu”? Akunjalo, uMariya wayekulungele ukwenza oko kufunwa nguThixo. Kodwa uNyana kaThixo wasezulwini wayenokuzalwa njani njengosana emhlabeni? Ukuzalwa kukaYesu kwakwahluke njani ekuzalweni kwezinye iintsana? Ngaba uyazi?—

Kaloku, uThixo wabenza abazali bethu bokuqala, uAdam noEva, ukuze badibane ngendlela ekhethekileyo. Emva koko, usana lwaluza kukhula ngaphakathi kunina. Abantu bathi oku ngummangaliso! Ngokuqinisekileyo uyavuma.

Ngoku uThixo wenza eyona nto imangalisa ngakumbi. Wafaka ubomi boNyana wakhe wasezulwini ngaphakathi kuMariya. UThixo akazange akwenze oko ngaphambili, yaye akazange aphinde akwenze. Ngenxa yalo mmangaliso, uYesu wakhula kuMariya kanye njengokuba ezinye iintsana zikhula koonina. Emva koko uMariya watshata noYosefu.

Xa lafikayo ixesha lokuba uYesu azalwe, uMariya noYosefu babetyelele eBhetelehem. Kodwa yayizele ngabantu. UMariya noYosefu abazange bayifumane indawo yokuhlala, ngoko bahlala kwindawo eyayigcina izilwanyana. Wazalelwa apho uYesu waza wabekwa emkhumbini, njengokuba ubona apha. Umkhumbi yindawo ehlala ukutya kweenkomo nezinye izilwanyana.

Kwakutheni ukuze uYesu afakwe emkhumbini?

Kwenzeka izinto ezivuyisayo ngobusuku bokuzalwa kukaYesu. NgaseBhetelehem, kwabonakala ingelosi kubalusi abathile. Yabaxelela ukuba uYesu ngumntu obalulekileyo. Le ngelosi yathi: ‘Khangelani! Ndinixelela iindaba ezimnandi eziya kuvuyisa abantu. Namhlanje uzelwe lowo uza kusindisa abantu.’​—Luka 2:10, 11.

Ziziphi iindaba ezilungileyo ezaxelelwa abalusi yenye ingelosi?

Le ngelosi yaxelela abalusi ukuba babeza kufumana uYesu eBhetelehem, elele emkhumbini. Emva koko, nezinye iingelosi zasezulwini zayithelela zaza zadumisa uThixo. Ezi ngelosi zamdumisa zathi: ‘Makubekho uzuko kuThixo, noxolo emhlabeni phakathi kwabantu abakholekileyo.’—Luka 2:12-14.

Emva kokuba zimkile ezo ngelosi, abo balusi baya eBhetelehem baza bamfumana uYesu. Bakufika apho bamxelela uYosefu noMariya zonke izinto ezintle abazivileyo. Ngaba unokuyithelekelela indlela awavuya ngayo uMariya ngenxa yokuba wavumayo ukuba ngunina kaYesu?

Kamva, uYosefu noMariya bamsa uYesu kwisixeko saseNazarete. UYesu wakhulela apho. Ekukhuleni kwakhe waqalisa umsebenzi wakhe omkhulu wokufundisa. Le yayiyinxalenye yomsebenzi uYehova uThixo awayefuna uNyana wakhe awenze emhlabeni. UYesu wayenomdla wokuwenza loo msebenzi kuba wayemthanda kakhulu uYise wasezulwini.

Ngaphambi kokuba uYesu aqalise umsebenzi wakhe njengoMfundisi Omkhulu, wabhaptizwa kuMlambo iYordan nguYohane umBhaptizi. Emva koko kwenzeka into emangalisayo! Njengoko uYesu wayephuma emanzini, uYehova wathetha esezulwini, wathi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” (Mateyu 3:17) Ngaba akuvuyi xa abazali bakho bekuxelela ukuba bayakuthanda?— Singaqiniseka ukuba noYesu wavuya.

UYesu wayesoloko esenza okulungileyo. Wayengazenzi umntu angenguye. Akazange athi ebantwini unguThixo. Ingelosi uGabriyeli yaxelela uMariya ukuba uYesu wayeza kubizwa ngokuba nguNyana kaThixo. Naye uYesu wathi unguNyana kaThixo. Yaye akazange athi ebantwini wayesazi ngaphezu koYise. Wathi: “UBawo mkhulu kunam.”​—Yohane 14:28.

Esesezulwini, xa uYesu wanikwa umsebenzi nguYise, wawenza. Akazange avume ukuba uza kuwenza aze enze enye into. Wayemthanda uYise. Ngoko wayekuphulaphula oko akuxelelwa nguYise. Ngoko xa uYesu weza emhlabeni, wenza oko uYise wasezulwini wayemthume kona. Akazange achithe ixesha esenza enye into. Akafane nje uYehova ekholiswa nguNyana wakhe!

Nathi sifuna ukumkholisa uYehova, akunjalo?— Ngoko simele sibonise ukuba simphulaphula ngokwenene uThixo, njengoYesu. UThixo uthetha nathi esebenzisa iBhayibhile. Ibingayi kuba yinto efanelekileyo ukwenza ngathi siyamphulaphula uThixo kodwa sikholelwe size senze izinto ezingavumelaniyo neBhayibhile, akunjalo?— Yaye khumbula, siya kuvuyiswa kukukholisa uYehova ukuba simthanda ngokwenene.

Ngoku fundani nazi ezinye iindinyana zeBhayibhile ezibonisa oko simele sikwazi size sikukholelwe ngoYesu: Mateyu 7:21-23; Yohane 4:25, 26 neyoku-1 kuTimoti 2:5, 6.