Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 37

Ukukhumbula UYehova NoNyana Wakhe

Ukukhumbula UYehova NoNyana Wakhe

MASITHI kukho umntu okupha isipho esikhetheke kakhulu. Ubuya kusabela njani?— Ngaba ubuya kusuka nje ubulele uze emva koko umlibale lowo ukuphe sona? Okanye ngaba ubuya kusoloko umkhumbula ngoko akwenzele kona?—

UYehova uThixo wasinika isipho esikhetheke kakhulu. Wathumela uNyana wakhe emhlabeni ukuze asifele. Ngaba uyasazi isizathu sokuba asifele?— Kubaluleke gqitha ukuba sikuqonde oku.

Njengoko siye safunda kwiSahluko 23, uAdam wona ngokwaphula umthetho ogqibeleleyo kaThixo. Yaye isono sasifumana kuAdam, ubawo wethu sonke. Ngoko, ucinga ukuba yintoni efunekayo kuthi?— Ngokungathi kunjalo, kufuneka ubawo omtsha, owakha waphila ubomi obufezekileyo emhlabeni. Ucinga ukuba ingangubani loo bawo?— NguYesu.

UYehova wathumela uYesu emhlabeni ukuze abe njengobawo kuthi endaweni ka-Adam. IBhayibhile ithi: “‘Umntu wokuqala uAdam waba ngumphefumlo ophilayo.’ UAdam wokugqibela waba ngumoya onik’ ubomi.” Yayingubani uAdam wokuqala?— Ewe, ngulowo uThixo wamdala ngothuli lomhlaba. Yayingubani uAdam wesibini?— NguYesu. IBhayibhile iyakuchaza oku xa isithi: “Umntu wokuqala [uAdam] uphuma emhlabeni yaye wenziwe ngothuli; umntu wesibini [uYesu] uphuma ezulwini.”​1 Korinte 15:45, 47; Genesis 2:7.

Ekubeni uThixo wathatha ubomi bukaYesu ezulwini waza wabufaka esibelekweni sebhinqa elinguMariya, uYesu akazange asifumane isono sika-Adam. Yiyo loo nto uYesu wayengumntu ofezekileyo. (Luka 1:30-35) Kungenxa yeso sizathu le nto ingelosi yathi kubalusi ekuzalweni kukaYesu: “Nizalelwe namhlanje uMsindisi.” (Luka 2:11) Kodwa ukuze lube nguMsindisi wethu, yintoni ekwakuza kufuneka iqale yenzeke kolu sana lunguYesu?— Kwakuza kufuneka luqale lukhule ngokupheleleyo, kanye njengoAdam. Ngaloo ndlela uYesu wayeza kuba ‘nguAdam wesibini.’

UYesu onguMsindisi wethu, wayeza kuba nguye ‘noBawo wethu ongunaPhakade.’ Ubizwa ngolo hlobo eBhayibhileni. (Isaya 9:6, 7) Ewe, uYesu ofezekileyo unokuba ngubawo wethu endaweni ka-Adam, owathi akafezeka emva kokuba onile. Ngaloo ndlela, sinokukhetha ukuba ‘noAdam wesibini’ njengobawo wethu. Kakade ke, uYesu unguNyana kaYehova uThixo.

UAdam noYesu babefana njani, yaye kwakubaluleke ngantoni oko?

Xa sisazi ngoYesu, sinokumamkela njengoMsindisi wethu. Ngaba usayikhumbula into ekufuneka sisindiswe kuyo?— Ewe, kufuneka sisindiswe esonweni nasekufeni esakufumana kuAdam. Ukuzincama kukaYesu njengomntu okhulileyo nofezekileyo kubizwa ngokuba yintlawulelo. UYehova walungiselela intlawulelo ukuze sikwazi ukuxolelwa izono.​—Mateyu 20:28; Roma 5:8; 6:23.

Ngokuqinisekileyo asifuni ukukulibala oko uThixo noNyana wakhe basenzele kona, akunjalo?— UYesu wabonisa abalandeli bakhe indlela ekhethekileyo enokusinceda sikhumbule oko wakwenzayo. Makhe sithethe ngoku.

Yiba nomfanekiso-ngqondweni ukwigumbi eliphezulu kwindlu eseYerusalem. Kusebusuku. UYesu nabapostile bakhe bangqonge itafile. Etafileni kubekwe itakane elojiweyo, isonka, newayini ebomvu. Banandipha isidlo esikhethekileyo. Ngaba uyasazi isizathu soko?—

Injongo yesi sidlo yayikukubakhumbuza ngoko uYehova wayebenzele kona kumakhulukhulu eminyaka ngaphambilana, xa abantu bakhe, amaSirayeli, babengamakhoboka eYiputa. Ngelo xesha uYehova wabaxelela oku abantu bakhe: ‘Ntsapho nganye mayibulale itakane ize ilitshize elo gazi emgubasini womnyango wendlu yayo.’ Emva koko wathi: ‘Ngenani ngaphakathi ezindlwini nize nilityele apho elo takane.’

Igazi letakane labakhusela njani abantu bakwaSirayeli?

AmaSirayeli akwenza oko. Yaye kwangobo busuku, ingelosi kaThixo yadlula kwilizwe laseYiputa. Kwizindlu ezininzi, le ngelosi yabulala abantwana abangamazibulo. Kodwa yayidlula xa ibona igazi letakane emgubasini womnyango. Ayizange ibulale bantwana kwezo zindlu. UFaro, ukumkani waseYiputa, wakoyika oko kwenziwa yingelosi kaYehova. Ngoko uFaro wathi kumaSirayeli: ‘Nikhululekile. Phumani apha eYiputa!’ Ngoko nangoko akhwelisa izinto zawo ezinkameleni nakwiidonki aza emka.

UYehova wayengafuni ukuba abantu bakhe bayilibale indlela awabakhulula ngayo. Ngoko wathi: ‘Kanye ngonyaka nimele nenze isidlo esifana nesi nisenzileyo ngokuhlwanje.’ Esi sidlo sikhethekileyo basibiza ngokuba yiPasika. Ngobo busuku ingelosi kaThixo ‘yadlula’ kwizindlu ezazitshizwe ngegazi.​—Eksodus 12:1-13, 24-27, 31.

Kungeso sizathu uYesu nabapostile bakhe besenza isidlo sePasika. Emva koko, uYesu wenza into ebaluleke gqitha. Noko ke, ngaphambi kokuba akwenze oko, ugxotha omnye umpostile ongathembekanga ogama linguYudas. Emva koko, uYesu uthabatha esinye isonka esiseleyo, asithandazele, asiqhekeze aze asidlulise kubafundi bakhe. Uthi: “Thabathani, nidle.” Wandula ke athi kubo: ‘Esi sonka simela umzimba wam endiza kuwunikela xa ndinifela.’

Emva koko uYesu uthabatha indebe yewayini ebomvu. Emva kokuba enze omnye umthandazo wokubulela, uyidlulisa kubo bonke aze athi: “Selani kuyo, nonke.” Uphinda athi kubo: ‘Le wayini imela igazi lam. Kungekudala igazi lam liza kuphalala ngenjongo yokunikhulula kwizono zenu. Qhubekani nisenza oku ukuze nindikhumbule.’​—Mateyu 26:26-28; 1 Korinte 11:23-26.

Igazi likaYesu, awalithelekisa newayini, linokusenzela ntoni?

Ngaba uphawulile ukuba uYesu wathi abafundi bakhe bafanele baqhubeke bekwenza oku ukuze bamkhumbule?— Babengazi kuphinda benze isidlo sePasika. Endaweni yaso, kanye ngonyaka babeza kwenza isidlo esikhethekileyo ukuze bakhumbule uYesu nokufa kwakhe. Esi sidlo sibizwa ngokuba siSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Namhlanje sibizwa ngokuba siSikhumbuzo. Ngoba?— Ngenxa yokuba sisikhumbuza oko uYesu noYise, uYehova uThixo, basenzela kona.

Esi sonka simele sisikhumbuze ngomzimba kaYesu. Wayekulungele ukuwunikela loo mzimba ukuze sikwazi ukufumana ubomi obungunaphakade. Kuthekani ngewayini ebomvu?— Ifanele isikhumbuze ngexabiso legazi likaYesu. Lixabiseke ngakumbi kunegazi letakane lePasika eyenziwa eYiputa. Ngaba uyasazi isizathu soko?— IBhayibhile ithi sinokuxolelwa izono ngenxa yegazi likaYesu. Yaye xa zonke izono zethu zisusiwe, asisayi kuphinda sigule, saluphale size sife. Sifanele sikukhumbule oku xa siseSikhumbuzweni.

Ngaba wonke umntu ufanele asitye isonka aze asele newayini eSikhumbuzweni?— Kaloku, uYesu wathi kwabo batyayo baze basele: ‘Niza kuba nenxaxheba ebukumkanini bam nize nihlale ezitroneni ezulwini kunye nam.’ (Luka 22:19, 20, 30) Oku kwakuthetha ukuba babeza kuya ezulwini baze babe ngookumkani kunye noYesu. Ngoko ngabo banethemba lokulawula noYesu ezulwini kuphela abafanele batye isonka baze basele newayini.

Kodwa bafanele baye eSikhumbuzweni nabo bangasityiyo isonka baze basele newayini. Ngaba uyasazi isizathu soko?— Kungenxa yokuba uYesu wanikela ngobomi bakhe kwanangenxa yethu. Ngokuya eSikhumbuzweni, sibonisa ukuba asikulibalanga oko. Siyasixabisa isipho sikaThixo esikhetheke kakhulu.

Ezinye zeZibhalo ezibonisa ukubaluleka kwentlawulelo kaYesu yeyoku-1 kwabaseKorinte 5:7; kwabase-Efese 1:7; eyoku-1 kuTimoti 2:5, 6 neyoku-1 kaPetros 1:18, 19.