Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 7

Ukuthobela Kuya Kukukhusela

Ukuthobela Kuya Kukukhusela

NGABA ubungathanda xa ubunokuyekwa wenze nantoni na oyithandayo? Ngaba ukhe unqwenele ukuba kungabikho mntu ukuxelelayo ngento omele uyenze? Kunjalo, andithi?—

Kutheni ufanele ubaphulaphule abantu abadala?

Ubuya kuthini wena? Ngaba un gathi kububulumko ngokwenene ukwenza nantoni na oyifunayo? Okanye ngaba kubhetele ukungamthobeli utata nomama wakho?— UThixo uthi ufanele uthobele abazali bakho, ngoko kumele ukuba kukho isizathu esihle sokwenjenjalo. Makhe sibone ukuba uyasiqonda na eso sizathu.

Mingaphi iminyaka yakho?— Yena utata wakho uneminyaka emingaphi?— Mingaphi yona ekamama, umakhulu okanye utat’ omkhulu wakho?— Sebephile ixesha elide kunawe. Kaloku okukhona umntu ephila ixesha elide, kokukhona esiba nexesha elingakumbi lokufunda izinto. Minyaka le uva, abone aze enze izinto ezininzi. Ngoko abaselula bangafunda kwabadala.

Ngaba kukho umntu omaziyo oselula kunawe?— Ngaba wazi ngaphezu kwakhe?— Kutheni kunjalo nje?— Kungenxa yokuba uye waphila ixesha elide kunaye. Uye wanexesha elingakumbi lokufunda izinto kunomntu oselula kunawe.

Ngubani oye waphila ixesha elide ngakumbi kunabo bonke abantu?— NguYehova uThixo. Wazi izinto ezininzi ngakumbi kunathi sonke. Xa esithi masenze into ethile, sinokuqiniseka ukuba yinto elungileyo, nangona kusenokuba nzima ukuyenza. Ubusazi na ukuba kwakha kwanzima nakuMfundisi Omkhulu ukuthobela?—

Ngaxa lithile uThixo wakha wacela uYesu ukuba enze into eyayinzima gqitha. UYesu wakuthandazela oko, njengokuba sibona kulo mfanekiso. Wathandaza wathi: “Ukuba uyanqwena, yishenxise le ndebe kum.” Ngokwenza loo mthandazo, uYesu wabonisa ukuba akusoloko kulula ukwenza ukuthanda kukaThixo. Kodwa uYesu wawuqukumbela njani umthandazo wakhe? Ngaba uyazi?—

Yintoni esinokuyifunda kumthandazo kaYesu?

UYesu wawuqukumbela ngokuthi: “Makwenzeke, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa okwakho.” (Luka 22:41, 42) Wayefuna ukuba kwenzeke ukuthanda kukaThixo, kungekhona okwakhe. Yaye waqhubeka esenza oko kwakufunwa nguThixo kunokuba enze oko acinga ukuba kulungile.

Yintoni esinokuyifunda koku?— Sifunda ukuba kusoloko kulungile ukwenza oko kuthethwa nguThixo, nangona kusenokungabi lula. Kodwa kukho enye into esiyifundayo koku. Ngaba uyazi ukuba yintoni leyo?— Sifunda ukuba uThixo noYesu abangomntu mnye, njengokuba abanye besitsho. NguYehova uThixo omdala yaye wazi ngaphezu koNyana wakhe, uYesu.

Xa simthobela uThixo, sibonisa ukuba siyamthanda. IBhayibhile ithi: “Ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imiyalelo yakhe.” (1 Yohane 5:3) Ngoko uyaqonda ke ngoku ukuba simele simthobele uThixo. Uyafuna ukumthobela, akunjalo?—

Masithabathe iBhayibhile size sifunde oko uThixo axelela abantwana ukuba bakwenze. Siza kufunda oko kuthethwa yiBhayibhile kweyabase-Efese isahluko 6, indinyana 1, 2, neyesi-3. Ithi: “Bantwana, bathobeleni abazali benu ngokumanyene neNkosi, kuba oku kububulungisa: ‘Beka uyihlo nonyoko’; wona lowo ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi: ‘Ukuze kulunge kuwe uze uhlale ixesha elide emhlabeni.’”

Ngaba uyabona ke ngoku ukuba nguYehova uThixo othi thobela uyihlo nonyoko? Kuthetha ukuthini ‘ukubabeka’? Kuthetha ukuba ufanele ubahlonele. Yaye uThixo uthembisa ukuba xa uthobela abazali bakho, kuya ‘kulunga kuwe.’

Makhe ndikubalisele ibali ngabanye abantu abasindayo ngenxa yokuthobela kwabo. Aba bantu babephila kudala kwisixeko esikhulu saseYerusalem. Inkoliso yabo ayizange imphulaphule uThixo, ngoko uYesu wabalumkisa esithi uThixo wayeza kusitshabalalisa eso sixeko. Kwakhona uYesu wabaxelela indlela ababenokusaba ngayo ukuba babethanda oko kulungileyo. Wathi: ‘Xa nibona imikhosi ingqonge iYerusalem, yazini ukuba intshabalalo ikufuphi. Ngoko ke lixesha lokuba nisabe eYerusalem nibalekele ezintabeni.’​—Luka 21:20-22.

Ukuthobela umyalelo kaYesu kwabasindisa njani aba bantu?

Kanye njengokuba uYesu watshoyo, kwafika imikhosi ize kutshabalalisa iYerusalem. Imikhosi yamaRoma yayingqonga ngeentente. Ngezizathu ezingaziwayo loo majoni aphinda emka. Inkoliso yabantu yacinga ukuba akusekho ngozi. Ngoko yahlala esixekweni. Kodwa yintoni uYesu awayethe mabayenze?— Wawuya kwenza ntoni wena ukuba wawuhlala eYerusalem?— Abo babekholelwa ngokwenene kuYesu bashiya amakhaya abo baza babalekela ezintabeni kude neYerusalem.

Kwaphela unyaka kungakhange kwenzeke nto eYerusalem. Nakunyaka wesibini, akuzange kwenzeke nto. Ukanti nakowesithathu, kwaba njalo. Kusenokwenzeka ukuba abanye abantu bacinga ukuba abo babesishiyile eso sixeko babezizidenge. Kodwa kunyaka wesine, imikhosi yamaRoma yabuya. Yaphinda yayingqonga iYerusalem. Ngoku lalingekho ixesha lokusaba. Kwesi isihlandlo yasitshabalalisa eso sixeko. Inkoliso yabo babekuso yafa, baza abanye bathinjwa.

Kwenzeka ntoni kwabo babemthobele uYesu?— Babekhuselekile. Babekude neYerusalem. Ngoko abazange benzakaliswe. Ukuthobela kwabakhusela.

Ukuba uyathobela, ngaba oko kuya kukukhusela nawe?— Abazali bakho basenokuthi ungaze udlale esitratweni. Kutheni besitsho nje?— Kungenxa yokuba usenokugilwa yimoto. Kodwa ngenye imini usenokuthi: ‘Akukho moto ngoku. Akukho nto iza kundenzakalisa. Abanye abantwana bayadlala esitratweni, yaye andizange ndibabone besenzakala.’

Kutheni ufanele uthobele naxa kungekho ngozi uyibonayo?

Leyo yindlela eyavakalelwa ngayo inkoliso yabantu baseYerusalem. Emva kokuba imikhosi yamaRoma imkile, kwaba ngathi bakhuselekile. Bakho ababehlala kweso sixeko. Ngoko nabo bahlala. Babelunyukisiwe, kodwa abazange baphulaphule. Ngenxa yoko, bafa.

Masiqwalasele omnye umzekelo. Ngaba wakha wadlala ngematshisi?— Kusenokubonakala kusonwabisa ukuqhwitha umcinga. Kodwa ukudlala ngematshisi kunoba yingozi. Kusenokutshisa indlu yonke, uze ufele apho!

Khumbula ukuba, akwanele ukuthobela nje ngamaxesha athile. Kodwa ukuba usoloko uthobela, oko kuya kukukhusela ngokwenene. Kanene ngubani othi, “Bantwana, bathobeleni abazali benu”?— NguThixo. Yaye, khumbula ukuba, oko ukuthetha ngenxa yokuba ekuthanda.

Ngoku funda nazi ezinye izibhalo ezibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuthobela: IMizekeliso 23:22; INtshumayeli 12:13; Isaya 48: 17, 18 neyabaseKolose 3:20.