Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 10

UYesu Unamandla Kuneedemon

UYesu Unamandla Kuneedemon

NGABA usakhumbula ukuba kwakutheni ukuze enye yeengelosi zikaThixo ibe nguSathana uMtyholi?— Yaba nomnqweno ophosakeleyo wokufuna ukunqulwa nto leyo eyabangela ukuba imvukele uThixo. Ngaba zikho ezinye iingelosi ezamlandelayo uSathana?— Ewe, zikho. IBhayibhile ithi ‘ziingelosi zikaSathana,’ okanye iidemon.​—ISityhilelo 12:9.

Ngaba ezo ngelosi zingendawo, okanye iidemon, ziyakholelwa kuThixo?— IBhayibhile ithi: ‘Iidemon ziyakholelwa ukuba ukho uThixo.’ (Yakobi 2:19) Kodwa ngoku ziyoyika. Kaloku ziyazi ukuba uThixo uza kuzohlwaya ngenxa yezinto ezimbi eziye zazenza. Ziziphi ezo zinto zimbi?—

IBhayibhile ithi ezo ngelosi zashiya ikhaya lazo lasezulwini, zeza emhlabeni zaza zaphila njengabantu. Oku zakwenza kuba zazifuna ukuba neentlobano zesini namabhinqa amahle asemhlabeni. (Genesis 6:1, 2; Yude 6) Ngaba uyazi ukuba kuthetha ukuthini ukuba neentlobano zesini?—

Ukuba neentlobano zesini kwenzeka xa indoda nebhinqa besondelelana ngendlela ekhetheke kakhulu. Emva koko, kusenokukhula usana ngaphakathi kumama. Kodwa kuphosakele ukuba iingelosi zibe neentlobano zesini. UThixo ufuna ukuba ibe yindoda nomfazi abatshate kunye kuphela abafanele babe neentlobano zesini. Ngoko ke, xa kuzalwa usana, baya kukwazi ukulunyamekela bobabini.

Yintoni embi ezayenzayo ezi ngelosi?

Xa iingelosi zazambathisa imizimba yabantu zaza zaba neentlobano zesini namabhinqa asemhlabeni, abantwana bazo bakhula baba ziingxilimbela. Babekhohlakele gqitha yaye besenzakalisa abanye abantu. Ngoko uThixo wazisa umkhukula omkhulu wazitshabalalisa ezo ngxilimbela nabo bonke abanye abantu abangendawo. Kodwa waxelela uNowa ukuba akhe umkhombe, okanye inqanawa enkulu, ukuze asindise abantu abambalwa ababesenza okulungileyo. UMfundisi Omkhulu wathi kubalulekile ukuba sihlale sikhumbula oko kwenzeka ngexesha laloo Mkhukula.—Genesis 6:3, 4, 13, 14; Luka 17:26, 27.

Ngaba uyazi ukuba yintoni eyenzeka kwezo ngelosi zingendawo ekufikeni kwaloo Mkhukula?— Zayilahla loo mizimba yabantu zazizambathise yona, zaza zabuyela ezulwini. Kodwa azizange ziphinde zibe ziingelosi zikaThixo, ngoko zaba ziingelosi zikaSathana, okanye iidemon. Kwenzeka ntoni kwabo bantwana bazo babeziingxilimbela?— Bafa kuloo Mkhukula. Kwenzeka into efanayo nakubo bonke abanye abantu ababengamthobeli uThixo.

Kutheni kukho iingxaki ezininzi emhlabeni kunangaphambili?

Ukususela ngelo xesha loMkhukula, uThixo akazange azivumele iidemon ukuba zizambathise imizimba yabantu kwakhona. Kodwa nangona singenako ukuzibona, iidemon zisazama ukuphembelela abantu ukuba benze izinto ezimbi. Zibangela iingxaki ezingakumbi kunangaphambili. Oku zikwenza ngenxa yokuba zakhutshelwa ngaphandle ezulwini zaza zaphoswa emhlabeni.

Ngaba uyazi ukuba kutheni singenakuzibona iidemon?— Kungenxa yokuba zingumoya. Kodwa sinokuqiniseka ukuba zikho ngokwenene. IBhayibhile ithi uSathana ‘ulahlekisa bonke abantu abasehlabathini,’ yaye uncediswa ziidemon zakhe.​—ISityhilelo 12:9, 12.

Ngaba uMtyholi needemon zakhe bangakwazi ukusikhohlisa, okanye basilahlekise nathi?— Ewe, bangakwazi ukuba asilumkanga. Kodwa akukho sizathu sakoyika. UMfundisi Omkhulu wathi: ‘UMtyholi akanandlela yakubambelela kum.’ Ukuba sihlala sisondele kuThixo, uya kusikhusela kuMtyholi needemon zakhe.​—Yohane 14:30.

Kubalulekile ukuba sizazi izinto ezimbi iidemon eziya kuzama ukuba sizenze. Ucinga ukuba ziziphi ezo zinto? Kaloku, ziziphi izinto ezimbi ezazenzayo iidemon ukufika kwazo emhlabeni?— Ngaphambi kokufika koMkhukula, zaba neentlobano zesini namabhinqa, nto leyo eyayingafanelekanga ukuba yenziwe ziingelosi. Namhlanje iidemon ziyavuya xa abantu bengawuthobeli umthetho kaThixo ophathelele iintlobano zesini. Makhe ndikubuze, Ngoobani ekuphela kwabantu abafanele babe neentlobano zesini?— Uchanile xa usithi, ngabantu abatshatileyo kuphela.

Namhlanje amanye amakhwenkwe namantombazana aselula aba neentlobano zesini, kodwa oko kuphosakele. IBhayibhile iyathetha ‘ngelungu lenzala’ lendoda. (Levitikus 15:1-3) Kukwakho nelungu lenzala lebhinqa. La malungu uYehova wawenzela injongo ekhethekileyo emele inanditshwe ngabantu abatshatileyo kuphela. Iidemon ziyavuya xa abantu besenza izinto ezingafunwayo nguYehova. Ngokomzekelo, iidemon ziyavuya xa zibona inkwenkwe nentombazana bedlala omnye ngelungu lenzala lomnye. Asifuni kuzivuyisa iidemon, andithi?—

Ikho nenye into eziyithandayo iidemon ayithiyileyo yena uYehova. Ngaba uyazi ukuba yintoni leyo?— Lugonyamelo. (INdumiso 11:5) Ugonyamelo luthetha ukukhohlakala okanye ukwenzakalisa abanye abantu. Khumbula ukuba oku koko kwakusenziwa ziingxilimbela, oonyana beedemon.

Kwakhona iidemon ziyathanda ukoyikisa abantu. Maxa wambi zizenza abantu abafayo. Zisenokude zilinganise namazwi abo. Ngaloo ndlela iidemon zilahlekisa abaninzi ukuze bakholelwe ukuba abantu abafileyo bayaphila yaye banokukwazi ukuthetha nabaphilayo. Ewe, iidemon zenza abantu abaninzi bakholelwe ukuba kukho iziporho.

Ngoko simele silumke singalahlekiswa nguSathana needemon zakhe. IBhayibhile isilumkisa ithi: ‘USathana uzenza ingelosi elungileyo, yaye nabakhonzi bakhe benza okufanayo.’ (2 Korinte 11:14, 15) Noko ke, inyaniso kukuba iidemon azilunganga. Makhe sibone indlela ezinokuzama ngayo ukusenza sifane nazo.

Abantu bafunda phi ngogonyamelo, ngeentlobano zesini ezingafanelekanga, ngokusebenzelana nemimoya nangeziporho?— Ngaba ezi zinto abazibukeli kumabonwakude, kwimifanekiso eshukumayo, kwimidlalo yekhompyutha neyevidiyo, kwi-Internet nasekufundeni iincwadi ezinamabali ahlekisayo? Ngaba ezi zinto zisisondeza ngakumbi kuThixo okanye zisisondeza kuMtyholi nakwiidemon zakhe? Uthini wena?—

Yintoni enokwenzeka ukuba sibukela ugonyamelo?

Ngubani ocinga ukuba ufuna siphulaphule size sibukele izinto ezimbi?— Ewe, nguSathana needemon zakhe. Ngoko yintoni esifanele siyenze mna nawe?— Kufuneka sifunde, siphulaphule size sibukele izinto ezilungileyo eziza kusinceda sikhonze uYehova. Ngaba uyazazi ezinye zezo zinto zilungileyo sinokuzenza?—

Yintoni elungileyo esimele siyenze?

Ukuba senza izinto ezilungileyo, asinasizathu sakuzoyika iidemon. UYesu unamandla kunazo, yaye ziyamoyika. Ngenye imini iidemon zakhala kuYesu zathi: “Uze kusitshabalalisa na?” (Marko 1:24) Ngaba asiyi kuvuya na xa kufika ixesha lokuba uYesu atshabalalise uSathana needemon zakhe?— Okwangoku, sinokuqiniseka ukuba uYesu uya kusikhusela kwiidemon ukuba sihlala sisondele kuye nakuYise wasezulwini.

Makhe sifunde ngoko simele sikwenze, kweyoku-1 kaPetros 5:8, 9 nakuYakobi 4:7, 8.