Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 11

Uncedo Olunikelwa Ziingelosi ZikaThixo

Uncedo Olunikelwa Ziingelosi ZikaThixo

ABANYE abantu bathi bakholelwa kuphela koko bakubonayo. Kodwa akukho sengqiqweni oko. Zininzi izinto ezikhoyo esingazange sizibone ngamehlo ethu. Ngaba ikho oyaziyo?—

Kuthekani ngomoya esiwuphefumlayo? Ngaba siyakwazi ukuwuva?— Khawuphakamise isandla sakho uze usivuthele. Ngaba kukho into oyivayo?— Ewe ikho, kodwa akunakuwubona loo moya, andithi?—

Ngaphambili sikhe sathetha ngabantu bokomoya, esingenakubabona. Siye safunda ukuba abanye babo balungile kodwa abanye bangendawo. Khawundichazele abanye babantu bokomoya abalungileyo esingenakukwazi ukubabona.— Ewe, kukho uYehova uThixo, uYesu nezinye iingelosi ezilungileyo. Ngaba zikho ezinye iingelosi ezingendawo?— IBhayibhile ithi zikho. Khawundixelele oko uye wakufunda ngazo.—

Siyazi ukuba iingelosi ezilungileyo nezo zingendawo zinamandla kunathi. UMfundisi Omkhulu wayesazi lukhulu ngeengelosi. Oku kwakubangelwa kukuba wayeyingelosi ngaphambi kokuba azalwe emhlabeni njengosana. Wayekhe wahlala nezinye iingelosi ezulwini. Wayesazi izigidi ngezigidi zazo. Ngaba zonke ezo ngelosi zinamagama?—

Kaloku, siye safunda ukuba uThixo wazithiya amagama iinkwenkwezi. Ngoko sinokuqiniseka ukuba nazo iingelosi zonke zinamagama. Yaye siyazi ukuba ziyakwazi ukuthetha kuba iBhayibhile isixelela ‘ngeelwimi zeengelosi.’ (1 Korinte 13:1) Ucinga ukuba yintoni ezithetha ngayo iingelosi? Ngaba ziyathetha ngathi bantu basemhlabeni?—

Siyazi ukuba iingelosi zikaSathana, iidemon, zizama ukusenza singamthobeli uYehova. Ngoko zimele ukuba ziyathetha ngendlela ezinokukwenza ngayo oku. Zifuna sifane nazo ukuze uYehova angakholiswa sithi. Noko ke, kuthekani ngeengelosi ezithembekileyo zikaThixo? Ngaba ucinga ukuba nazo ziyathetha ngathi?— Ewe, ziyathetha. Zifuna ukusinceda. Makhe ndikubalisele ngendlela ezinye iingelosi zikaThixo ezabanceda ngayo abantu abamthandayo nabamkhonzayo uYehova.

Ngokomzekelo, kwakukho indoda egama linguDaniyeli eyayihlala eBhabhiloni. Abantu abaninzi balapho babengamthandi uYehova. Bada benza nomthetho wokohlwaya nabani na othandaza kuYehova uThixo. Kodwa uDaniyeli akazange ayeke ukuthandaza kuYehova. Ngaba uyazi ukuba bamenza ntoni uDaniyeli?—

Kaloku, abo bantu bangendawo bamphosela emhadini weengonyama uDaniyeli. Kuloo mhadi uDaniyeli wayeyedwa kunye neengonyama ezazilambile. Ngaba uyazi ukuba yintoni eyenzekayo?— UDaniyeli wathi: ‘UThixo uthumele ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama.’ Azizange zimenzakalise nakancinane! Iingelosi zinokubenzela izinto ezimangalisayo abo bakhonza uYehova.—Daniyeli 6:18-22.

Yintoni awayenzayo uThixo ukuze asindise uDaniyeli?

Ngesinye isihlandlo uPetros wayesentolongweni. Khumbula ukuba uPetros wayengumhlobo woMfundisi Omkhulu, uYesu Kristu. Abanye abantu babengayithandi into ababeyixelelwa nguPetros yokuba uYesu wayenguNyana kaThixo. Ngoko bamvalela entolongweni uPetros. Kwakukho abalindi ababejonge uPetros ukuze angabaleki. Ngaba ukho umntu owayenokumnceda?—

UPetros wayelele phakathi kwabalindi ababini izandla zakhe zibotshwe ngemixokelelwane. Kodwa iBhayibhile ithi: ‘Khangela! kwafika ingelosi kaYehova kwaza ukukhanya kwakhanya esiseleni sentolongo. Imbetha ecaleni uPetros, loo ngelosi yamvusa, yathi: “Vuka ngokukhawuleza!”’

Ingelosi yamnceda njani uPetros ukuze aphume entolongweni?

Ngoko nangoko, loo mixokelelwane yawa ezandleni zikaPetros! Loo ngelosi yathi kuye: ‘Nxiba uze ufake iimbadada zakho, undilandele.’ Abo balindi babengenakukwazi ukubanqanda kuba uPetros wayencedwa yiloo ngelosi. Yaye ekufikeni kwabo kwisango lentsimbi kwenzeka into engummangaliso. Elo sango lasuka lavuleka! Loo ngelosi yakhulula uPetros ukuze aqhubeke eshumayela.​—IZenzo 12:3-11.

Ngaba zinokusinceda nathi iingelosi zikaThixo?— Ewe, zinokusinceda. Ngaba oko kuthetha ukuba azinakusiyeka senzakaliswe kwaphela?— Akunjalo, iingelosi azisikhuseli ukuze singenzakaliswa xa sisenza izinto zobuyatha. Kodwa maxa wambi sisenokwenzakala nokuba asikhange senze zinto zobuyatha. Iingelosi aziyalelwanga ukuba zithintele izinto ezinjalo zingenzeki. Kunoko, kukho umsebenzi okhethekileyo uThixo azinike wona.

IBhayibhile isichazela ngengelosi exelela abantu abakuzo zonke iindawo ukuba banqule uThixo. (ISityhilelo 14:6, 7) Ikwenza njani oko le ngelosi? Ngaba ikhwaza isezulwini ukuze iviwe ngabo bonke abantu?— Akunjalo, kunoko, ngabalandeli bakaYesu abasemhlabeni abaxelela abanye ngoThixo, zona iingelosi ziyabalathisa kuloo msebenzi wabo. Ezi ngelosi ziyaqinisekisa ukuba abo bakufuna ngokwenene ukumazi uThixo bayalifumana ithuba lokuva ngaye. Nathi sinokuwenza loo msebenzi wokushumayela, yaye iingelosi ziya kusinceda.

Kodwa kuthekani ukuba abantu abangamthandiyo uThixo basiphatha kakubi? Kuthekani ukuba basivalela entolongweni? Ngaba iingelosi ziya kusikhulula?— Zisenokusikhulula. Kodwa azisoloko zikwenza oko.

Le ngelosi imxelela ntoni uPawulos?

Umlandeli kaYesu uPawulos wakha wavalelwa entolongweni. Wayekhweliswe esikhepheni kuhambo olwalunomoya ovuthuza ngamandla. Kodwa iingelosi azizange zimkhulule kwangoko. Oko kwakungenxa yokuba kwakukho abanye abantu ekwakusafuneka bevile ngoThixo. Ingelosi yathi: “Musa ukoyika, Pawulos. Umelwe kukuma phambi koKesare.” Ewe, uPawulos wayeza kusiwa kumlawuli wehlabathi uKesare khon’ ukuze ashumayele kuye. Iingelosi zazisoloko zimazi apho akhoyo uPawulos, yaye zazimnceda. Ziya kusinceda nathi ukuba simkhonza ngokwenene uThixo.​—IZenzo 27:23-25.

Kukho nomnye umsebenzi omkhulu eziza kuwenza iingelosi, yaye ziza kuwenza kungekudala. Ixesha lokuba uThixo atshabalalise abantu abangendawo likufuphi kakhulu. Bonke abo bangamkhonziyo uThixo oyinyaniso baya kutshatyalaliswa. Abo bathi abakholelwa ukuba zikho iingelosi ngenxa yokuba bengenakuzibona baya kuyiqonda indlela abaphazama ngayo.​—2 Tesalonika 1:6-8.

Kuya kuthetha ntoni oko kuthi?— Ukuba simi ngakwicala leengelosi zikaThixo, ziya kusinceda. Kodwa ngaba sikwicala lazo?— Siya kuba simi kulo ukuba sikhonza uYehova. Yaye ukuba siyamkhonza, siya kuxelela nabanye abantu ukuba bamkhonze.

Ukuze ufunde okungakumbi ngendlela iingelosi ezibuchaphazela ngayo ubomi babantu, funda INdumiso 34:7; uMateyu 4:11; 18:10; uLuka 22:43 neZenzo 8:26-31.