Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 5

Abahlobo BakaThixo Baya Kuhlala EParadesi

Abahlobo BakaThixo Baya Kuhlala EParadesi

IParadesi ayiyi kufana nehlabathi esiphila kulo ngoku. UThixo akazange afune ukuba umhlaba uzaliswe ziinkathazo neentsizi, iintlungu nokubandezeleka. Kwixesha elizayo, uThixo uya kwenza umhlaba ube yiparadesi. Iya kuba njani iParadesi? Masikhe sibone oko iBhayibhile ikutshoyo:

Abantu abalungileyo. IParadesi iya kuba likhaya labahlobo bakaThixo. Baya kwenzelana izinto ezilungileyo. Baya kuhlala ngeendlela zobulungisa zikaThixo.​—IMizekeliso 2:21.

Intabalala yokudla. EParadesi, akuyi kubakho ndlala. IBhayibhile ithi: “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni.”​—INdumiso 72:16.

Izindlu ezintle nomsebenzi onandiphekayo. KwiParadesi esemhlabeni, zonk’ iintsapho ziya kuba namakhaya angawazo. Wonk’ ubani uya kwenza umsebenzi oya kuvuyisa ngokwenene.​—Isaya 65:21-23.

Uxolo ehlabathini lonke. Abantu abasayi kuphinda balwe baze bafe emfazweni. ILizwi likaThixo lithi: “[UThixo] uphelisa iimfazwe.”​—INdumiso 46:8, 9.

Ukuba sempilweni entle. IBhayibhile ithembisa ithi: “Akakho ummi wakhona [eParadesi] oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) Kwakhona, akuyi kubakho siqhwala okanye imfama okanye isithulu okanye isimumu.​—Isaya 35:5, 6.

Ukuphela kweentlungu, usizi nokufa. ILizwi likaThixo lithi: “Kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”​—ISityhilelo 21:4.

Abantu ababi baya kuba bengekho. UYehova uthembisa athi: “Abangendawo, baya kunqunyulwa emhlabeni; ke wona amaqhophololo, aya kuncothulwa kuwo.”​—IMizekeliso 2:22.

Abantu baya kuthandana yaye bahlonelane. Akusayi kuphinda kubekho okungekho sesikweni, ingcinezelo, ukubawa nentiyo. Abantu baya kumanyana yaye baya kuhlala ngokuvumelana neendlela zobulungisa zikaThixo.​—Isaya 26:9.