Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 16

Bonakalisa Uthando Lwakho NgoThixo

Bonakalisa Uthando Lwakho NgoThixo

Ukuze nihlale ningabahlobo, kufuneka uthethe naye. Uyamphulaphula, naye uyakuphulaphula. Yaye uthetha ngezinto ezilungileyo ngomhlobo wakho kwabanye. Kwenzeka okufanayo naxa ungumhlobo kaThixo. Khawuqwalasele oko iBhayibhile ikuthethayo ngoku:

Thetha rhoqo noYehova ngomthandazo. “Emthandazweni zingisani.”​—Roma 12:12.

Funda iLizwi likaThixo, iBhayibhile. “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto.”​—2 Timoti 3:16.

Fundisa abanye ngoThixo. “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, . . . nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”​—Mateyu 28:19, 20.

Sondela kubahlobo bakaThixo. “Ohamba nezilumko uya kuba sisilumko naye.”​—IMizekeliso 13:20.

Yiya kwiintlanganiso ezikwiHolo yoBukumkani. “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle, . . . masikhuthazane.”​—Hebhere 10:24, 25.

Ncedisa ekuxhaseni umsebenzi woBukumkani. “Ngamnye makenze kanye njengoko egqibile entliziyweni yakhe, kungekhona ngokukrokra okanye ngokunyanzelwa, kuba uThixo uthanda umphi ochwayitileyo.”​—2 Korinte 9:7.