Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 2

UThixo Ngoyena Mhlobo Ulungileyo Unokuze Ube Naye

UThixo Ngoyena Mhlobo Ulungileyo Unokuze Ube Naye

Ukuba ngumhlobo kaThixo yeyona nto ilungileyo unokuze uyifumane. UThixo uya kukufundisa indlela yokuzuza uvuyo nokunqabiseka; uya kukukhulula kwiinkolelo eziphosakeleyo ezininzi nasekwenzeni izinto ezenzakalisayo. Uya kuyiphulaphula imithandazo yakho. Uya kukunceda unandiphe uxolo lwangaphakathi yaye ube nentembelo. (INdumiso 71:5; 73:28) UThixo uya kukuxhasa kumaxesha anzima. (INdumiso 18:18) Yaye uThixo ukunika isipho sakhe esibubomi obungunaphakade.​—Roma 6:23.

Njengoko usondela kuThixo, uya kusondelelana nabahlobo bakaThixo. Nabo baya kuba ngabahlobo bakho. Enyanisweni, baya kuba njengabazalwana noodade kuwe. Baya kukuvuyela ukukufundisa ngoThixo yaye baya kukunceda baze bakukhuthaze.

Asilingani noThixo. Njengoko ufuna ubuhlobo noThixo, kukho inkalo ebalulekileyo ofanele uyiqonde. Ubuhlobo noThixo asibobuhlobo obuphakathi kwabantu abalinganayo. Mdala gqitha, ulumke ngeyona ndlela yaye unamandla ngakumbi kunokuba sinjalo. Ungoyena Mlawuli wethu ofanelekileyo. Ngoko ke ukuba sifuna ukuba ngabahlobo bakhe, sifanele simphulaphule size senze oko asixelela kona. Oku kuya kusoloko kuluncedo kuthi.​—Isaya 48:18.