Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 13

Imilingo Nobugqi Zizinto Ezimbi

Imilingo Nobugqi Zizinto Ezimbi

USathana ufuna ukuba uqhelisele imilingo. Abaninzi benza amadini kwizinyanya okanye kwimimoya ukuze bazikhusele bangonzakali. Bakwenza oku ngenxa yokuba besoyika amandla elemimoya. Banxiba amakhubalo. Basela okanye bahlikihlele emizimbeni yabo “amayeza” athile abacinga ukuba anamandla obugqi. Kwimizi yabo okanye emabaleni abanye abantu babethelela ngezinto ekukholelwa ukuba zinamandla okukhusela. Abanye basebenzisa “amayeza” obugqi kuba bekholelwa ukuba aya kubazisela impumelelo kwezoshishino, kwiimviwo zesikolo, okanye xa bethandana nothile.

Eyona nkuselo ibhetele nxamnye noSathana kukuba noYehova njengomhlobo wakho. UYehova uThixo neengelosi zakhe banamandla ngakumbi kunoSathana needemon zakhe. (Yakobi 2:19; ISityhilelo 12:9) UYehova uzimisele ukubonakalisa amandla akhe ngenxa yabahlobo bakhe​—abo bathembeke ngokupheleleyo kuye.​—2 Kronike 16:9.

ILizwi likaThixo lithi: “Ningaqheliseli mlingo.” UYehova uyayigweba imilingo nobugqi kuba abo bayiqheliselayo inokubanxibelelanisa ngokuthe ngqo namandla kaSathana uMtyholi.​—Levitikus 19:26.