Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 4

Indlela Onokufunda Ngayo NgoThixo

Indlela Onokufunda Ngayo NgoThixo

Unokufunda ngoYehova ngokufunda iBhayibhile. Kudala uThixo wakhetha abantu abathile ukuze babhale phantsi iingcinga zakhe. Loo mibhalo ibizwa ngokuba yiBhayibhile. Namhlanje sifunda ngoThixo ngokufunda iBhayibhile. Ekubeni iBhayibhile iqulethe ilizwi likaYehova, okanye isigidimi sakhe, ikwabizwa ngokuba liLizwi likaThixo. Sinokukukholelwa oko iBhayibhile ikuthethayo kuba uYehova akanakuze axoke. ‘Akunakwenzeka ukuba uThixo axoke.’ (Hebhere 6:18) ILizwi likaThixo liqulethe inyaniso.​—Yohane 17:17.

IBhayibhile sesinye sezona zipho zixabisekileyo zikaThixo kuthi. Injengencwadi esuka kubawo onothando isiya kubantwana bakhe. Isixelela ngesithembiso sikaThixo sokuguqula umhlaba ube yindawo entle yokuhlala—iparadesi. Isixelela oko akwenzileyo kwixesha elidluleyo, oko akwenzayo ngoku noko aza kukwenza kwixesha elizayo elungiselela abantwana bakhe abathembekileyo. Isinceda nasekucombululeni iingxaki zethu size sifumane ulonwabo.​—2 Timoti 3:16, 17.

AmaNgqina kaYehova ngabahlobo bakaThixo; aya kukunceda uqonde oko kufundiswa yiBhayibhile. Wachazele nje ukuba ufuna ukufunda iBhayibhile. Akahlawulisi mali ngako oku. (Mateyu 10:8) Ukongezelela koko, unokuya kwiintlanganiso zamaKristu. Zona ziqhutyelwa kwiindawo zokunqula ezibizwa ngokuba ziiHolo zoBukumkani. Ukuba uyaya kwiintlanganiso zamaKristu, uya kukhula ngokukhawuleza kulwazi lwakho ngoThixo.

Unokufunda ngoThixo kwizinto azenzileyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi: “UThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Xa uYehova wayedala “amazulu,” wenza ilanga. Loo nto isixelela ntoni ngoThixo? Isixelela ukuba uYehova unamandla amakhulu. Nguye kuphela onokwenza into enamandla njengelanga. Isixelela nokuba uYehova ulumkile, ekubeni kufuna ubulumko ukwenza ilanga, elikhupha ubushushu nokukhanya yaye alize licime.

Indalo kaYehova ibonisa ukuba uyasithanda. Khawucinge ngazo zonke iintlobo zeziqhamo ezahlukahlukeneyo ezikhoyo emhlabeni. UYehova wayesenokusilungiselela uhlobo olunye nje lwesiqhamo—okanye zingabikho kwaukubakho. Kunoko, uYehova wasinika iintlobo ezininzi zeziqhamo ezahlukahlukene ngeyona ndlela ngokumila, ubukhulu, imibala nencasa. Oku kubonisa ukuba uYehova nguThixo kungekuphela nje onothando kodwa onesisa gqitha nonolwazelelelo nobubele.​—INdumiso 104:24.