Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 10

Indlela Yokufumana Unqulo Lokwenyaniso

Indlela Yokufumana Unqulo Lokwenyaniso

Ukuba ufuna ukuba ngumhlobo kaThixo, ufanele uqhelisele unqulo akholiswa lulo uThixo. UYesu wathi “abanquli bokwenyaniso” babeya kunqula uThixo ngokuvumelana “nenyaniso.” (Yohane 4:23, 24) Kukho indlela enye kuphela elungileyo yokunqula uThixo. (Efese 4:4-6) Unqulo lokwenyaniso lukhokelela kubomi obungunaphakade, yaye olobuxoki lukhokelela entshabalalweni.​—Mateyu 7:13, 14.

Unokuluqonda unqulo lokwenyaniso ngokukhangela abantu abaluqheliselayo. Ekubeni uYehova elungile, abo bangabanquli bakhe bokwenene bamele babe ngabantu abalungileyo. Kanye njengokuba umthi weeorenji olungileyo uvelisa iiorenji ezilungileyo, unqulo lokwenyaniso luvelisa abantu abalungileyo.​—Mateyu 7:15-20.

Abahlobo bakaYehova bayihlonela ngokunzulu iBhayibhile. Bayazi ukuba iBhayibhile ivela kuThixo. Bavumela oko ikutshoyo ukwalathisa ubomi babo, ukucombulula iingxaki zabo, nokubanceda bafunde ngoThixo. (2 Timoti 3:16) Bazama ukuqhelisela oko bakushumayelayo.

Abahlobo bakaYehova babonisa uthando omnye komnye. UYesu wabonisa uthando ngabantu ngokubafundisa ngoThixo, ngokuphilisa abo babegula. Abo baqhelisela unqulo lokwenyaniso nabo babonisa uthando kwabanye. NjengoYesu, ababajongeli phantsi abo bangamahlwempu okanye bolunye uhlanga. UYesu wathi abantu babeya kubaqonda abafundi bakhe ngothando abalubonakalisayo omnye komnye.​—Yohane 13:35.

Abahlobo bakaThixo bayalihlonela igama likaThixo, uYehova. Ukuba ubani ebengavumi ukukubiza ngegama lakho, ngaba loo mntu ebeya kuba ngumhlobo wakho osenyongweni? Akunjalo! Xa sinomhlobo, simbiza ngegama lakhe yaye sithetha izinto ezilungileyo ngaloo mhlobo kwabanye. Ngoko ke abo banqwenela ukuba ngabahlobo bakaThixo bafanele bambize ngegama lakhe yaye bathethe ngaye kwabanye. UYehova ufuna ukuba senjenjalo.​—Mateyu 6:9; Roma 10:13, 14.

NjengoYesu, abahlobo bakaThixo bafundisa abantu ngoBukumkani bukaThixo. UBukumkani bukaThixo ngurhulumente oya kwenza lo mhlaba ube yiparadesi. Abahlobo bakaThixo babelana ngezi ndaba zilungileyo zoBukumkani bukaThixo nabanye.—Mateyu 24:14.

AmaNgqina kaYehova azama ukuba ngabahlobo bakaThixo. Ayayihlonela iBhayibhile yaye ayathandana. Kwakhona ayalibiza aze alihlonele igama likaThixo yaye afundisa abanye ngoBukumkani bukaThixo. AmaNgqina kaYehova aqhelisela unqulo lokwenyaniso emhlabeni namhlanje.