ISIFUNDO 6
IParadesi Ikufuphi!
Izinto ezimbi ezenzekayo ngoku emhlabeni zibonisa ukuba iParadesi ikufuphi. IBhayibhile yathi sasiya kubona ngamaxesha amabi ngaphambi nje kokuba iParadesi ifike. Siphila kuloo maxesha ngoku! Ezi zezinye zezinto iBhayibhile eyathi zaziya kwenzeka:
Iimfazwe ezinkulu. “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani.” (Mateyu 24:7) Esi siprofeto siye sazaliseka. Ukususela ngonyaka we-1914, kuye kwakho iimfazwe ezimbini zehlabathi nezincinane ezininzi. Kuye kwafa izigidi zabantu kuzo.
Ukusasazeka kwezifo. Kwakuya kubakho ‘iindyikitya zokufa kwiindawo ngeendawo.’ (Luka 21:11) Ngaba kuye kwenzeka oko? Ewe. Umhlaza, isifo sentliziyo, isifo sephepha, isifo seengcongconi, uGawulayo nezinye izifo ziye zabulala izigidi zabantu.
Ukunqongophala kokutya. Emhlabeni wonke kukho abantu abangenakutya kwaneleyo ukuba badle. Izigidi zabantu zifa ngenxa yendlala minyaka le. Lo ngomnye umqondiso wokuba iParadesi iza kufika ngokukhawuleza. IBhayibhile ithi: “Kuya kubakho ukunqongophala kokutya.”—Marko 13:8.
Mateyu 24:7) Nako oku kuye kwenzeka kweli xesha lethu. Abantu abangaphezu kwesigidi baye babulawa ziinyikima zomhlaba ukususela kowe-1914.
Iinyikima zomhlaba. ‘Kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo.’ (Abantu abangendawo. Abantu babeya kuba ‘ngabathandi bemali nabazithandayo.’ Babeya kuba ‘ngabathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo.’ Abantwana babeya kuba ‘ngabangathobeli bazali.’ (2 Timoti 3:1-5) Ngaba akuvumelani nokuba kukho abantu abaninzi abanjalo namhlanje? Abanantlonelo ngoThixo, yaye babafaka enkathazweni abo bazama ukufunda ngoThixo.
Ulwaphulo-mthetho. Kwakuya kubakho ‘nokwanda kokuchas’ umthetho.’ (Mateyu 24:12) Kusenokwenzeka ukuba nawe uyavuma ukuba ulwaphulo-mthetho luhambele phambili gqitha kunokuba lwalunjalo ngaphambili. Kuyo yonk’ indawo abantu basemngciphekweni wokuphangwa, ukuqhathwa okanye ukwenzakaliswa.
Zonke ezi zinto zibonisa ukuba uBukumkani bukaThixo bukufuphi. IBhayibhile ithi: “Xa nibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ubukumkani bukaThixo bukufuphi.” (Luka 21:31) Buyintoni uBukumkani bukaThixo? Ngurhulumente kaThixo wasezulwini oya kuzisa iParadesi kulo mhlaba. UBukumkani bukaThixo buya kuthabathel’ indawo oorhulumente babantu.—Daniyeli 2:44.