Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 11

Luchase Unqulo Lobuxoki!

Luchase Unqulo Lobuxoki!

USathana needemon zakhe abafuni ukuba ukhonze uThixo. Bafuna ukutyekisa wonk’ ubani kuThixo ukuba kunokwenzeka. Ziziphi indlela abazama ukukwenza ngazo oku? Enye indlela kungonqulo lobuxoki. (2 Korinte 11:13-15) Unqulo lolobuxoki ukuba alufundisi inyaniso eseBhayibhileni. Unqulo lobuxoki lufana nemali yomgunyathi​—isenokuba ngathi yeyokwenene, kodwa ayinaxabiso. Inokukufaka kweyona nkathazo.

Unqulo lobuxoki alunakuze lumkholise uYehova, uThixo wenyaniso. Xa uYesu wayesemhlabeni, kwakukho iqela labanquli ababefuna ukumbulala. Babecinga ukuba indlela yabo yokunqula ilungile. Bathi: “SinoBawo omnye, uThixo.” Ngaba uYesu wavumelana nabo? Akunjalo! Wathi kubo: “Nina niphuma kuyihlo uMtyholi.” (Yohane 8:41, 44) Namhlanje abantu abaninzi bacinga ukuba banqula uThixo, kodwa eneneni bakhonza uSathana needemon zakhe!​—1 Korinte 10:20.

Kanye njengokuba umthi obolileyo uvelisa isiqhamo esibi, nonqulo lobuxoki luvelisa abantu abenza izinto ezimbi. Ihlabathi lizaliswe ziinkathazo ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa ngabantu. Kukho ukuziphatha okubi, ukulwa, ubusela, ingcinezelo, ukubulala nokudlwengula. Abaninzi kwabo benza ezi zinto zimbi bayakhonza, kodwa unqulo lwabo alubathundezi ukuba benze okuhle. Abanakuba ngabahlobo bakaThixo ngaphandle kokuba bayayeka ukwenza izinto ezimbi.​—Mateyu 7:17, 18.

Unqulo lobuxoki lufundisa abantu ukuthandaza kwizithixo. UThixo uthi makungathandazwa kwizithixo. Oku kusengqiqweni. Ngaba ubungathanda ukuba ubani ongekaze athethe nawe athethe nomfanekiso wakho? Ngaba loo mntu ebeya kuba ngumhlobo wakho wokwenene? Hayi, ebengenakuba nguye. UYehova ufuna abantu bathethe naye, kungekhona nomfanekiso oqingqiweyo okanye umzobo, ongaphiliyo.​—Eksodus 20:4, 5.

Unqulo lobuxoki lufundisa ukuba kulungile ukubulala abanye ngexesha lemfazwe. UYesu wathi abahlobo bakaThixo babeya kuthandana. Asibabulali abantu esibathandayo. (Yohane 13:35) Kwakhona kuphosakele ngathi ukubulala abantu ababi. Xa iintshaba zikaYesu zeza kumbamba, akazange abavumele abafundi bakhe ukuba balwe ukuze bamkhusele.—Mateyu 26:51, 52.

Unqulo lobuxoki lufundisa ukuba abangendawo baya kubandezeleka esihogweni somlilo. Kodwa, iBhayibhile ifundisa ukuba isono sikhokelela ekufeni. (Roma 6:23) UYehova nguThixo onothando. Ngaba uThixo onothando ebeya kungcungcuthekisa abantu ngonaphakade? Akanakuyenza loo nto! EParadesi, kuya kubakho unqulo olunye kuphela, olo uYehova akholiswa lulo. (ISityhilelo 15:4) Zonke iinkonzo ezisekelwe kubuxoki bukaSathana ziya kube zingekho.