Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 8

Ngoobani Abaziintshaba ZikaThixo?

Ngoobani Abaziintshaba ZikaThixo?

Utshaba oluphambili lukaThixo nguSathana uMtyholi. Usisidalwa somoya esavukela uYehova. USathana usaqhubeka esilwa noThixo yaye ufaka abantu kwiinkathazo ezinkulu. USathana ungongendawo. Ulixoki kwanombulali.​—Yohane 8:44.

Ezinye izidalwa zomoya zaba ngakwicala likaSathana ekuvukeleni kwakhe uThixo. IBhayibhile izibiza ngokuba ziidemon. NjengoSathana, iidemon ziintshaba zabantu. Ziyakuthanda ukwenzakalisa abantu. (Mateyu 9:32, 33; 12:22) UYehova uya kumtshabalalisa uSathana needemon zakhe ngonaphakade. Basalelwe lixeshana nje elifutshane lokufaka abantu enkathazweni.—ISityhilelo 12:12.

Ukuba ufuna ukuba ngumhlobo kaThixo, umele ungakwenzi oko uSathana afuna ukwenze. USathana needemon bamthiyile uYehova. Baziintshaba zikaThixo, yaye bafuna ukukwenza utshaba lukaThixo. Ufanele ukhethe lowo ufuna ukumkholisa​—uSathana okanye uYehova. Ukuba ufuna ubomi obungunaphakade, ufanele ukhethe ukwenza ukuthanda kukaThixo. USathana unamaqhinga neendlela ezininzi zokukhohlisa abantu. Inkoliso yabantu ilahlekiswa nguye.​—ISityhilelo 12:9.