Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 15

Abahlobo BakaThixo Benza Okulungileyo

Abahlobo BakaThixo Benza Okulungileyo

Xa unomhlobo omthandayo nomhlonelayo, uye uzame ukuba njengaye. IBhayibhile ithi: “Ulungile yaye uthe tye uYehova.” (INdumiso 25:8) Ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo, sifanele sibe ngabalungileyo nabathe tye. IBhayibhile ithi: “Yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda, nize niqhubeke nihamba eluthandweni.” (Efese 5:1, 2) Nazi ezinye iindlela zokwenjenjalo:

Yiba luncedo kwabanye. “Masenze okulungileyo kubo bonke.”​—Galati 6:10.

Sebenza nzima. “Lowo ubayo makangabi seba, kunoko makasebenze nzima, esenza umsebenzi olungileyo ngezandla zakhe.”​—Efese 4:28.

Hlala ucocekile ngokwasemzimbeni nangokuziphatha. “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.”​—2 Korinte 7:1.

Waphathe ngothando nangentlonelo amalungu entsapho yakho. “Ngamnye wenu makamthande umfazi wakhe njengoko ezithanda; ke yena umfazi, makabe nentlonelo enzulu ngendoda yakhe. Bantwana, bathobeleni abazali benu.”​—Efese 5:33–6:1.

Bonisa uthando kwabanye. “Masiqhubeke sithandana, ngenxa yokuba uthando luvela kuThixo.”​—1 Yohane 4:7.

Thobela imithetho yelizwe. ‘Yonke imiphefumlo mayibathobele oorhulumente. Nikani bonke oko kubafaneleyo, lowo kufuneka irhafu kuye, mnikeni irhafu.’​—Roma 13:1, 7.