ISIFUNDO 14
Abahlobo BakaThixo Bayakuphepha Okubi
USathana ulinga abantu ukuba benze izinto ezimbi. Umntu ofuna ukuba ngumhlobo kaThixo kufuneka akuthiye oko uYehova akuthiyileyo. (INdumiso 97:10) Ezi zezinye zezinto abahlobo bakaThixo abaziphephayo:
Izono zeentlobano zesini. “Uze ungakrexezi.” (Eksodus 20:14) Nokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato kuphosakele.—1 Korinte 6:18.
Ukunxila. ‘Amanxila akayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.’—1 Korinte 6:10.
Ukubulala, Ukuqhomfa. “Uze ungabulali.”—Eksodus 20:13.
Ubusela. “Uze ungebi.”—Eksodus 20:15.
Ukuxoka. UYehova uluthiyile ‘ulwimi oluxokayo.’—IMizekeliso 6:17.
INdumiso 11:5) “Imisebenzi yenyama [iquka] . . . ukugqajukelwa yimisindo.”—Galati 5:19, 20.
Ugonyamelo Nomsindo Ongalawulekiyo. “[UYehova] umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.” (Ukungcakaza. “Niyeke ukunxulumana naye nabani na . . . umntu obawayo.”—1 Korinte 5:11.
Intiyo Yobuhlanga. “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.”—Mateyu 5:43, 44.
Izinto asixelela zona uThixo ziba yingenelo kuthi. Akusoloko kulula ukuphepha ukwenza izinto ezimbi. Ngoncedo lukaYehova nangoncedo lwamaNgqina akhe, unokukuphepha ukwenza izinto ezingamkholisiyo uThixo.—Isaya 48:17; Filipi 4:13; Hebhere 10:24, 25.