Yiya kwinkcazelo

ISIQENDU 1

Okona Kukhanya Kokwenene Kwehlabathi

Okona Kukhanya Kokwenene Kwehlabathi

Ekuqaleni, uLizwi wayekunye noThixo ibe wayenguthixo (gnj 1 00:00–00:43)

ULizwi wasetyenziswa nguThixo ukuze adale zonke izinto (gnj 1 00:44–01:00)

Ubomi nokukhanya kwabakho ngoLizwi (gnj 1 01:01–02:11)

Ubumnyama abukhange bukucime ukukhanya (gnj 1 02:12–03:59)

ULuka uchaza isizathu sokuba abhale le ngxelo ethetha noTiyofilo (gnj 1 04:13–06:02)

UGabriyeli uchaza ukuba kuza kuzalwa uYohane umBhaptizi (gnj 1 06:04–13:53)

UGabriyeli uchaza ukuba kuza kuzalwa uYesu (gnj 1 13:52–18:26)

UMariya uyokubona uElizabhete owayezalana naye (gnj 1 18:27–21:15)

UMariya udumisa uYehova (gnj 1 21:14–24:00)

Kuzalwa unyana ibe ubizwa ngokuba nguYohane (gnj 1 24:01–27:17)

Isiprofeto sikaZekariya (gnj 1 27:15–30:56)

UMariya uyakhulelwa ngenxa yomoya oyingcwele; indlela uYosefu enza ngayo xa esiva loo nto (gnj 1 30:58–35:29)

UYosefu noMariya baya eBethelehem; kuzalwa uYesu (gnj 1 35:30–39:53)

Kubonakala iingelosi kubelusi abasendle (gnj 1 39:54–41:40)

Abelusi baya emkhumbini (gnj 1 41:41–43:53)

UYesu unikelwa kuYehova etempileni (gnj 1 43:56–45:02)

USimeyon unethuba lokubona uKristu (gnj 1 45:04–48:50)

UAna uthetha ngomntwana (gnj 1 48:52–50:21)

Kufika abavumisi ngeenkwenkwezi ibe uHerode uceba ukubulala uYesu (gnj 1 50:25–55:52)

UYosefu uthatha uMariya noYesu baze babalekele eYiputa (gnj 1 55:53–57:34)

UHerode ubulala onke amakhwenkwe aseBhetelehem nakuzo zonke iingingqi zayo (gnj 1 57:35–59:32)

Intsapho yakuloYesu ihlala eNazarete (gnj 1 59:34–1:03:55)

UYesu una-12 ibe usetempileni (gnj 1 1:04:00–1:09:40)

UYesu nabazali bakhe babuyela eNazarete (gnj 1 1:09:41–1:10:27)

Kwakusele kuza kufika ukukhanya kokwenene emhlabeni (gnj 1 1:10:28–1:10:55)