Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 72

UYesu Esemncinci

UYesu Esemncinci

JUYosefu, uMariya, uYesu, abantakwabo noodadewabo babehlala eNazarete. Ukuze ondle intsapho yakhe, uYosefu wayengumchweli ibe wayifundisa ngoYehova neMithetho yakhe. Qho, intsapho yakhe yayisiya kunqula kwindlu yesikhungu ize iye naseYerusalem ukuze yonwabele iPasika nyaka ngamnye.

Xa wayeneminyaka eyi-12, njengesiqhelo uYesu nentsapho yakhe bathatha olona hambo lwakhe lwalude besiya kunqula eYerusalem. Le dolophu yayinyakazela ngabantu ababeze konwabela iPasika. Emva koko, uYosefu noMariya baba sendleleni egodukayo, becinga ukuba uYesu uhambe nabanye abantu. Kodwa xa bemkhangela kubantu abazalana nabo, abazange bamfumane.

Babuyela eYerusalem, baza bamkhangela apho iintsuku ezintathu. Ekugqibeleni, baya etempileni. Bambona ehleli phakathi kwabefundisi, ebamamele ibe ebabuza imibuzo. Babemangaliswe nyhani yaye nabo babembuza imibuzo. Zazibothusa iimpendulo zakhe. Babebona ukuba uyawuqonda uMthetho kaYehova.

UYosefu noMariya babenexhala nyhani. UMariya wathi: ‘Mntanam, kudala sikukhangela! Ubuphi?’ UYesu wathi: ‘Beningazi ukuba ndifanele ndibe sendlini kaBawo?’

UYesu wagoduka nabazali bakhe baya eNazarete. UYosefu wamfundisa umsebenzi wokuchwela. Ucinga ukuba wayengumntu onjani uYesu xa wayesemncinci? Ekukhuleni kwakhe, uYesu waya esiba nobulumko yaye ethandwa nguThixo nangabantu.

“Ukwenza ukuthanda kwakho, Thixo wam, kundiyolisile, nomthetho wakho ungaphakathi ezibilinini zam.”—INdumiso 40:8