Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 73

UYohane Ulungisa Indlela

UYohane Ulungisa Indlela

Unyana kaZekariya noElizabhete, uYohane, waba ngumprofeti ukukhula kwakhe. UYehova wasebenzisa uYohane ukuze afundise abantu ukuba uMesiya uyeza. Kunokuba afundise kwizindlu zesikhungu okanye ezidolophini, wayeshumayela entlango. Abantu babesuka eYerusalem nakwaYuda ukuze baze kufunda kuye. Wabafundisa ukuba xa befuna ukwenza ukuthanda kukaThixo, bamele bayeke ukwenza izinto ezimbi. Emva kokuba bemamele intshumayelo kaYohane, abaninzi baguquka kwizono zabo waza uYohane wababhaptiza kuMlambo IYordan.

UYohane wayengenazinto. Wayenxiba iimpahla ezenziwe ngoboya benkamela, esitya iintethe nobusi. Abantu babenomdla wokwazi ukuba ungumntu onjani. AbaFarisi nabaSadusi ababenekratshi, nabo beza kumbona. UYohane wathi kubo: ‘Kufuneka nitshintshe iindlela zenu, niguquke. Sanukucinga ukuba nahlukile kwabanye abantu kuba nisithi ningabantwana baka-Abraham. Loo nto ayithethi kuthi ningabantwana bakaThixo.’

Abantu abaninzi bambuza: ‘Kufuneka senze ntoni ukuze sithandwe nguThixo?’ Wathi: ‘Ukuba uneedyasi ezimbini, enye yiphe umntu oyidingayo.’ Uyazi ukuba kwakutheni ukuze atsho? Wayefuna abalandeli bakhe bazi ukuba ukuze bathandwe nguThixo, kufuneka babathande abantu.

UYohane wathi kubantu abaqokelela irhafu: ‘Nyanisekani ebantwini, ningabaqhathi.’ Kumajoni wathi: ‘Sanukuvuma ukunyotywa okanye nixoke.’

Ababingeleli nabaLevi nabo bambuza besithi: ‘Ungubani? Bonke abantu bafuna ukwazi.’ UYohane wathi: ‘Ndililizwi elivakala entlango, elibangela ukuba abantu basondele kuYehova, njengokuba watshoyo uIsaya.’

Abantu babezithanda izinto ababezifundiswa nguYohane. Abanye babecinga ukuba nguMesiya. Wathi kubo: ‘Oyena mkhulu kunam uyeza. Andifanelekanga nokumkhulula iimbadada ezi. Mna ndibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uza kubhaptiza ngomoya oyingcwele.’

“Lo mntu wezela ubungqina, ukuze anikele ubungqina ngalo ukhanyiso, ukuze abantu bazo zonke iintlobo bakholwe ngaye.”—Yohane 1:7