Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 80

UYesu Ukhetha Abapostile Abayi-12

UYesu Ukhetha Abapostile Abayi-12

Emva kwexesha elimalunga nonyaka oneenyanga ezintandathu uYesu eshumayela, kwafuneka enze isigqibo esibalulekileyo. Ngoobani awayeza kubakhetha ukuze basebenze naye? Ngoobani awayeza kubaqeqeshela ukukhokela ibandla lamaKristu? Wayefuna uncedo lukaYehova ukuze enze izigqibo ezifanelekileyo. Waya entabeni, apho wathandaza ubusuku bonke eyedwa. Ngentsasa elandelayo, wabiza abanye babafundi bakhe waza wakhetha kubo abapostile abayi-12. Ngoobani obakhumbula ngamagama? Amagama abo yayinguPetros, uAndreya, uYakobi, uYohane, uFilipu, uBhartolomeyu, uTomas, uMateyu, uYakobi unyana ka-Alfeyu, uTadeyu, uSimon noYudas Skariyoti.

UAndreya, UPetros, UFilipu, UYakobi

Aba bapostile bayi-12 babeza kuhamba naye. Emva kokuba ebaqeqeshile, wabathuma ukuba baye kushumayela ngaphandle kwakhe. UYehova wabapha amandla okukhupha iidemon nokuphilisa abantu abagulayo.

UYohane, UMateyu, UBhartolomeyu, UTomas

UYesu wayebabiza ngokuba ngabahlobo bakhe kwaye wayebathembile. AbaFarisi babecinga ukuba abapostile abafundanga kwaye ngabantu nje abaqhelekileyo. Kodwa uYesu wabaqeqeshela umsebenzi ababeza kuwenza. Babeza kuba naye ngawona maxesha abalulekileyo ebomini bakhe, ngaphambi kokuba afe nasemva kokuba evusiwe. Abaninzi kubo babesuka eGalili njengaye. Abanye kubo babetshatile.

UYakobi unyana ka-Alfeyu, UYudas Skariyoti, UTadeyu, USimon

Abapostile babengafezekanga, babezenza iimpazamo. Ngamanye amaxesha babethetha bengacinganga yaye babesenza izigqibo ezingafanelekanga. Babekhe bangabi namonde. Bakhe baxambulisana nangokuba nguwuphi oyena ubalulekileyo kubo. Sekunjalo, babengabantu abalungileyo abathanda uYehova. Kwakuza kwakhelwa kubo ibandla lamaKristu emva kokuba uYesu enyukele ezulwini.

“Ndinibize ngokuthi ningabahlobo, ngenxa yokuba zonke izinto endizive kuBawo ndinazisile.”—Yohane 15:15