Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 83

UYesu Utyisa Abantu Abaninzi

UYesu Utyisa Abantu Abaninzi

Ngaphambi nje kwePasika yonyaka ka-32, abapostile babevela kushumayela kwiindawo ngeendawo. Kuba babediniwe, uYesu wabasa eBhethesayida ngesikhephe ukuze baphumle. Xa isikhephe sasisondela elunxwemeni, uYesu wabona ukuba balandelwe ngabantu abaninzi. UYesu wayefuna ukukhe abe yedwa nabapostile bakhe, kodwa sekunjalo wabamkela ngobubele aba bantu. Wanyanga abagulayo waza wabafundisa. UYesu wabafundisa ngoBukumkani bukaThixo imini iyonke. Kwathi xa kusihlwa, abapostile bathi kuye: ‘Inoba aba bantu balambile. Yithi mabahambe bayotya.’

UYesu wathi: ‘Nokuba abahambanga. Banikeni into yokutya.’ Abapostile babuza: ‘Ufuna siye kubathengela isonka?’ Umpostile onguFilipu wathi: ‘Nokuba besinemali eninzi, ibingazukwanela ukuthengela abantu abaninzi kangaka.’

UYesu wathi: ‘Kungakanani ukutya okukhoyo?’ UAndreya waphendula: ‘Kukho izonka ezintlanu neentlanzi ezimbini. Soze zanele.’ UYesu wathi: ‘Yizani nazo apha.’ Wathi abantu mabahlale engceni babe ngamaqela anabantu abayi-50 nabayi-100. Wathatha izonka neentlanzi, wajonga ezulwini waza wathandaza. Wanika abapostile oko kutya baza bona bakunika abantu. Loo madoda ayi-5 000, abafazi, nabantwana, bonke batya bahlutha. Ukugqiba kwabo, abapostile baqokelela konke okushiyekileyo ukuze kungabikho nto ilahlwayo. Kwazalisa iibhaskithi eziyi-12. Yayingummangaliso nyhani lo!

Abantu babevuya nyhani kangangokuba babefuna uYesu abe ngukumkani wabo. UYesu wayesazi ukuba alikafiki ixesha lokuba uYehova amenze ukumkani. Ngoko wathi abantu bangahamba waza wathi kubapostile bakhe mabaye kwelinye icala loLwandle LwaseGalili. Bakhwela esikhepheni sabo waza yena uYesu wanyuka waya entabeni yedwa. Kwakutheni? Wayefuna ukuba nexesha lokuthandaza kuTata wakhe. Nokuba uxakeke kangakanani, uYesu wayelenza ixesha lokuthandaza.

“Sebenzelani, kungekhona ukutya okutshabalalayo, kodwa ukutya okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kuninika kona uNyana womntu.”—Yohane 6:27