Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 88

UYesu Uyabanjwa

UYesu Uyabanjwa

UYesu nabapostile banqumla iNtlambo YaseKidron besiya kwiNtaba YemiNquma. Kwakusezinzulwini zobusuku, inyanga iphelele. Ukufika kwabo kuMyezo WaseGetsemane uYesu wathi: “Hlalani apha, nihlale nilindile.” UYesu waya phambilana emyezweni waza waguqa ngamadolo. Ekhathazeke kakhulu, wathandaza kuYehova wathi: “Makwenzeke ukuthanda kwakho.” UYehova wathumela ingelosi ukuba yomeleze uYesu. Xa uYesu wabuyela kubapostile, wafika abathathu belele. Wathi: ‘Vukani! Ayiloxesha lokulala eli!’ Lifikile ixesha lokuba ndinikelwe kwiintshaba zam.’

Kungekudala, kwathi gqi uYudas ehamba nabantu abaninzi bephethe amakrele namagqudu. Wayesazi ukuba uza kumfumana phi uYesu kuba babeqhele ukuza kule gadi. UYudas wayethe kumajoni uza kuwabonisa ukuba ngowuphi uYesu. Waya ngqo kuYesu, wathi: ‘Molo Mfundisi,’ waza wamphuza. UYesu wathi: ‘Yudas, undijikela ngokundiphuza?’

UYesu wasondela waza wabuza aba bantu: “Nifuna bani na?” Bathi: “UYesu umNazarete.” Waphendula wathi: “Ndinguye,” baza aba bantu babuya umva, bawa phantsi. UYesu waphinda wababuza: “Nifuna bani na?” Baphinda bathi: “UYesu umNazarete.” UYesu wathi: ‘Nditshilo ukuba ndinguye. Wayekeni la madoda ahambe.’

Xa uPetros wabona into eyenzekayo, wakhupha ikrele lakhe waza wanqumla indlebe kaMalko, owayelikhoboka lombingeleli omkhulu. Kodwa uYesu wayiphilisa indlebe kaMalko. Wathi kuPetros: ‘Libeke ikrele lakho. Ukuba ulwa ngekrele uya kubulawa ngalo.’ Amajoni ambamba uYesu aza ambopha izandla. Abapostile bona babaleka. Abo bantu bamsa kuAnas, umbingeleli oyintloko. UAnas wambuza imibuzo emininzi uYesu waza wamthumela kwindlu kaKayafa uMbingeleli Omkhulu. Baphelela phi abapostile?

“Ehlabathini ninembandezelo, kodwa yomelelani! mna ndiloyisile ihlabathi.”—Yohane 16:33