Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 94

Abafundi Bafumana Umoya Oyingcwele

Abafundi Bafumana Umoya Oyingcwele

Emva kweentsuku ezilishumi uYesu ebuyele ezulwini, abafundi bakhe bafumana umoya oyingcwele. KwakungePentekoste yonyaka ka-33, ibe abantu abasuka kwiindawo ngeendawo babeze konwaba eYerusalem. Kwakukho abafundi abamalunga nabayi-120 ababedibene kwigumbi eliphezulu. Kusenjalo, kwenzeka into eyothusayo. Kwabonakala into efana nedangatye lomlilo phezu kwentloko yomfundi ngamnye, baza bonke bathetha iilwimi ezingafaniyo. Kuloo ndlu kwabakho ingxolo engathi yeyomoya obhudlayo.

Iindwendwe ezazisuka kwezinye iindawo zayiva loo ngxolo zaza zabaleka zaya kuqonda ukuba kwenzeka ntoni. Zothuka zakuva abafundi bethetha ezi lwimi. Zathi: ‘Aba bantu basuka eGalili. Kutheni bekwazi ukuthetha iilwimi zethu?’

UPetros nabanye abapostile bema phambi kwabo bantu baninzi. Wabaxelela indlela uYesu abulawe waza wavuswa ngayo nguYehova. Wade wathi: ‘Ngoku uYesu usezulwini ngasekunene kukaThixo, ibe uthulule umoya oyingcwele awuthembisileyo. Yiloo nto nive naza nabona le mimangaliso.’

Abantu bawathanda kakhulu amazwi kaPetros baza bathi: “Senze ntoni na?” Wathi: ‘Guqukani nize nibhaptizwe egameni likaYesu. Niza kufumana isipho somoya oyingcwele.’ Ngaloo mini kwabhaptizwa abantu abamalunga ne-3 000. Ukususela ngoko, baya besanda abafundi eYerusalem. Bencedwa ngumoya oyingcwele, abapostile baqalisa amabandla ukuze bafundise abafundi zonke izinto uYesu awayebayalele zona.

“Ukuba ulivakalisa esidlangalaleni elo ‘lizwi lisemlonyeni wakho,’ lokuba uYesu uyiNkosi, uze ubonise ukholo entliziyweni yakho lokuba uThixo wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa.”—Roma 10:9