ISIFUNDO 99
Unogada Ufunda Inyaniso
EFilipi, kwakukho isicakakazi esasinedemon. Le demon yayisenza le ntombazana ixele izinto eziza kwenzeka. Ngaloo nto yayisenzela iinkosi zayo imali eninzi. Ukufika kukaPawulos noSilas eFilipi, zaqengqeleka iintsuku ibalandela. Idemon yenza le ntombi yakhwaza isithi: “Aba bantu bangamakhoboka oThixo ongOyena Uphakamileyo.” UPawulos wathi kule demon: ‘Egameni likaYesu, phuma kuye!’ Yaphuma.
Iinkosi zale ntombazana zathi zakubona ukuba ayisakwazi ukuxela izinto eziza kwenzeka, ngoko akusangeni mali, zanomsindo kakhulu. Zarhuqela uPawulos noSilas koomantyi basekuhlaleni zisithi: ‘La madoda ophula umthetho kwaye loo nto iyabakhathaza abantu bale dolophu!’ Oomantyi bayalela ukuba uPawulos noSilas babethwe baze bavalelwe ejele. Unogada wabaphosa kwesona sisele simnyama waza wabafaka ezitokisini.
Amanye amabanjwa ayemamele uPawulos noSilas becula iingoma zokudumisa uYehova. Kungalindelwanga, ezinzulwini zobusuku kwabakho inyikima enkulu eyanyikimisa ijele yonke. Iingcango zayo zavuleka, kwakhululeka amatsheyina nezitokisi. Unogada wakhawuleza waya eziseleni, wafika iingcango zivuliwe. Eqinisekile ukuba onke amabanjwa abalekile, wathatha ikrele eza ukuzibulala.
Kanye ngelo xesha, uPawulos wakhwaza esithi: ‘Ungazenzakalisi. Sonke silapha!’ Unogada wangena esiseleni, wawa phambi koPawulos noSilas. Wababuza: “Ndimele ndenze ntoni na ukuze ndisindiswe?” Bathi: ‘Wena nentsapho yakho, kholwani kuYesu.’ UPawulos noSilas bafundisa yena nentsapho yakhe ilizwi likaYehova, baza babhaptizwa.
“Abantu baza kunibamba, banitshutshise, banise kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda nasejele. Niza kumiswa phambi kookumkani nabalawuli ngenxa yegama lam. Loo nto iza kuninika ithuba lokushumayela.”—Luka 21:12, 13