Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 6

Abantu Abasibhozo Basindela Kumhlaba Omtsha

Abantu Abasibhozo Basindela Kumhlaba Omtsha

UNowa, intsapho yakhe nezilwanyana bangena emkhombeni. UYehova waluvala ucango, yaqalisa imvula. Yanetha kakhulu, umkhombe wadada phezu kwamanzi. Amanzi azala emhlabeni wonke. Bonke abantu abangazange bangene emkhombeni futhi besenza izinto ezimbi bafa. Yena uNowa nentsapho yakhe babesemkhombeni, ngoko zange bafe. Khawucinge indlela ekumele ukuba bavuya ngayo kuba babemmamele uYehova.

Loo mvula yanetha iintsuku eziyi-40 nobusuku bazo. Amanzi aye etshona kancinci kancinci. Ekugqibeleni umkhombe wema phezu kwentaba. Kodwa amanzi ayesekho emhlabeni, ngoko uNowa nentsapho yakhe zange baphume kwangoko.

Amanzi aye esoma. UNowa nentsapho yakhe babesemkhombeni ngaphezu konyaka. Emva koko uYehova wathi mabaphumele kumhlaba owawubonakala ngathi mtsha. Bambulela kakhulu uYehova kuba ebasindisile, baza bamenzela umbingelelo.

UYehova wawuvuyela lo mbingelelo. Wathembisa ukuba akasoze aphinde atshabalalise umhlaba ngemvula enkulu. Wabonisa ukuba unyanisile ngokwenza kubekho umnyama esibhakabhakeni. Wakha wawubona umnyama?

UYehova waxelela uNowa nentsapho yakhe ukuba babe nabantwana abaza kuba kuwo wonke umhlaba.

‘UNowa wangena emkhombeni, kwaye [abantu] abazange banikele ngqalelo de wafika umkhukula waza wabatshayela bonke.’—Mateyu 24:38, 39