Intshayelelo Yecandelo 3
Kwiminyaka emva koNogumbe, iBhayibhile isixelela ngabantu abambalwa ababekhonza uYehova. UAbraham wayengomnye wabo yaye wayesaziwa ngokuba ngumhlobo kaYehova. Kwakutheni ukuze abizwe ngokuba ngumhlobo kaYehova? Ukuba ungumzali, nceda umntwana wakho aqonde ukuba uYehova unomdla kuye kwaye ufuna ukumnceda. Sinokucela uncedo kuYehova kanye njengoAbraham namanye amadoda awayethembekile, njengoLote noYakobi. Simele siqiniseke ukuba uYehova uyazenza izinto azithembisayo.
KWELI CANDELO
Inqaba YaseBhabheli
Abantu bacinga ukwakha isixeko esinenqaba efika ezulwini. Kwakutheni ukuze uThixo abenze bazibone sebethetha iilwimi ezingafaniyo?
UAbraham NoSara Bammamela UThixo
Kwakutheni ukuze uAbraham noSara bashiye ubomi ababebuphila edolophini baye kuba ngoonothwal’ impahlana eKanan?
Bade Banonyana!
UThixo wayeza kusizalisekilsa njani isithembiso sakhe kuAbraham? Nguwuphi unyana esasiza kuzaliseka ngaye—nguIsake okanye nguIshmayeli?
Khumbulani UmkaLote
UThixo wanisa umlilo nesalfure eSodom naseGomora. Kwakutheni ukuze zitshatyalaliswe ezo dolophu? Kutheni sifanele sikhumbule umkaLote?
Kuvavanywa Ukholo
UThixo wathi kuAbraham: ‘Nceda, uthathe unyana wakho okuphela kwakhe uze unikele ngaye kwintaba iMoriya.’ Ngaba uAbraham wayeza kumelana nolu vavanyo lokholo lwakhe?
UYakobi Walifumana Ilifa
UIsake noRebheka babenamakhwenkwe angamawele, uEsawu noYakobi. Ngenxa yokuba uEsawu waphuma kuqala, yayinguye owayefanele afumane ilifa. Kwakutheni ukuze aphise ngalo ngenxa yesitya esinesityu?
UYakobi NoEsawu Bayaxolelana
UYakobi wenza ntoni ukuze asikelelwe yingelosi? Ibe wenza ntoni ukuze axolelane noEsawu?