Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 13

UYakobi NoEsawu Bayaxolelana

UYakobi NoEsawu Bayaxolelana

UYehova wathembisa uYakobi ukuba uza kumkhusela kanye njengokuba wakhusela uAbraham noIsake. UYakobi wahlala kwaHaran, watshatela khona, wanentsapho enkulu, wasiso nesityebi.

Ekugqibeleni uYehova wathi kuYakobi: ‘Buyela kwilizwe lakowenu.’ Ngoko uYakobi nentsapho yakhe bahamba olo hambo lude. Endleleni uYakobi wadibana nabantu abathi kuye: ‘Umntakwenu uEsawu usendleleni esiza kukuhlangabeza, unamadoda ayi-400!’ Wayesoyika ecinga ukuba uEsawu uza kumenzakalisa nentsapho yakhe. Wathandaza kuYehova esithi: “Khawuncede undihlangule esandleni somntakwethu.” Ngosuku olulandelayo wathumela uEsawu isipho seegusha, iibhokhwe, iinkomo, iinkamela needonki.

Ngobo busuku uYakobi esahleli yedwa, wabona ingelosi! Le ngelosi yajijisana naye kwade kwasa. Nakuba uYakobi walimala, akazange ayekelele. Yathi: “Ndiyeke ndihambe.” UYakobi wathi: ‘Andisoze, de undisikelele kuqala.’

Yade yamsikelela. Loo nto yamqinisekisa ukuba uYehova akasoze ayeke uEsawu amenzakalise.

Ngaloo ntsasa, wathi xa ephakamisa amehlo akhe, wabona uEsawu esiza namadoda ayi-400. Wakhawuleza wahamba phambi kwentsapho yakhe, waqubuda kumntakwabo kasixhenxe. UEsawu wabaleka waya kuziphosa kuye. Balilelana baza baxolelana. Ucinga ukuba uYehova wavakalelwa njani yindlela uYakobi awayisingatha ngayo le ngxaki?

Kamva uEsawu wabuyela endlwini yakhe, noYakobi ngokunjalo. UYakobi wayenoonyana abayi-12. Amagama abo yayinguRubhen, uSimeyon, uLevi, uYuda, uDan, uNafetali, uGadi, uAshere, uIsakare, uZebhulon, uYosefu noBhenjamin. UYehova wasebenzisa omnye waba nyana, uYosefu, ukusindisa abantu bakhe. Uyazi wakwenza njani oko? Makhe sibone.

“Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo; ukuze nizingqine ningoonyana boYihlo osemazulwini.”—Mateyu 5:44, 45