ISIFUNDO 21
Isibetho Seshumi
UMoses wathembisa uFaro ukuba akazi kuphinda aze kuye. Kodwa ngaphambi kokuba amshiye wathi: ‘Ezinzulwini zobusuku, onke amazibulo aseYiputa, unyana kaFaro noonyana bamakhoboka, aza kufa.’
UYehova wathi kumaSirayeli makazenzele isidlo esikhethekileyo. Wathi: ‘Ngamnye makaxhele inkunzi yegusha okanye eyebhokhwe enonyaka izelwe, aze aqabe igazi layo kumphezulu womnyango. Yojeni loo nyama nize niyitye ngezonka ezingenagwele. Ninxibe neembadada ezinyaweni zenu, nilungele ukuhamba. Ngobu busuku ndiza kunikhulula eYiputa.’ Inoba ayevuya nyhani amaSirayeli!
Ezinzulwini zobusuku ingelosi kaYehova yaya kwindlu nganye yaseYiputa. Kwizindlu ezazingaqatywanga gazi kumphezulu womnyango, amazibulo afa. Kodwa kwezo zaziqatywe igazi, ingelosi yadlula nje. Zonke iintsapho zamaYiputa, ezizizityebi nezihlwempuzekileyo, zafelwa ngabantwana. Kodwa akukho nomnye umntwana womSirayeli owafayo.
Kwafa nonyana kaFaro. Ngoku zaphela tu iinkani kuFaro. Engachithanga xesha wathi kuMoses
noAron: ‘Sukani. Phumani niphele apha. Hambani niye kukhonza uThixo wenu. Nihambe nemfuyo yenu!’AmaSirayeli aphuma ngobusuku eYiputa inyanga iqaqambile, iziintsapho nezizwana zawo. Kwaphuma amadoda, abafazi nabantwana abayi-600 000. Nabanye abantu abaninzi bahamba nawo ukuze baye kukhonza uYehova. Ekugqibeleni amaSirayeli akhululeka!
Ukuze akhumbule indlela uYehova awawasindisa ngayo, nyaka ngamnye ayeza kwenza isidlo esikhethekileyo esifana neso ayeyalelwe ukuba asenze. Sasibizwa ngokuba yiPasika.
“Ndikuyeke waphila ngenxa yesi sizathu: ukuze ndibonakalise amandla am ngawe, nokuze igama lam laziwe emhlabeni wonke.”—Roma 9:17