Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 34

UGidiyon Wawoyisa AmaMidiyan

UGidiyon Wawoyisa AmaMidiyan

Ekuhambeni kwexesha, amaSirayeli amshiya uYehova aza akhonza abanye oothixo. Iminyaka esixhenxe, amaMidiyan ayesiba imfuyo yawo etshabalalisa nezityalo zawo. Ebaleka amaMidiyan, amaSirayeli azimela emiqolombeni nasezintabeni. Amcenga uYehova ukuba awasindise. UYehova wathumela ingelosi kumfana ogama linguGidiyon. Le ngelosi yathi kuye: ‘UYehova ukukhethile ukuba ube likroti elinamandla.’ UGidiyon wathi: ‘Ndingamsindisa njani uSirayeli? Ndingumfana nje.’

UGidiyon wayeza kubona ngantoni ukuba uYehova umkhethile? Wabeka phantsi uboya waza wathi kuYehova: ‘Ukuba obu boya kuse bumanzi kodwa umhlaba womile, ndiya kuqonda ukuba ufuna ndisindise uSirayeli.’ Kwintsasa elandelayo, uboya babumanzi tixi kodwa wona umhlaba womile! Ngentsasa elandelayo, uGidiyon wacela ukuba uboya bome uze umhlaba ube manzi. Xa kwenzekayo oko, waqiniseka ukuba uYehova umkhethile. Wahlanganisa amajoni akhe baya kulwa namaMidiyan.

UYehova wathi kuGidiyon: ‘Ndiza kuwenza oyise amaSirayeli. Kodwa ngenxa yokuba unamajoni amaninzi, usenokucinga ukuba oyise ngamandla awo. Xelela wonke umntu owoyikayo ukuba agoduke.’ Amajoni ayi-22 000 agoduka kwasala ayi-10 000. UYehova wathi: ‘Asemaninzi la majoni. Wase emlanjeni aye kusela amanzi. Gcina lawo asela ejonge iintshaba.’ Ayi-300 kuphela awasela ejonge iintshaba. UYehova wathembisa ukuba ngala majoni ambalwa aya koyisa amajoni akwaMidiyan ayi-135 000.

Ngobo busuku, uYehova wathi kuGidiyon: ‘Lifikile ixesha lokuhlasela amaMidiyan!’ UGidiyon wanika amajoni akhe amaxilongo neengqayi ezinezikhuni zomlilo. Wathi: ‘Jongani into endiyenzayo, nize nenze njengoko ndisenza.’ UGidiyon wavuthela ixilongo, waqhekeza ingqayi, waphakamisa isikhuni somlilo, waza wakhwaza esithi: ‘Ikrele likaYehova noGidiyon!’ Namajoni akhe ayi-300 enza kanye loo nto. AmaMidiyan oyika aza abalekela macala onke. Engayazi into ayenzayo, alwa odwa. UYehova waphinda wawanceda amaSirayeli oyisa iintshaba zawo.

“Ukuze amandla angaphaya koko kuqhelekileyo abe ngakaThixo, angabi ngawethu.”—2 Korinte 4:7