Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 38

UYehova Wamnika Amandla USamson

UYehova Wamnika Amandla USamson

AmaSirayeli amaninzi abuyela kwizithixo, ngoko uYehova wayeka amaFilisti awalawula. Kodwa ayesekhona awayemthanda uYehova. Omnye wawo yayinguManowa. Yena nomfazi wakhe babengenabantwana. Ngenye imini, uYehova wathumela ingelosi kumfazi kaManowa. Le ngelosi yathi kuye: ‘Uza kuba nonyana. Lo nyana uza kusindisa amaSirayeli kumaFilisti. Uza kuba ngumNaziri.’ Uyazi ukuba ayengoobani amaNaziri? Ayengabakhonzi bakaYehova abohlukileyo. Ayengavumelekanga ukuba achebe iinwele zawo.

Ekuhambeni kwexesha kwazalwa unyana kaManowa, baza bamthiya igama elinguSamson. Ekukhuleni kwakhe, uYehova wamenza wanamandla. Wakha wabulala ingonyama ngezandla. Ngeny’ imini, uSamson wabulala amaFilisti ayi-30 engancediswa mntu. Ayemonyanya amaFilisti ibe ayekhangela iindlela zokumbulala. Ngobunye ubusuku uSamson elele eGaza, aya esangweni lesi sixeko aza amlinda khona ukuze ambulale ngentsasa elandelayo. Wavuka ezinzulwini zobusuku, waya kwisango lesixeko walincothula. Walibeka emagxeni waza wanyukela kwincopho yentaba engaseHebron!

Emva koko, amaFilisti aya kwintombi eyayithandana naye, uDelila, aza athi: ‘Ukuba ungasixelela ukuba uwathatha phi amandla angaka uSamson, singakunika amaqhosha esilivere aliwaka. Sifuna ukumbamba simphose entolongweni.’ Yena uDelila wayezifunela imali, ngoko wavuma. Ekuqaleni, uSamson akazange amxelele, kodwa wamcenga de wamxelela. Wathi: ‘Iinwele zam azizange zachetywa ngenxa yokuba ndingumNaziri. Ukuba zinokuchetywa, aphelile amandla am.’ USamson wenza impazamo enkulu ngokumxelela loo nto. Awucingi njalo?

Ngoko nangoko uDelila wathi kumaFilisti: ‘Ndiyazi ukuba uwathatha phi!’ Wamlalisa ethangeni lakhe, waza wacela omnye ukuba amchebe. UDelila wamkhwaza wathi: ‘Samson, nanga amaFilisti!’ Wathi xa ephakama, abe amandla engasekho. AmaFilisti ambamba, amkhupha amehlo aza amfaka entolongweni.

Ngenye imini amaFilisti amaninzi ayenqula uthixo wawo uDagon etempileni. Ayekhwaza esithi: ‘Uthixo wethu usinike uSamson! Mkhupheni! Masidlale ngaye.’ Ammisa phakathi kweentsika ezimbini, aza ahlekisa ngaye. USamson wathetha noYehova wathi: ‘Owu Yehova, ndicela undiphe amandla nje kube kanye.’ Ngelo xesha, iinwele zaziphinde zande. Watshova ezo ntsika zetempile ngawo onke amandla awayenawo. Sadilika sonke eso sakhiwo, baza basweleka bonke abantu ababelapho, noSamson ngokwakhe.

“Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”—Filipi 4:13