Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 15

UYehova Akazange Amlibale UYosefu

UYehova Akazange Amlibale UYosefu

Ngoxa uYosefu wayesentolongweni, uFaro ukumkani waseYiputa waphupha izinto ekwakungekho mntu ukwaziyo ukuzitolika. Omnye wabakhonzi bakhe wamxelela ukuba nguYosefu owayenokuwatolika loo maphupha. Ngoko nangoko uFaro wathi makabizwe.

Wambuza: ‘Ungakwazi ukuwatolika amaphupha am?’ UYosefu wathi: ‘IYiputa iza kuba neminyaka esixhenxe yendyebo, emva kwayo kubekho eminye esixhenxe yendlala. Zikhethele umntu osisilumko oza kugcina ukutya ukuze abantu bakho bangalambi.’ UFaro wathi: ‘Nguwe kanye loo mntu! Ndikunika igunya phezu kwayo yonke into eseYiputa!’ Wancedwa ngubani uYosefu ukuze akwazi ukutolika amaphupha kaFaro? NguYehova kaloku.

Kwiminyaka esixhenxe emva koko, uYosefu wagcina ukutya. Ngoko yafika iminyaka yendlala kanye njengoko uYosefu wayetshilo. Abantu beza kuthenga ukutya kuye besuka kwiindawo ezahlukahlukeneyo. Uyise weva ukuba kukho indyebo eYiputa, wathumela oonyana bakhe abalishumi apho ukuba baye kuthenga ukutya.

Bakufika kuYosefu, wabazi zisuka. Kodwa bona abazange bamazi. Baqubuda kuye njengoko wayephuphe njalo xa wayesemncinci. Wayefuna ukwazi ukuba basamcaphukela na. Ngoko wathi kubo: “Nizintlola. Nize kubona ubuze beli lizwe.” Bathi bona: ‘Akunjalo! Singoonyana abayi-12 abasuka kwaKanan. Omnye wasweleka, oyena mncinane ukubawo.’ UYosefu wathi kubo: ‘Zisani umninawa wenu kum, yaye ndiza kunikholelwa.’ Ngoko babuyela kuyise.

Xa kwaphinda kwaphela ukutya, uYakobi waphinda wathuma oonyana bakhe eYiputa. Kweli tyeli bahamba nontondo kayise uBhenjamin. Ebavavanya, uYosefu wafihla indebe yakhe yesilivere ebhegini kaBhenjamin yokudla okuziinkozo waza wabatyhola esithi bayibile. Xa umkhonzi kaYosefu wayifumana ebhegini kaBhenjamin, bothuka kakhulu abantakwabo. Bamcenga bathi makohlwaye bona endaweni kaBhenjamin.

UYosefu wabona ukuba batshintshile. Akazange akwazi ukuzibamba. Zehla iinyembezi, wathi: ‘NdinguYosefu umntakwenu. Utata usaphila kodwa?’ Bothuka kakhulu. Wathi kubo: ‘Musani ukuba buhlungu ngento enandenza yona. UThixo wandithumela apha ukuze ndisindise ubomi benu. Khawulezani niye kulanda utata.’

Babuyela kuyise bemphathele iindaba ezimnandi baza bamzisa eYiputa. Emva kweminyaka bohlukana, uYosefu waphinda wadibana noyise.

“Kanti ukuba anibaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela ezenu izigqitho.”—Mateyu 6:15