Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIFUNDO 22

Ummangaliso KuLwandle Olubomvu

Ummangaliso KuLwandle Olubomvu

Akuba evile uFaro ukuba amaSirayeli amkile, watshintsha ingqondo. Wayalela amajoni akhe wathi: ‘Lungisani zonke iinqwelo zam zokulwa, masiwasukele! Besingafanelanga ukuba siwakhulule.’ Yena namajoni akhe bawasukela.

UYehova wayekhokela abantu bakhe ngelifu emini nangedangatye lomlilo ebusuku. Wabakhokela de baya kufika kuLwandle Olubomvu waza wathi mabagxumeke iintente.

AmaSirayeli ambona uFaro nomkhosi wakhe bewasukela. Ngoku ayephakathi kolwandle nomkhosi wamaYiputa. Athi kuMoses: ‘Siza kufa! Ubufanele ukuba usishiye eYiputa.’ Kodwa uMoses wathi: ‘Musani ukoyika. Lindani nize nibone indlela uYehova aza kusisindisa ngayo.’ Kuyacaca ukuba uMoses wayemthembe nyhani uYehova.

UYehova waxelela amaSirayeli ukuba ancothule iintente zawo. Ngobo busuku, wabeka ilifu phakathi kwamaYiputa namaSirayeli. Kwicala lamaYiputa kwakumnyama, ngoxa kwelamaSirayeli kwakukhanya.

UYehova wathi kuMoses makolulele isandla sakhe phezu kolwandle. Emva koko wabangela ukuba kubhudle umoya omkhulu ubusuku bonke. Ulwandle lohlukana lwangamacala amabini kwaza kwavuleka indlela phakathi. Izihlwele zamaSirayeli zahamba kuloo ndlela zaya kutsho kwelinye icala.

Nomkhosi kaFaro wangena kuloo ndlela. UYehova wabangela isiphithiphithi kuloo mkhosi. Amavili eenqwelo zawo aphuma. Amajoni akhwaza esithi: ‘Masijikeni! UYehova uyawalwela.’

UYehova wathi kuMoses: ‘Yolula isandla sakho phezu kolwandle.’ Onke loo manzi abuyela phezu komkhosi wamaYiputa. UFaro namajoni akhe onke bafela apho.

Kwelinye icala lolwandle, inkitha yabantu yayidumisa uThixo ngengoma isithi: ‘Mvumele uYehova, kuba uphakame kakhulu. Ihashe nomkhweli walo uliphose elwandle.’ Ngoxa abanye becula, amabhinqa ayedanisa edlala iintambula. Wonke umntu wayevuya ngenxa yokuba babekhululekile.

“Ngoko ke masomelele kakhulu size sithi: ‘UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?’”—Hebhere 13:6