Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 23

Ukusasazeka Kweendaba Ezilungileyo

Ukusasazeka Kweendaba Ezilungileyo

UPawulos utyhutyha amazwe awele neelwandle esiya kushumayela

EMVA kokuba eguqukile, uPawulos washumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ngenzondelelo—ngoku lo wayengumchasi kwakutshutshiswa yena. Lo mpostile ukhutheleyo waya kwiindawo ezininzi nezikude eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani obuya kuzalisekisa injongo kaThixo yantlandlolo ngoluntu.

Kuhambo lukaPawulos lokuqala, waya eListra, apho waphilisa indoda eyazalwa isisiqhwala. Izihlwele zaqalisa ukunkqangaza zisithi uPawulos neqabane lakhe uBharnabhas bangoothixo. La madoda mabini ahluleka ukunqanda ezo zihlwele ekubeni zibingelele kuwo. Kodwa zathi zakuphenjelelwa ziintshaba zikaPawulos, ezi zihlwele zamxuluba ngamatye zaza zamshiya zicinga ukuba ufile. Wasinda ibe kamva wabuyela kweso sixeko ukuze akhuthaze abafundi.

Amanye amaKristu angamaYuda avusa imbambano esithi amakholwa angengawo amaYuda afanele athobele iinxalenye zoMthetho kaMoses. UPawulos wayidlulisela kubapostile namadoda amakhulu aseYerusalem le ngxaki. Emva kokuhlolisisa kakuhle iZibhalo, ekhokelwa ngumoya oyingcwele kaThixo, loo madoda abhalela amabandla ewayalela ukuba akhwebuke kunqulo zithixo, egazini, kwinyama engophiswanga nakuhenyuzo. Loo miyalelo ‘yayiyimfuneko,’ kodwa umntu wayenokuyithobela enoba akalandeli Mthetho kaMoses.—IZenzo 15:28, 29.

Kuhambo lwakhe lwesibini, uPawulos watyelela eBhereya ngoku eyaziwa ngokuba yiGrisi. AmaYuda awayehlala apho alamkela ngolangazelelo olukhulu ilizwi, ezihlolisisa iZibhalo yonke imihla ukuze aqinisekise enoba zazinjalo na iimfundiso zikaPawulos. Kwakhona inkcaso yamnyanzela ukuba aye eAthene. UPawulos wanikela udlwabevu lwentetho olungumzekelo omhle wokusebenzisa ubuchule, ingqiqo nokweyisela kwiqela lezifundiswa zaseAthene.

Emva kohambo lwakhe lwesithathu, uPawulos waya eYerusalem. Xa wayetyelele kwitempile yalapho, amanye amaYuda avusa uqhushululu, efuna ukumbulala. Kwangenelela amajoni aseRoma aza amphek’ emophula ngemibuzo. Njengommi waseRoma, kamva wazithethelela phambi kweRhuluneli yaseRoma uFeliks. La maYuda ayengenabo ubungqina bezityholo awayemtyabeka zona. Ukuze enye iRhuluneli yaseRoma, egama linguFesto ingamnikeli kumaYuda, uPawulos wathi: “Ndibhenela kuKesare!” UFesto waphendula wathi: “Uya kuya kuKesare.”—IZenzo 25:11, 12.

Emva koko uPawulos wafakwa kwinqanawa wasiwa eItali ukuze aye kuthetha ityala lakhe apho. Loo nqanawa yophuka endleleni, kwaza kwafuneka achithe ubusika kwisiqithi saseMalta. Ekufikeni kwakhe eRoma, wachitha iminyaka emibini ehlala kwindlu eqeshisiweyo. Nangona wayelindwe lijoni, lo mpostile unenzondelelo waqhubeka eshumayela ngoBukumkani bukaThixo kubo bonke ababemtyelela.

—Oku kusekelwe kwiZenzo 11:22–28:31.