Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 10

Inokundinceda Njani IBhayibhile?

Inokundinceda Njani IBhayibhile?

KUTHENI KUBALULEKILE?

IBhayibhile ithi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Ukuba oku kuyinyani, iBhayibhile inokunika ulwalathiso oludingayo.

UBUNOKWENZA NTONI WENA?

Khawucinge ngoku: UDavid uqhuba kwindawo apho kungekho nenye into ayiqhelileyo. Indlela nemiqondiso yayo ibonisa ukuba akakho kwindawo ebefanele ukuba ukuyo kwaye uyaqonda ukuba ulahlekile. Umele ukuba ujike kwindawo ebemele angajiki kuyo.

Ukuba ubunguDavid, ubuza kuthini?

CINGA!

Usenokwenza enye yezi zinto:

  1. Ubuzise.

  2. Ujonge imaphu, okanye usebenzise iGPS.

  3. Uqhubeke uqhuba ngethemba lokuba uza kude uyifumane le ndawo uya kuyo.

Kucacile ukuba uC ngoyena ungenakukunceda kangako.

Eyona ingakunceda kunale yokuqala nguB. Ngapha koko, uza kuhlala unayo imaphu neGPS de ufike apho uya khona, zikuncede endleleni.

IBhayibhile inokukunceda ngendlela efanayo!

Le ncwadi iyeyona ithengwayo

  • ingakubonisa indlela kwiingxaki zobomi

  • ingakunceda uzazi uze ube ngumntu obhetele

  • ingakubonisa indlela yokuba nobona bomi bumnandi

IPHENDULA EYONA MIBUZO IBALULEKILEYO EBOMINI

Xa siqala ukuthetha, siye sibuze imibuzo.

  • Kutheni isibhakabhaka siluhlaza?

  • Zenziwe ngantoni iinkwenkwezi?

Njengoko sikhula siye sibuze ngezinto ezenzekayo.

Ungathini ukuba kunokuthi kanti kudala zikho iimpendulo zale mibuzo eBhayibhileni?

Abantu abaninzi bathi iBhayibhile izele ziintsomi, iphelelwe lixesha, okanye kunzima gqitha ukuyiqonda. Kodwa ngaba nyhani ingxaki iseBhayibhileni, okanye ikoko abantu bakuvileyo ngeBhayibhile? Ngaba kunokwenzeka ukuba baxelelwe into engekhoyo ngeBhayibhile?

Ngokomzekelo, abantu bacinga ukuba iBhayibhile ithi nguThixo olawula ihlabathi. Kodwa inokwenzeka njani loo nto? Eli hlabathi alilawuleki! Lizele ziintlungu nokutsala nzima, ukugula nokufa, indlala neentlekele. UThixo oluthando angazenza njani izinto ezinje?

Ngaba uyafuna ukwazi impendulo? Ungothuka xa unokuva oko iBhayibhile ikutshoyo ngokuba ngubani olawula ihlabathi!

Inoba uye wabona ukuba amacebiso akule ncwadana athathwe eBhayibhileni. AmaNgqina kaYehova akholelwa nyhani ukuba iBhayibhile inolwalathiso olunokuthenjwa, ngenxa yokuba ‘iphefumlelwe nguThixo kwaye iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto.’ (2 Timoti 3:16, 17) Ngoko ke umele uyifunde kakuhle le ncwadi yakudala—kodwa enamacebiso asasebenzayo nanamhlanje!