Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UMBUZO 4

Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?

Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?

KUTHENI KUBALULEKILE?

Xa uzivuma iimpazamo zakho uya kujongwa njengomntu okhathalayo nothembekileyo.

UBUNOKWENZA NTONI WENA?

Khawucinge ngoku: UTim udlala ibhola neetshomi zakhe aze aphule iglasi yefestile yommelwane.

Ukuba ubunguTim, ubuza kuthini?

CINGA!

UNOKWENZA ENYE YEZI ZINTO:

  1. Unokubaleka.

  2. Unokutyhola omnye.

  3. Unokuxelela ummelwane into oyenzileyo uze umthembise ukuba uza kuwulungisa umonakalo.

Usenokufuna ukwenza uA. Kodwa kusoloko kukuhle ukuzivuma iimpazamo zakho—enoba waphule iglasi yefestile okanye kuyo nantoni na oyenzileyo.

IZIZATHU EZITHATHU ZOKUBALULEKA KOKUZIVUMA IIMPAZAMO ZAKHO

  1. Yeyona nto ilungileyo.

    IBhayibhile ithi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—Hebhere 13:18.

  2. Abantu badla ngokubaxolela abantu abavumayo xa benze impazamo.

    IBhayibhile ithi: “Okugubungelayo ukunxaxha kwakhe akayi kuphumelela, kodwa okuvumayo aze akushiye uya kwenzelwa inceba.”—IMizekeliso 28:13.

  3. Eyona nto ibalulekileyo, uThixo uyamthanda umntu okwenzayo oko.

    IBhayibhile ithi: “Umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ukusondelelana naye kokwabo bathe tye.”—IMizekeliso 3:32.

UKarina, ona-20, wazama ukulifihla kutata wakhe itikiti awalifumana ngenxa yokuqhuba ngesantya esiphezulu. Kodwa akazange akwazi ukulifihla ngokupheleleyo. Uthi, “Emva konyaka, utata wabhaqa itikiti lokubalekisa eliphume ngegama lam. Ndaba sengxakini enkulu!”

Isifundo? UKarina uthi: “Ukuzifihla iimpazamo kwenza imeko ibe mbi nangakumbi. Uyaphendula ngazo ekugqibeleni!”

UKUFUNDA KWIIMPAZAMO ZAKHO

IBhayibhile ithi: “Sonke siyakhubeka [okanye, senza iimpazamo] izihlandlo ezininzi.” (Yakobi 3:2) Njengoko sele sibonile, ukuvuma iimpazamo kubonisa ukuba sithobekile yaye sikhulile—sifanele sizivume ngoko nangoko.

Enye into ufanele ufunde kwiimpazamo zakho. Enye intombazana enguVera ithi: “Ndizama ukufunda kwiimpazamo zam ngokuthi ndikhangele ukuba bendinokuziphepha njani, ukuze ndenze bhetele kwixesha elizayo.” Masijonge indlela onokukwenza ngayo oku.

Uboleka isithuthuthu kutata wakho uze usimoshe. Uza kuthini?

  • Akuzothetha nto ngethemba lokuba utata wakho akasoze asibhaqe.

  • Uza kuxelela utata wakho oko ukwenzileyo.

  • Uza kuxelela utata wakho oko kwenzekileyo kodwa utyhole omnye umntu.

Utshone iimviwo ngenxa yokuba khange ufunde. Uza kuthini?

  • Uza kuthi bezinzima iimviwo.

  • Uza kuvuma ukuba nguwe oye wabangela ukuba utshone.

  • Uza kuthi utitshala wakho akakuthandi.

Ukuhlala ucinga ngeempazamo ozenze kwixa elidlulileyo kufana nokujonga isipili esikubonisa ngasemva ngoxa uqhuba imoto

Jonga le mizekelo isekuqaleni uze uzithelekelele (1) ungutata wakho (2) notitshala wakho. Baza kucinga ntoni ngawe utata notitshala wakho xa uzivuma ngoko nangoko iimpazamo zakho? Baza kucinga ntoni ngawe ukuba uyazifihla iimpazamo zakho?

Cinga ngempazamo obuyenze kulo nyaka uphelileyo uze uphendule le mibuzo ilandelayo.

Yayiyintoni loo mpazamo? Wathini emva kokuba uyenzile?

  • Ndayifihla.

  • Ndatyhola omnye umntu.

  • Ndayivuma ngoko nangoko.

Ukuba zange uvume ukuba wenze impazamo, waziva njani emva koko?

  • Kamnandi—Ndibhungcile!

  • Ndinetyala—Ngendichaze inyani.

Yintoni obunokuyenza bhetele?

Wafunda ntoni kuloo mpazamo?

UCINGA NTONI?

Kutheni abanye abantu bengazivumi iimpazamo zabo?

Yintoni abaza kuyicinga abantu ngawe xa usoloko uzithethelela, kodwa baza kucinga ntoni xa uzivuma iimpazamo zakho?—Luka 16:10.