Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iidemon Zikhuthaza Abantu Ukuba Bavukele UThixo

Iidemon Zikhuthaza Abantu Ukuba Bavukele UThixo

Wambi amasiko asekelwe kubuxoki bokuba abafileyo bayasibona

Kodwa kutheni uSathana needemon zakhe besebenza nzima kangaka nje ukuze bakhohlise abantu? Kungenxa yokuba bafuna sibathelele kwimvukelo yabo. Bafuna sinqule bona. Bafuna sibukholelwe ubuxoki babo nokuba senze izinto uYehova angazithandiyo. Uninzi lwezi zinto zibandakanya amasiko anokuthanani nabantu abafileyo.

Ukufa komntu omthandayo kukwenza uzive ukhathazeke kakhulu, yaye kungokwemvelo ibe kufanelekile ukuba buhlungu. Emva kokufa komhlobo wakhe uLazaro, uYesu “walila.”—Yohane 11:35.

Maninzi amasiko enziwayo anxulumene nokufa, yaye ahlukahlukene kulo lonke ihlabathi. Amaninzi awangqubani nemigaqo yeBhayibhile. Phofu ke, zimbi zezinto ezenziwayo zisekelwe kwingcamango yokuba abantu abafileyo bayaphila ibe bayakwazi ukubabona abaphilayo. Imilindo, ukuzila okubaxiweyo nemingcwabo enobugocigoci, konke oku kusekelwe kuloyiko lokucaphukisa imimoya yabangasekhoyo. Kodwa ekubeni abafileyo ‘bengazi lutho,’ abo benza izinto ezinjalo bahambisela phambili ubuxoki bukaSathana.—INtshumayeli 9:5.

Amanye amasiko asekelwe kubuxoki bokuba abafileyo bayalufuna uncedo lwethu

Amanye amasiko okanye imigidi yenziwa ngenxa yenkolelo yokuba abafileyo bafuna uncedo lwabaphilileyo ibe baya kubenzakalisa abaphilileyo ukuba abenzelwanga nto. Kumazwe athile imigidi nokunikelwa kwamadini kwenziwa kwisithuba seentsuku ezingama-40 okanye sonyaka emva kokufa komntu. Oku kuthiwa kukuvulela ongasekhoyo ‘indlela yokuwelela’ kwelemimoya. Enye into eqhelekileyo kukubenzela isidlo nokubasilela abantu abafileyo.

Ezi zinto azilunganga kuba zihambisela phambili ubuxoki bukaSathana ngemeko yabafileyo. Ngaba uYehova ebeya kukholiswa kukuba sibe nento yokwenza namasiko asekelwe kwimfundiso yeedemon? Nakanye!—2 Korinte 6:14-18.

Abakhonzi boThixo wenyaniso abananxaxheba konke konke kwizinto ezixhasa ubuxoki bukaSathana. Kunoko, ngothando banikela ingqalelo ekuncedeni abaphilayo nasekubathuthuzeleni. Bayazi ukuba xa umntu efile, nguYehova kuphela onokumnceda.—Yobhi 14:14, 15.

UThixo Uyakugweba Ukusebenzelana Nemimoya

Bambi abantu banxibelelana needemon ngokuthe ngqo okanye ngomntu oneshologu. Oku kuthiwa kukusebenzelana nemimoya. Ivoodoo, ubugqwirha, umlingo, ukuxel’ ithamsanqa nokuquqela kwabafileyo ziintlobo zokusebenzelana nemimoya.

UThixo uzichasile ezi zinto zimbi. Ufuna abantu bazinikele kuye ngokupheleleyo.—Eksodus 20:5

IBhayibhile iyazigweba ezi zinto, isithi: “Maze kungafunyanwa namnye kuwe . . . [uvumisayo], nolitola, nohlaba izihlabo, nokhafulayo, nobopha ngoomabophe, nobuza koneshologu, nosiyazi, noquqela kwabafileyo. Kuba balisikizi kuYehova bonke abenza ezo zinto.”—Duteronomi 18:10-12.

Kutheni uYehova esilumkisa ngokuqatha kangaka nje ngezi zinto?

UYehova usilumkisa ngazo zonke iintlobo zokusebenzelana nemimoya ukwenzela impilo-ntle yethu. Uyabathanda yaye unenkxalabo ngabantu, yaye uyazi ukuba abo banento yokwenza needemon baza kutsala nzima.

Omnye umntu owayenjalo yayinguNilda, owayeligqirhakazi eBrazil. Iidemon zabenza ubomi bakhe baneenkxwaleko. Ubalisa esithi: “Imimoya . . . yayindilawula, indiyalela ukuba ndenze oku nokuya. Ngalo mzuzu ndandiba sezingqondweni ngolandelayo zikhe zimke kancinane yaye ndakhe ndasiwa emagezeni ngenxa yezigulo zengqondo. Iidemon zazindiphethel’ imbengwane kangangokuba imithambo-luvo yam yaphazamiseka. Ndasebenzisa ipilisi zokuzinzisa imithambo-luvo ndaza ndaqalisa ukusela nokutshaya ngalo lonke ixesha. Oku kwaqhubeka kangangeminyaka.”

Izinto zidla ngokungabahambeli kakuhle abo basebenzelana nemimoya. Banokuphulukana namakhaya abo, inkululeko yabo kwanobomi babo

Ekuhambeni kwexesha, ngoncedo lukaYehova namaNgqina akhe asemhlabeni, uNilda wakhululeka kwimpembelelo yeedemon yaye ngoku uphila ubomi obunentsingiselo nobanelisayo. Uthi: “Ndikhuthaza bonke ukuba bangaze, nangomzuzwana nje, babe nento yokwenza nemimoya [engendawo].”