Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iidemon Zixoka Zithi Abafileyo Bayaphila

Iidemon Zixoka Zithi Abafileyo Bayaphila

IBhayibhile ithi uSathana ‘ulahlekisa elimiweyo liphela.’ (ISityhilelo 12:9) USathana needemon zakhe abafuni ukuba silikholelwe iLizwi likaThixo, iBhayibhile. Bazama ukuba abantu bakholelwe ekubeni abafileyo bayaphila ndaweni ithile kwelemimoya. Makhe sibone indlela abakwenza ngayo oko.

Unqulo Lobuxoki

Abantu, izilwanyana, iintlanzi neentaka—zonke ziyimiphefumlo

Iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba bonke abantu banomphefumlo odlulela kwelemimoya emva kokufa komzimba wenyama. Zithi umzimba uyafa kodwa umphefumlo awufi. Ngaphezu koko, zibetha ngenqindi phantsi zisithi umphefumlo awunakufa, ungongenakufa.

Kodwa iLizwi likaThixo alifundisi oko. IBhayibhile ibonisa ukuba umphefumlo ngumntu, awuyonto ingaphakathi emntwini. Ngokomzekelo, xa ichaza ukudalwa kuka-Adam, iBhayibhile ithi: “UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi, umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.” (Genesis 2:7) Ngoko uAdam zange anikwe mphefumlo; wayengumphefumlo.

Nezilwanyana kuthiwa ziyimiphefumlo.—Genesis 1:20, 21, 24, 30.

Ekubeni igama leBhayibhile elithi “umphefumlo” lisingisele emntwini ngokwakhe, ukufunda ukuba umphefumlo unako yaye uyafa akufanele kusimangalise. IZibhalo zithi:

  • “Umphefumlo owonayo, kuya kufa wona.”—Hezekile 18:4.

  • “Athi kuyo amadoda lawo, Umphefumlo wethu wofa esikhundleni sowenu.”—Yoshuwa 2:14.

  • “Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye, ukuphela kwam kube njengokwabo!”Numeri 23:10.

IBhayibhile ibonisa ukuba umphefumlo uyafa

Ezinye izibhalo zibonisa ukuba imiphefumlo inokutshatyalaliswa (Genesis 17:14), inokubulawa ngekrele (Yoshuwa 10:37), inokukrwitshwa (Yobhi 7:15), yaye inokurhaxwa (Yona 2:5, NW). Ngaloo ndlela, umphefumlo uyafa.

Ukuba ufunda iBhayibhile ukususela ekuqaleni kuse ekugqibeleni, akusoze ulibhaqe ibinzana elithi “umphefumlo ongafiyo.” Umphefumlo womntu awungomoya. Imfundiso yokungafi komphefumlo asiyomfundiso yeBhayibhile. Yimfundiso kaSathana needemon zakhe. UYehova ubuthiyile bonke ubuxoki bonqulo.—IMizekeliso 6:16-19; 1 Timoti 4:1, 2.

Abaneshologu

Enyanisweni ziidemon ezi zizenza imimoya yabafileyo

Enye indlela uSathana alahlekisa ngayo abantu kukusebenzisa abaneshologu. Oneshologu ngumntu okwazi ukufumana izigidimi ezivela ngokuthe ngqo kwelemimoya. Abantu abaninzi, kuquka nabaneshologu ngokwabo, bakholelwa ekubeni ezi zigidimi zivela kwimimoya yabangasekhoyo. Kodwa njengoko sibonile eBhayibhileni, oku akunakwenzeka.—INtshumayeli 9:5, 6, 10.

Ngoko, zivela kubani ezi zigidimi? Zivela kwiidemon! Iidemon ziyakwazi ukumqwalasela umntu ngoxa esaphila; ziyayazi indlela awayethetha ngayo loo mntu, indlela awayekhangeleka ngayo, oko wakwenzayo noko wayekwazi. Ngoko kulula ngazo ukuxelisa abantu abafileyo.—1 Samuweli 28:3-19.

Amabali Obuxoki

Enye indlela uSathana asasaza ngayo ubuxoki ngabafileyo kungokusebenzisa amabali obuxoki. Ngokufuthi la mabali abangela abantu bangayiboni inyaniso yeBhayibhile.—2 Timoti 4:4.

Bambi bacinga ukuba babone abantu ababuya ekufeni

EAfrika kukho amabali amaninzi angabantu ababonwa bephilile ngemva kokuba befile. Ngokufuthi, aba bantu babonwa kwiindawo ezikude kakhulu kwezo babehlala kuzo. Kodwa khawuzibuze: ‘Ngaba kubonakala kusengqiqweni ukuba xa umntu ebenamandla okubuya ekufeni, ebengabuyela kwindawo ekude lee nentsapho nabahlobo bakhe?’

Kwakhona, ngaba akunakuba mhlawumbi kubonwe nje umntu ofana nalowo wafayo? Ngokomzekelo, abalungiseleli ababini abangamaKristu ababeshumayela kummandla osemaphandleni baphawula ukuba kukho xhego lithile elalibalandela kangangethuba elide. Xa balibuzayo, bafumanisa ukuba lalicinga ukuba omnye waba balungiseleli wayengumntakwalo owafa kwiminyaka edluleyo. Kambe ke, laliphazama, kodwa alizange livume ukuba liyaphazama. Khawuthelekelele nje ibali elo xhego elalibalisela abahlobo nabamelwane balo kamva!

Imibono, Amaphupha Namazwi

Iidemon zikhohlisa abantu ngamaphupha, imibono namazwi

Ngokungathandabuzekiyo uyazazi izinto ezingaqhelekanga abantu abaye bazibona, baziva okanye baphupha ngazo. Ngokufuthi la mava angaphaya kwemvelo ayaboyikisa abo banawo. UMarein, owayehlala eNtshona Afrika, wayesoloko esiva izwi likaninakhulu ongasekhoyo limbiza ebusuku. Esoyika, uMarein wayedla ngokutsho esikrakra, atsho kuvuke wonk’ umntu kokwabo. Ekugqibeleni, waphambana.

Ngoko ke, ukuba ngokwenene abantu abafileyo bayaphila, ngaba kusengqiqweni ukuthi bebeya koyikisa abantu babo ababathandayo? Ngokuqinisekileyo akunjalo. Ezo zigidimi zenzakalisayo zivela kwiidemon.

Kodwa kuthekani ngezigidimi ezibonakala ziluncedo yaye zithuthuzela? Ngokomzekelo, uGbassay, waseSierra Leone, wayegula. Ephupheni wandwendwelwa nguyise ongasekhoyo. Wamyalela ukuba aye kumthi othile, athabathe igqabi lawo, alikhande alidibanise namanzi, aze awasele. Wayengamele athethe namntu ngaphambi kokuba enjenjalo. Wakwenza oku yaye waphila.

Omnye umfazi wathi wayibona indoda yakhe ngobunye ubusuku emva kokufa kwayo. Wathi yayikhangeleka kakuhle kwaye inxibe iimpahla ezintle.

Izigidimi nemibono enjalo zibonakala zilungile yaye ziluncedo. Ngaba zivela kuThixo? Hayi, aziveli kuye. UYehova ‘unguThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5) Ebengenakuze avume ukusiqhatha okanye ukusilahlekisa. Ziidemon kuphela ezikwenzayo oko.

Kodwa ngaba zikho iidemon ezilungileyo? Akunjalo. Nangona maxa wambi zisenokubonakala ziluncedo, zonke azilunganga. Xa uMtyholi wayethetha noEva, wabonakala enobuhlobo. (Genesis 3:1) Kodwa waba yintoni umphumo kuye akuba emphulaphule waza wenza oko wakuthethayo? Wafa.

USathana wathi uEva wayengayi kufa. UEva wakukholelwa oko, kodwa ekugqibeleni wafa

Uyazi ukuba akunto inqabileyo ukuba umntu ongcolileyo abonakalise ubuhlobo kwabo afuna ukubakhohlisa nokubaqhatha. Kukho isaci sesiNtu esithi, “Ing’ iyayikhotha kanti iyayixathula.” Yaye iLizwi likaThixo lithi: “NoSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya.”—2 Korinte 11:14.

UThixo akasaqhagamshelani nabantu abasemhlabeni ngamaphupha, ngemibono, okanye ngamazwi avela kwelemimoya. Ubakhokela aze abafundise ngeBhayibhile, enokumenza umntu ‘awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Timoti 3:17.

Ngaloo ndlela, xa uYehova esilumkisa ngamaqhinga kaMtyholi, oko ukwenza kuba esithanda. Uyazi ukuba iidemon ziziintshaba ezinobungozi.