Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ikamva Elimangalisayo

Ikamva Elimangalisayo

Kungekudala uSathana needemon zakhe baza kube bengasebenzi

Lincinane ixesha eliseleyo uSathana needemon zakhe bekhohlisa uluntu. UYehova sele ebagxothe kade ezulwini. (ISityhilelo 12:9) Kungekudala, kwakhona uThixo uza kuthabath’ amanyathelo ngoSathana needemon zakhe. Kumbono ovela kuThixo, umpostile uYohane wathi: “Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso. Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka. Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka.” (ISityhilelo 20:1-3) Kwixesha elizayo, uMtyholi needemon zakhe baza kutshatyalaliswa ngonaphakade.—ISityhilelo 20:10.

Abantu ababi abasemhlabeni nabo baza kutshatyalaliswa.—INdumiso 37:9, 10; Luka 13:5.

Abafileyo Baza Kuphila Kwakhona!

Abafileyo baya kubuyiselwa ebomini apha emhlabeni

Emva kokuba uSathana needemon zakhe beshenxisiwe, uYehova uza kuluzisela iintsikelelo ezininzi uluntu. Wokhumbula ukuba abafileyo abaphili, abakho. UYesu wafanisa ukufa nokulala—ukulala obentlombe ungaphuphi nokuphupha. (Yohane 11:11-14) Wakwenza oko kuba wayesazi ukuba laliza kufika ixesha lokuba abo balele ukufa bavuselwe ebomini. Wathi: “Kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni . . . baphume.”—Yohane 5:28, 29; thelekisa IZenzo 24:15.

Baya kubuyiselwa ebomini apha kulo mhlaba. Kunokuba kubhengezwe imiphanga, kuya kubakho iingxelo ezivuyisayo zabantu ababuyiselwe ebomini! Olunjani lona uvuyo ekuya kuba lulo ukwamkela esiba­thandayo bephuma emangcwabeni!