Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Intshayelelo

Intshayelelo

UDauda waseSierra Leone ubalisa esithi, “Ndakhulela kwidolophana ekwiphondo lasemntla. Ngaxa lithile, xa ndandiseyinkwenkwe, kwabakho ingxwabangxwaba phakathi kwentsapho yakowethu nenye intsapho zisilwa ngentsimi. Zombini zazibangisana ngayo. Ukuze kuzinziswe le mbambano, kwabizwa igqirha. Lanika enye indoda isipili, landula layigquma ngelaphu elimhlophe. Kungekudala le ndoda igqunyiweyo yaqalisa ukungcangcazela yaza yabila xhopho. Njengoko yayiqolozele esipilini, yadanduluka isithi: ‘Ndibona ixhego lisiza! Linxibe iimpahla ezimhlophe. Lithe ncothu yaye laluphele, lingwevu entloko, yaye liyatotoba ukuhamba oku.’

“Le ndoda yayichaza uTatomkhulu wam! Ityhwatyhwa yadanduluka isithi: ‘Ukuba anikukholelwa oku ndikuthethayo, yizani nize kuzibonela ngokwenu!’ Kambe ke, kwakungekho namnye kuthi owayenenkalipho yokwenjenjalo! Yathi thimbilili xa igqirha layifefa ngeyeza lomlingo elenziwe ngamanzi namagqabi athile, elaliliphethe ngemvaba.

“Esebenzisa indoda esesipilini ekuthetheni, ‘uTatomkhulu’ wathi le ntsimi yeyakowethu. Waxelela umakhulu ukuba ufanele ayilime intsimi ngaphandle kwexhala. Enye intsapho le yasamkela esi sigwebo. Yaba iyaphela imbambano ngolo hlobo.”

Amava anjalo aqhelekile eNtshona Afrika. Apha, njengakwezinye iindawo ehlabathini, izigidi ezingenakubalwa zabantu zikholelwa kwelokuba abantu abafileyo baya kwelemimoya, apho bathi bondele abantu abasemhlabeni baze baphembelele ubomi babo. Ngaba le nkolelo iyinyaniso? Ngaba ngokwenene abantu abafileyo bayaphila? Ukuba akunjalo, ngoobani abo bazenza imimoya yabafileyo? Ukwazi iimpendulo ezichanileyo kule mibuzo kubaluleke gqitha. Kungumbandela wokufa nokuphila.