Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Khonza UYehova, Ungakhonzi USathana

Khonza UYehova, Ungakhonzi USathana

Sonke sinelungelo lokwenza ukhetho. Sinokukhonza uYehova okanye sikhonze uSathana needemon zakhe. Asinakuba mbaxa. Hayi indlela ekububulumko ngayo ukukhonza uYehova!

UYehova Ulungile

Njengoko siye sabona, iidemon ziyakuthanda ukwenzakalisa nokukhohlisa abantu. UYehova akanjalo. Uyaluthanda uluntu njengobawo obathandayo abantwana bakhe. ‘Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sivela Kuye.’ (Yakobi 1:17) Akalubandezi nanye into elungileyo uluntu, kwanaxa oko kuthetha ilahleko enkulu kuye.—Efese 2:4-7.

UYesu, uNyana kaThixo, wabonakalisa uthando ebantwini ngokuphilisa izifo zabo

Cinga ngezinto awazenzayo emhlabeni uYesu, uNyana kaThixo. Wavula imilomo yezimumu namehlo eemfama. Waphilisa abantu ababeneqhenqa neziqhwala. Wakhupha iidemon waza waphilisa zonke iintlobo zezifo. Ngamandla kaThixo, uYesu wade wavusa nabafileyo.—Mateyu 9:32-35; 15:30, 31; Luka 7:11-15.

Kunokusixokisa ukuze asikhohlise, uThixo usoloko esixelela inyaniso. Akaze akhohlise namnye.—Numeri 23:19.

Luphephe Uqheliselo Olungcolileyo

Kanye njengoko inwebu yesigcawu ibambisa impukane, izigidi zabantu zibanjiswe ziinkolo nobuxoki. Zoyika abafileyo. Zoyika iidemon. Zinexhala lokuqalekiswa, ukugqwaliswa, ukushwatyulelwa nokubekelwa amakhubalo. Ziqanyangelwe ziinkolelo nazizithethe ezisekelwe kubuxoki bukaSathana uMtyholi. Abakhonzi bakaThixo ababanjiswanga zezi zinto.

UYehova unamandla gqitha kunoSathana. Ukuba ukhonza uYehova, uya kukukhusela kwiidemon. (Yakobi 4:7) Amakhubalo akayi kusebenza kuwe. Ngokomzekelo, eNigeria, iinkuntsela ezintathu zamagqirha zakhanda amaqwili zizama ukubulala iNgqina likaYehova elalingavumi ukuhamba kwidolophu ethile apho. Athi akungasebenzi la maqwili, elinye laloo magqirha loyika, laya kweli Ngqina, laza lacela uxolo.

Abemi base-Efese bazitshisa iincwadi zabo zobugqi

Ukuba iidemon ziyakukhathaza, unokubiza igama likaYehova yaye uya kukukhusela. (IMizekeliso 18:10) Kodwa ukuze uThixo akukhusele, umele wahlukane ngokupheleleyo nayo yonk’ into ehlobene nokusebenzelana nemimoya. Abanquli bakaThixo e-Efese yamandulo benjenjalo. Baziqokelela zonke iincwadi zabo ezazithetha ngobugqi baza bazitshisa. (IZenzo 19:19, 20) Abakhonzi bakaThixo namhlanje bamele benze okufanayo. Yahlukana nezinto zobugqwirha, amakhubalo, iintambo “zokuziqinisa,” amayeza obudemon, iincwadi zobugqi, nayo nayiphi na enye into ehlobene nokusebenzelana nemimoya.

Qhelisela Unqulo Lokwenyaniso

Ukuba ufuna ukukholisa uThixo, akwanele ukusuka nje ushiye unqulo lobuxoki uze uyeke ukwenza izinto ezimbi. Umele uzondelele unqulo olunyulu. IBhayibhile ichaza oko kufunekayo:

Yiya kwiintlanganiso zamaKristu.—Hebhere 10:24, 25

Fundisisa iBhayibhile.—Yohane 17:3

Shumayela kwabanye.—Mateyu 24:14

Thandaza kuYehova.—Filipi 4:6, 7

Bhaptizwa.—IZenzo 2:41

Nxulumana NamaNgqina KaYehova

Apha emhlabeni uSathana needemon zakhe banabantu abafundisa nabenza izinto eziphosakeleyo. Kodwa noYehova unabantu bakhe. BangamaNgqina kaYehova. (Isaya 43:10) Kuwo wonke umhlaba, kukho amaNgqina angaphezu kwezigidi ezithandathu. Onke alwela ukwenza izinto ezilungileyo nokufundisa abantu inyaniso. Kwinkoliso yamazwe, unokudibana nawo kwiHolo yoBukumkani, apho aya kukwamkela ngezandla ezishushu.

Umsebenzi wawo kukunceda abanye abantu bakhonze uThixo. Aya kufundisisa iBhayibhile kunye nawe ekhayeni lakho, ekunceda ufunde indlela yokunqula uYehova ngendlela efanelekileyo. Akuyomfuneko ukuba uhlawule ngako oko. AmaNgqina ayakuvuyela ukufundisa inyaniso kuba ayabathanda abantu ibe ayamthanda uYehova uThixo.

AmaNgqina kaYehova aya kukunceda ukhonze uThixo