Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imimoya Asingobantu Abakhe Baphila Emhlabeni Baza Bafa

Imimoya Asingobantu Abakhe Baphila Emhlabeni Baza Bafa

Imimoya ikho! Kummandla ongabonakaliyo womoya, kukho imimoya elungileyo nemibi. Ngaba le mimoya ngabantu ababephila emhlabeni baza bafa?

Hayi, akunjalo. Xa umntu esifa, akadluleli kwelemimoya, njengoko abantu abaninzi becinga njalo. Sikwazi njani oku? Sinokuqiniseka kuba iBhayibhile itsho njalo. IBhayibhile yincwadi yenyaniso evela kokuphela koThixo wenyaniso, ogama linguYehova. NguYehova owadala abantu; ukwazi kakuhle oko kwenzekayo kubo xa besifa.—INdumiso 83:18; 2 Timoti 3:16.

UAdam wayethatyathwe eluthulini, wabuyela kwaseluthulini

IBhayibhile ithi uThixo wambumba uAdam, umntu wokuqala, “ngothuli lwasemhlabeni.” (Genesis 2:7) UThixo wambeka eParadisi, umyezo wase-Eden. Ukuba uAdam wayewuthobele umthetho kaYehova, ngewayengafanga; nanamhlanje ngesaphila emhlabeni. Kodwa xa uAdam wathi ngabom wawutyeshela umthetho kaThixo, uThixo wathi kuye: “[Uya] kubuyela emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.”—Genesis 3:19.

Kuthetha ukuthini oku? Kaloku, wayephi uAdam ngaphambi kokuba uYehova amdale ngothuli? Wayengekho. Wayengesosidalwa somoya esingekazalwa nesihlala ezulwini. Wayengaphili. Ngoko xa uYehova wathi uAdam wayeya “kubuyela emhlabeni,” wayethetha ukuba uAdam wayeza kufa. Akazange awelele kummandla womoya. Ekufeni, uAdam kwakhona wabuyela kwimeko yokungaphili, yokungabikho. Ukufa kukungabi nabomi.

Kodwa kuthekani ngabanye abantu abafileyo? Ngaba nabo abaphili? IBhayibhile iyaphendula:

  • “Zonke ezo nto [abantu nezilwanyana] ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini.”—INtshumayeli 3:20.

  • “Abafileyo abazi lutho.”—INtshumayeli 9:5.

  • “Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo.”—INtshumayeli 9:6.

  • “Akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo [engcwabeni], apho uya khona.”—INtshumayeli 9:10.

  • “[Umntu ubuyela] emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.”—INdumiso 146:4.

Ngabantu abaphilayo kuphela abanokuzenza ezi zinto

Ngaba ukufumanisa kunzima ukuzikholelwa ezi zibhalo? Ukuba kunjalo, khawucinge ngale meko: Kwiintsapho ezininzi, indoda yamkela imali ukuze ixhase intsapho yayo. Xa loo ndoda isifa, ngokuqhelekileyo intsapho yayo itsala nzima. Maxa wambi umfazi nabantwana bayo ababi nayo kwanemali eyaneleyo yokuthenga ukutya. Mhlawumbi iintshaba zaloo ndoda ziya kubaphatha kakubi. Ngoku khawuzibuze: ‘Ukuba loo ndoda iyaphila kwelemimoya, kutheni kaloku ingaqhubeki iyilungiselela nje intsapho yayo? Kutheni kaloku ingayikhuseli nje intsapho yayo kubantu abakhohlakeleyo?’ Kungenxa yokuba ezi zibhalo zichan’ ucwethe. Loo ndoda ayiphili, akukho nto inokuyenza.—INdumiso 115:17.

Abantu abafileyo abanakubondla abantu abalambileyo okanye bakhusele abaphethwe kakubi

Ngaba oku kuthetha ukuba abafileyo abasokuze babuyele ebomini kwakhona? Hayi, akuthethi oko. Siza kubuye sithethe ngovuko kamva. Kodwa kuthetha ukuba abantu abafileyo abakwazi oko ukwenzayo. Abanako ukukubona, ukukuva, okanye ukuthetha nawe. Akunasizathu sakuboyika. Abanakukunceda, bengenako nokukwenzakalisa.—INtshumayeli 9:4; Isaya 26:14.