Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umhlaba OyiParadisi

Umhlaba OyiParadisi

UYehova uya kubutshayela kuthi tu ububi obubangelwe nguSathana. UYehova umise uYesu ukuba abe nguKumkani phezu kwawo wonke umhlaba. Phantsi kolawulo lwakhe, umhlaba uya kwenziwa iparadisi.—Daniyeli 7:13, 14; Luka 23:43.

UYehova uthembisa ezi zinto:

  • INTABALALA YOKUTYA: “Umhlaba [uya kuyivelisa] indyebo yawo; uya kusisikelela uThixo, uThixo wethu.” “Makubekho intabalala yengqolowa ezweni; ise encotsheni yeentaba.”—INdumiso 67:6; 72:16.

  • IMFAZWE AYISAYI KUBAKHO: “Yizani nikhangele imisebenzi kaYehova: owenze iziphanziso ehlabathini; ulophelisa iimfazwe kude kuse eziphelweni zehlabathi.”—INdumiso 46:8, 9.

  • ABANTU ABABI ABAYI KUBAKHO: “Ngokuba abenzi bobubi baya kunqunyulwa . . . Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.”—INdumiso 37:9, 10.

  • UKUGULA, UKUKHALA, OKANYE UKUFA AKUYI KUBAKHO: “Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge.”—Isaya 35:5, 6.

    “Yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo; azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.”—ISityhilelo 21:3, 4.

Ngokungafaniyo noSathana needemon, uYehova akaze axoke. Yonk’ into ayithembisileyo imele izaliseke. (Luka 1:36, 37) UYehova uyakuthanda kwaye ufuna ukuba uphile kwiParadisi aza kuyenza. Ngoko bonana namaNgqina kaYehova ukuze ufunde okungakumbi ngeenyaniso ezimangalisayo ezifumaneka kwiLizwi likaThixo. Ukuba uyayisebenzisa le nyaniso kubomi bakho, uya kukhululwa kubukhoboka bobuxoki, beenkolo nobokungazi. Ekuhambeni kwexesha, uya kude ukhululwe nakubukhoboka besono nokufa. Kunjengokuba uYesu wathi: “Naniya kuyazi inyaniso, yaye inyaniso iya kunikhulula.”—Yohane 8:32